Ngaba Luya Kuze Lubekho Uxolo Nenzolo?
XA BABEBUZWA eyona nto bayifunayo xa besiya ekhefini kwelinye ilizwe, phantse abakhenkethi abathathu kwabane baseBritani baphendula bathi, “Uxolo nenzolo.” Kodwa ekubeni ungcoliso lwengxolo luyingxaki ehlabathini lonke, abaninzi bakholelwa kwelokuba uxolo lokwenene nenzolo yintsom’ emini.
Phezu kwalo nje idabi eliliwayo lokunciphisa ingxolo, usenokuzibuza ukuba kusengqiqweni kusini na ukukholelwa kwelokuba liya kuze liphunyelelwe. Kuthekani ngabanye abangazidubiyo ngale nto ikuxhalabisayo?
Imiqobo Emele Ishenxiswe
Asiyondlwan’ iyanetha ukuthetha noobholel’ ecaleni, singasathethi ngokubazisa kule nto uyicingayo. Xa iququbelana lolutsha elifundekelayo lalenze isigqubu ngaphandle kwesakhiwo ahlala kuso uRon, wazama ukwakha ubuhlobo nalo. Wazama ukwazi amagama alo. Wada walungiselela omnye apho ibhayisikile yakhe. Lagqibelisa loo mini ukumkhathaza.
Khawucinge ngoMarjorie, umzali ongenaqabane lomtshato onentombi ekwishumi elivisayo, ohlala kwigumbi eliqeshiswayo ophahlwe ngabamelwane abangxolayo. Aba bahlala kwigumbi elisentla kwakhe abanakhaphethi emgangathweni. Ngenxa yoko, uMarjorie uphithikezwa yingxolo yabantwana betyibilika ngezihlangu ezinamavili, begqampisa ibhola, okanye bexhumaxhuma ebhedini. Ukongezelela koku, umama walapho uya kufika etsho ngezihlangu ezichophileyo xa esekhaya. UMarjorie wathetha naye ngobuhlobo lo mmelwane wakhe ecela ukuba athob’ ingxolo, kodwa kwacaca ukuba abevani ngenxa yolwimi. Iziko lasekuhlaleni likamasipala lithembise ukuthumela itoliki eza kubanceda bacombulule le ngxaki, ngoko uMarjorie unethemba lokuba izinto azisayi kufana.
Kwigumbi elingezantsi kwakhe kukho ndoda ithile ewuvulela kakhulu umculo phakathi kwentsimbi yesixhenxe neyesibhozo kusasa, notsho ngomgqumo ongongoza ngaphakathi. Wathi xa ethetha nale ndoda ngobuchule yamxelela ukuba loo mculo wawuyinceda ‘ibe semdleni wokusebenza.’ Ufane ayithini le meko uMarjorie?
Uthi: “Ndizama ukuzeyisa ndize ndibe nomonde. Ndilutshintshile ucwangciso lwam, yaye ndiye ndiqubule incwadi ndifunde enoba kukho ingxolo etshoyo. Ndifumanisa ukuba ingqondo yam ikhawuleza ibambiseke kuloo ncwadi. Ngoko andiyiveli ntweni loo ngxolo.”
UHeather, kwelinye icala, uhlala kwigumbi eliqeshiswayo elijongene nendawo yemijuxuzo yasebusuku, evala ngentsimbi yesithandathu kusasa emva kokuba bekudyushwa ubusuku bonke. Nangona ekugqibeleni waya kukhalaza kwabasemagunyeni, akukho nto ingako yenziwayo ukuthibaza loo ngxolo.
Ngaba Ingxolo Iya Kuze Iphele?
UGqr. Ross Coles weMedical Research Council’s Institute of Hearing Research yaseBritani uthi: “Abantu abaninzi abonwabi xa kuthe nzwanga.” Ukuntyiloza kuhle kweentaka, uphaxu owenziwa ngamaza elunxwemeni, intsholo eyenziwa ngabantwana—ezi zandi nezinye ziyasichulumancisa. Nangona ngoku sisenokuba sifuna ukwahlukana nengxolo, siyavuyiswa kukuhlala nabahlobo sidle iimbadu. UThixo uthembisa abakhonzi bakhe ngoxolo nenzolo.
EBhayibhileni umdumisi uthi: “Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:11) Urhulumente obuBukumkani bukaThixo basezulwini uza kungenelela kungekudala kwiimeko zabantu. (Daniyeli 2:44) Emva koko, phantsi kolawulo lukaKristu Yesu, kuya kubakho ‘uxolo oluninzi, ide ingabi sabakho inyanga.’—INdumiso 72:7; Isaya 9:6, 7.
Ungaqiniseka ngelokuba xa uThixo engenelela kuya kubakho uxolo nenzolo sonke esiyinqwenelayo, kanye njengokuba umprofeti kaThixo uIsaya waxela kwangaphambili: “Umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade; abantu bakowethu baya kuhlala . . . ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba.”—Isaya 32:17, 18.
Kwanangoku, unokulufumana uxolo nenzolo yokomoya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo. Nangona maxa wambi amashumi amawaka awo aye ahlanganisane ngenjongo yonqulo kwiindibano ezinkulu—yaye kwezi ntlanganiso ‘kuyaxokozelwa ngamadoda, abafazi nabantwana’—kodwa loo ntsholo ayiphazamisi kodwa itsho kamnandi. (Mika 2:12) Khawuzibonele ngokuhlanganisana namaNgqina ekuhlaleni okanye ubhalele kwenye yeekhelingi ezikwiphepha 5 leli phephancwadi ukuze uqhagamshelane nawo. Nandipha uxolo nenzolo yokwenene ngokunxulumana nawo yaye mhlawumbi nangonaphakade.