Imfazwe Ibulala Abantwana Abaninzi
UBUNTWANA bufanele bube lixesha elimnandi. Ixesha lokuxatyiswa, elokunyanyekelwa. Ixesha lokungazi nokuba kubethw’ abaphi. Abantwana kulindeleke ukuba badlale, bafunde baze bakhe iimpawu eziya kubanceda babe ngabantu abakhulu abathwala iimbopheleleko. Abantwana abazonto nje zokubulawa, yaye abamele babe ngababulali. Noko ke, ngamaxesha emfazwe kwenzeka izinto ezininzi ebezingafanele ukwenzeka.
Okulusizi kukuba, imfazwe igquba ehlabathini lonke yaye ibulala abantwana abaninzi, ithwaxa abantwana nobuntwana babo. Ngowe-1993, kumazwe angama-42 kwakugquba iimfazwe yaye kwamanye angama-37 kwaqhambuka ugonyamelo lwezobupolitika. Kwilizwe ngalinye kula angama-79 kwakukho abantwana.
Abantu abaselula abaninzi namhlanje abalwazi nokuba lunjani uxolo. Ekupheleni kowe-1995, eAngola bekukho imilo kangangeminyaka engaphezu kwama-30, eAfghanistan kangangeminyaka eli-17, eSri Lanka kangangeminyaka eli-11, yaye eSomalia kangangeminyaka esi-7. Kwiindawo ngeendawo, abezobupolitika babethetha kom’ amathe “ngenkqubo yokuzis’ uxolo,” kodwa ibe imfazwe ithe gqolo ibulala abantu.
Akungoku imfazwe isenzakalisa abantwana, kodwa uhlobo olutsha lweemfazwe eziliwayo kula maxesha zitshayela abahlali, ziye kuqhina ebantwaneni. Kwiimfazwe zenkulungwane ye-18 neye-19 nezasekuqaleni kwale nkulungwane, amaxhoba emfazwe amalunga nesiqingatha yayingabahlali. KwiMfazwe Yehlabathi II, eyaliwa phakathi kowe-1939 nowe-1945, abahlali abafa apho babesisibini kwisithathu sabantu abafa emfazweni, omnye unobangela woko ikukuqhushumbiswa kweebhombu ezixekweni.
Ngasekupheleni kweyee-1980, abahlali abenzakaliswa yimfazwe banda baphantsa baba ngama-90 ekhulwini! Esinye isizathu soku kukuba imfazwe iye yantsonkotha ngakumbi. Imikhosi ayisangquzulani kumathafa edabi. Inkoliso yeemfazwe namhlanje azisaliwa ngamazwe namanye amazwe, kunoko ilizwe elinye lilwa lodwa. Ngaphezu koko, lo mlo uqhubeka ezidolophini okanye ezixekweni, yaye apho ke, beqhutywa yinkohlakalo nokungathembani, ababulali babulala kwanto nje bengakhethi phakathi kotshaba nomntu ozihambelayo.
Ukungxwelerheka kwabantwana kuye kwathabath’ unyawo. Kuqikelelwa ukuba kule minyaka ilishumi idluleyo, ngokutsho kweUnited Nations Children’s Fund, iimfazwe zishiye itshoba lilel’ umbethe kubantwana abazizigidi ezibini zaza zashiya abazizigidi ezine ukusa kwezihlanu bengxwelerhekile. Imfazwe ishiye abantwana abangaphezu kwesigidi beziinkedama yaye abazizigidi ezili-12 bengenamakhaya. Ngenxa yemfazwe, abantwana abamalunga nezigidi ezilishumi baphazamisekile engqondweni.
Kwiindawo zogcino zincwadi kuzele iincwadi ezithetha ngemfazwe. Ezi ncwadi zixubusha indlela nesizathu sokuliwa kweemfazwe; zichaza izixhobo neendlela zokulwa ebezisetyenziswa; zothulel’ umnqwazi iinjengele ezithile ezazitshotsha phambili kolo phalazo gazi. Imifanekiso eshukumayo ibalaselisa uqulukubhode owawuqhubeka apho ize ikufihle ukubandezeleka kwabantu ngenxa yemfazwe. Ezi ncwadi nale mifanekiso ishukumayo ayifane ithethe ngamaxhoba amsulwa. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngendlela abantwana abaye baxhatshazwa ngayo besenziwa abaphumi-mkhosi, indlela abaye bangawona maxhoba asesichengeni, nesizathu sokuba sithi abantwana namhlanje banokunandipha ikamva eliqaqambe ngokwenene.