IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 10/8 iphe. 23-24
  • Ukuqhatha Egameni Lonqulo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuqhatha Egameni Lonqulo
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iindlela Ezininzi Zobuqhetseba Bonqulo
  • Axhaphaza Abalupheleyo
    Vukani!—1997
  • Indlela Onokuzikhusela Ngayo Kurhwaphilizo
    Vukani!—2004
  • Lumka! Amaqothaqikili Aphum’ Iphulo
    Vukani!—1997
  • Amahlelo—Ayintoni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
Vukani!—1997
g97 10/8 iphe. 23-24

Ukuqhatha Egameni Lonqulo

UKUBA usala ubamb’ ongezantsi okanye uxhelek’ intliziyo bobu buqhetseba sele bukhankanyiwe, asinguwe wedwa. Kodwa kude kwakho nezinye iintsilikihla zobuqhetseba—ezenziwa egameni lonqulo. Obunye obuqhelekileyo bunxulumene nenkolelo yokuba umphefumlo uyaqhubeka uphila emva kokufa nobokuba abafileyo banokubanceda abafi. Izigidi zabantu abanyanisekileyo ehlabathini lonke kuye kwathiwa mazikholelwe kwelokuba ngokuhlawula inkuntyula yemali, zinokunceda okanye zixolise abafileyo ezibathandayo.

Namhlanje, kwamanye amazwe, kungenelele nenye into kobu buqhetseba bantlandlolo. Ngokomzekelo, kutshanje eJapan abefundisi nabefundisikazi bamaBhuda abazibanga benegunya lokomoya babanjwa, kurhanelwa ukuba babhunyula amarhamente amakhulu ezigidi zee-yen. Abo babanjwayo babesithi bayaphilisa yaye banceda abantu. Abo basabelayo kwisibhengezo sabo ngabafazi abangaphangeliyo ababaxelela ukuba bakhathazwa yimimoya yabantwana babo abafileyo. IMainichi Daily News yanikela le ngxelo: “Kwathiwa la mabhinqa makahlawule ii-yen ezili-10 lezigidi [ii-R354 400] zokuqhuba inkonzo yomngcwabo.” Elinye ibhinqa elineminyaka engama-64 ubudala lakhupha ngaphezu kwee-yen ezisisi-6,65 zezigidi (malunga nee-R234 800). Eli bhinqa laliye kwaba befundisi malunga nempilo yomntwana walo. IThe Daily Yomiuri yathi: “Kuthiwa bathi kweli bhinqa liya kuba nelishwa ukuba alenzi inkonzo ekhethekileyo yokukhumbula imiphefumlo yookhokho balo nokuze lizikhusele kwimimoya.”

Ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile belunokubakhusela aba bantu bavuma yonk’ into ekuqhathweni. Ilikhupha litsole elokuba umphefumlo uyafa. (Hezekile 18:4) Abafileyo “abazi lutho,” itsho njalo INtshumayeli 9:5. Ngoko abafileyo abanakubenzakalisa abaphilayo. Nabaphilayo abanakubanceda abafileyo.

Iindlela Ezininzi Zobuqhetseba Bonqulo

Ngenxa yokubawa, bambi baba ngamaxhoba obuqhetseba bonqulo. EOstreliya esinye isibini esithi sinamandla angaphezu kwawemvelo nesithi siyakwazi ukusikelela imali siyenze ibe ninzi sanikwa ii-$100 000 (ii-R345 000) yindoda eyayifuna ukuba imali yayo yande. Sathi mayifake le mali ebhokisini ize isinike ukuze “siyingcwalise.” Esi sibini sathabatha le bhokisi sangena nayo kwelinye igumbi ukuze siyisikelele ngoxa le ndoda yayilindile. Sabuya, saza sayinika le bhokisi, siyilumkisa ukuba nokuba sele kutheni ingayivuli le bhokisi de ibe ngunyaka wama-2000. Ibe kwakuza kwenzeka ntoni xa iyivula? Yaxelelwa ukuba “umlingo wawuya kuphelelwa, ibe yayiza kutyhaphaka, inwele zayo ziduzuke, yayiza kuba nomhlaza, ize ibulawe kukufa kwamalungu omzimba.” Noko ke, emva kweeveki ezimbini, le ndoda yaqala ukungalali boya yaza yayivula le bhokisi. Isimanga sezimanga! Yayizele ziimvuthuluka zamaphepha. Eli phephandaba lalisenza ingxelo lathi, izibek’ ityala, ibe eyona nto ingumnqa kukuba, “yayisele iqalisile ukuba nempandla.”

EItali ubuqhetseba buye baphethuka ngendlela ebingalindelekanga: Bambi abefundisi baye babethwa ngemf’ iphindiwe ngamaqothaqikili azenza amaKatolika azinikeleyo. Amaqothaqikili axhaphaza isithethe samaKatolika sokuhlawulela iiNkonzo ezenzelwa umntu ofileyo. Akwenza njani oko? Iphephancwadi lamaKatolika iFamiglia Cristiana lithi la mabhedengu athi aza kuhlawulela kusengaphambili iiNkonzo ezenzelwa umntu ofileyo ngetsheki yobuqhetseba ethe kratya kuloo mali ifunwayo. Umfundisi okholelwa yonke into uqatyw’ intshongw’ emehlweni ukuba abanike itshintshi yaloo tsheki esandleni. La maqothaqikili ayayifumana le mali, ibe umfundisi uyayibuyiselwa le tsheki kuba imali anayo ebhankini ingaphantsi kule tsheki!

EUnited States, abalupheleyo basoloko bephekwa besophulwa ngamahlelo onqulo afuna amalungu amatsha okuzalisa iingxowa zawo ngemali. Iphephancwadi iModern Maturity lathi: “Kwilizwe lonke, amahlelo athobela owona mthetho ubalulekileyo wabo bonke ubuqhetseba: Yiya kwabo banemali. Njengembuyiselo athembisa yonke into enoba yimpilo, inguqu kwimeko yezobupolitika nobukumkani bamazulu.” Omnye ojongene neenkcukacha ezimalunga nababesakuba ngamalungu ehlelo wacatshulwa esithi: “Ihlelo liphila ngaba balupheleyo.”

Kusenokubandakanyeka imali eninzi. Elinye igqwetha laseNew York eliye lachophela amatyala amaninzi abandakanya amahlelo lathi: “Zininzi iimeko apho abantu baye bazenza bangamahlwempu. Ukususela kwabo baye bacelwa ukuba benze iminikelo yemali enamanani amathandathu ukusa kwabo bafumana nje iitsheki kwiNgxowa-mali Yokuxhasa Abakhulileyo baze banikise ngazo.” Longezelela ngelithi: “Oku kubuhlungu—kwabo baqhathwayo nakwiintsapho zabo.”

Ngoko lumka! Amaqothaqikili aphum’ iphulo. Ubuqhetseba bokulungiswa kwezindlu, ubuqhetseba bokurhweba ngemfonomfono, nokuqhatha egameni lonqulo, ezo ziindlela nje ezimbalwa asebenza ngazo. Kunzima ukuwachaza onke amacebo awo, kuba asoloko esiza namaqhinga amatsha. Kodwa ngaphandle kwamathandabuzo okuchazwe apha kuya kukunceda ubone imfuneko yokulumka, ibe mhlawumbi leyo yeyona ndlela ilungileyo onokuzikhusela ngayo. (Bona ibhokisi ekwiphepha 22 ethi, “Indlela Yokuthintela Ukuqhathwa.”) Isilumkiso somzekeliso wamandulo weBhayibhile ufaneleke gqitha: “Isiyatha sikholwa ngamazwi onke; onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe.”—IMizekeliso 14:15.

[Imifanekiso ekwiphepha 24]

Izigidi zabantu zikholelwa kwelokuba ngokuhlawula imali zinokunceda okanye zixolise abafileyo bazo ezibathandayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share