IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 11/8 iphe. 25-29
  • Ingxolo—Oko Unokukwenza Ngayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ingxolo—Oko Unokukwenza Ngayo
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni Ungcoliso Lwengxolo?
  • Imiphumo Yengxolo
  • Oko Unokukwenza
  • Indlela Yokuthintela Ingxolo
  • Ingxolo—Esona Siphazamisi Sale Mihla
    Vukani!—1997
  • Ngaba Luya Kuze Lubekho Uxolo Nenzolo?
    Vukani!—1997
  • Khusela Iindlebe Zakho!
    Vukani!—2002
  • Ukulinda EYerusalem
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Khangela Okunye
Vukani!—1997
g97 11/8 iphe. 25-29

Ingxolo—Oko Unokukwenza Ngayo

UDINWE uyimfe ekupheleni kosuku, ukobentlombe ubuthongo. Ngesiquphe, wothuswa kukuxwaxwa kwezinja zaselumelwaneni. Uyaguquka kuloo mandlalo wakho uneqikili lokuba loo welewele uza kukhawuleza aphele. Kodwa ziyaphikelela. Zingakuphi siqabu, ezi zinja zikhonkotha undokhonkotha. Ufuthekile ngumsindo, umbinambineka ngenxa yokungehli kobuthongo, yaye kuphele nobusemcepheni ubuthongo, uyazibuza ukuba abamelwane bakho bamelana njani nesinje sona isankxwe.

Abantu bashiyana kakhulu ngendlela abayinyamezela ngayo ingxolo. Abasebenzi kwisikhululo seenqwelo-moya abahlala kufutshane nendlela ebaleka kuyo inqwelo-moya akukho nto ingako ibenza yona ingxolo yenqwelo-moya xa ubathelekisa nabo banomsebenzi ongenakuthanani neenqwelo-moya. Umama osebenzisa isixhobo sombane sokuzamisa okanye ukusika uyinyamezela bhetele loo ngxolo kunomntu ohleli kwelinye igumbi ezama ukufunda incwadi okanye ukubukela umabonwakude.

Yintoni Ungcoliso Lwengxolo?

Lizwe ngalinye linendlela yalo yokuchaza ungcoliso lwengxolo. EMexico, ingxolo “siso nasiphi na isandi esiphazamisayo okanye esinokwenzakalisa abantu.” ENew Zealand ingxolo iba yeqatseleyo xa “idubaduba uxolo, ukuphumla nolonwabo lwakhe nawuphi na umntu.”

Izazinzulu ezimbini ezidumileyo, uAlexander Graham Bell, oweza nemfonomfono, noHeinrich Hertz, ingcali yemichiza yaseJamani, banento ethile ebadibanisa nemilinganiselo esetyenziswayo kwisandi. Iibels, okanye ngendlela eqheleke ngakumbi iidecibels (isinye eshumini sebel), ngumlinganiselo wengxolo yesandi esithile, ngoxa iihertz zingumlinganiselo wokutswina kwesandi eso, okanye amaza aso emoyeni. Xa kusenziwa umlinganiselo wengxolo, iingxelo zawo zidla ngokubizwa ngokuba ziidecibels zesandi.a

Kodwa ngubani owenza isigqibo sokuba yingxolo engakanani ephazamisayo? Nguwe, wena uyivayo! IThe Independent yaseLondon ithi: “Esona sixhobo siphuma phambili sokuhlola ingxolo ephazamisayo yindlebe yomntu.”

Imiphumo Yengxolo

Ekubeni indlebe ‘isesona sixhobo siphuma phambili’ sokuhlola ingxolo, lizicacele elokuba ilelona lungu lisesichengeni sokonzakaliswa yiyo. Ukuba iseli yakho e-ethe-ethe engaphakathi endlebeni yakho inokonakala uya kuba sisithulu sikanaphakade. Liyinyaniso lona elokuba indlela abantu abasabela ngayo kwingxolo ayifani. Kodwa ukuba usoloko ukwindawo enengxolo engaphezu kweedecibels ezingama-80 ukusa kwezingama-90 iindlebe zakho ziya kuba buthuntu ngokuthe ngcembe. Eneneni, ukuba ukwindawo enengxolo etsho iindlebe zithi cike, kungentsuku zatywala uya kuzibona sele ubuthuntu ekuveni.

Iphephancwadi iNew Scientist linikela ingxelo yokuba inkoliso yezidlali-mculo ezineentambo ezifakwa endlebeni ezithengiswa eFransi zinomlinganiselo wengxolo oziidecibels ezili-113. Lacaphula olunye uhlolisiso, olwalusithi “umculo we-rock ovulelwe kakhulu kangangeyure kwisidlali somculo uqabela ngaphaya kwee-decibels ezili-100 yaye ude uye kufikelela kwii-decibels ezili-127.” Enye into eyingozi ngakumbi yingxolo ebakho xa kukho umnyhadala womculo. Omnye umphengululi wabona abantu bengungelene ngakwizandisi-lizwi ezipakishiweyo bethe minxi iingqondo. Usibalisela enjenje: “Ndasuka ndanorhatyazo emehlweni, loo mgqumo wangathi utsho ngaphakathi, yaye loo ngxolo yayisitsho iindlebe zibe ngathi ziza kugqabhuka.”

Yintoni enokwenziwa yingxolo kuwe? Omnye umthombo uthi: “Ingxolo ezingayo ekumlinganiselo oqhelekileyo okanye ongaphaya kokuqonda inokubangela uxinezeleko, ukudinwa nokucaphuka msinya.” UNjingalwazi Gerald Fleischer, weUniversity of Giessen, eJamani uthi: “Inzwinini yengxolo ayaneli nje ukukushiya ungonwabanga, inokumshiya umntu edinwe eyimvoco.” Xa uneenzingo zakho kutsho nengxolo ngaphezulu, ngokutsho kukaNjingalwazi Makis Tsapogas, loo nto ingakutsho udandatheke ide ikugulise.

Ukuhlala ukwindawo enengxolo kunokuphazamisana nobuntu bakho. Xa abaphengululi baseBritani benza uhlolisiso bebuza amaxhoba ongcoliso lwengxolo indlela abajonga ngayo abo bayenzayo, bathi babathiyile, bafuna ukuziphindezela kubo, yaye babawela nokubabulala. Kwelinye icala, aba bafundekelayo bona baba lugcalagcala ngumsindo xa kusoloko kukhalazelwa ingxolo yabo. Omnye okwiphulo lokulwa nengxolo uthi: “Ingxolo ibangela abantu bangakhathalelani yaye iqhwaya uchuku nobutshaba.”

Abantu abaninzi abakhathazwa lungcoliso lwengxolo baphawula ukuba esi siphazamisi asisabakhathazi kangako. Bafana nqwa nelinye ibhinqa elalinabamelwane ababesoloko benomculo ofundekelayo nelathi: “Xa kunyanzelekile ukuba uphulaphule into ongafuni kuyiva, iyawudubaduba umzimba wakho. . . . Kwanaxa isathe nqum loo ngxolo, iba ngathi ayisaqali.”

Ngoko, ngaba ungcoliso lwengxolo nguncanyelweni?

Oko Unokukwenza

Xa wonk’ ubani esitsho ngeyakhe ingxolo, abantu abaninzi abaziva xa bephazamisa abanye. Ukuba bebesazi, ngekudala bahlukana naloo nto. Yiloo nto ke kunokuba luncedo ukukhe uthethe nommelwane obangela ingxolo ngobuhlobo. Omnye umntu wayeligqabi ngumsindo kuba ummelwane wakhe waya kukhalazela ingxolo yakhe kwabasemagunyeni. Wathi: “Ndicinga ukuba xa bedikwe yingxolo yam ngebabeze kum sithethe.” Omnye umama owayesenzela abantwana itheko wothuka xa ebona kungena igosa lize kusabela isikhalazo sengxolo. Wathi: “Akwaba abo bantu bakhalazayo ngebesuke baza kunkqonkqoza apha kwam baze bandixelele ukuba ndiyabaphazamisa.” Yiloo nto ke, elinye igosa lemekobume laseBritani lothukayo kukufumanisa ukuba ama-80 ekhulwini abantu abakhalazela abamelwane ngengxolo abazange bakhe baye kubamelwane babo becela ukuba bathobe ingxolo.

Ukungathethi kwabantu nabamelwane abangxolayo kudiza ukungahlonelani. ‘Xa ndifuna ukudlala umculo, ndiza kuwudlala. Lilungelo lam elo!’ leyo yimpendulo abalindela ukuyifumana nabasoloko beyifumana. Boyika ukuba xa besiya kucela loo mmelwane ungxolayo ukuba ayithobe kancinane ingxolo baya kuba bazithezele olunenkume ekubeni eza kubaxelela ukuba bangoogqada-mbekweni. Ilusizi injalo ke imeko yebutho labantu lanamhlanje! Ifana twatse naleyo ichazwe yiBhayibhile yokuba kula ‘maxesha amanqam ekunzima ukuqhubana nawo,’ abantu ngokubanzi baya kuba ‘ngabazithandayo, abanekratshi, iindlobongela, nabaneentloko ezilukhuni’!—2 Timoti 3:1-4.

Ubukhulu becala konke oku kuxhomekeka kwindlela ixhoba eliwungena ngayo lo mba. Iphephancwadi iWoman’s Weekly lathetha ngale ndlela ilandelayo yokulungisa imicimbi xa uye waya kukhalaza ngendlela ekrwempayo waza wahlangana neembila zithutha: “Ngobubele nangobuntu unokuthi, ‘Ndicela uxolo—ndonganyelwe ngumsindo kodwa ndidinwa gqitha xa ubuthongo bungehli’ mhlawumbi kusenokuba kuphela kwento efunekayo yokuxolisa [ummelwane ongafuni nokuva].” Mhlawumbi bangakuvuyela ukusibhekelisa isidlali somculo kwicala elikufutshane nodonga lwakho baze bangasingxolisi kakhulu.

Eneneni, kuluncedo ukuhlalisana kakuhle nabamelwane bakho. Wambi amagunya asekuhlaleni karhulumente aneenkonzo zokulamla xa abamelwane bexabana. Ekubeni kudala ingxabano ukuya kukhalaza kwabasemagunyeni, ukucela iziko elisemthethweni kufanele kube “yinto yokuncamela.”

Ukuba ujonge ukufudukela kwindawo entsha, kunokuba bubulumko ukuba uhlole kwimithombo ethile iingxolo eziphazamisayo apho ngaphambi kokuba utyikitye zonke izivumelwano. Abathengisi bezindlu bacebisa ukuba uyityelele ngamaxesha awahlukeneyo emini loo ndawo iza kuba likhaya lakho ukuze uhlole ingxolo. Unokucela uluvo lwabamelwane abalapho. Ukuba kuvele ingxaki sele ufudukele kule ndawo intsha, zama ukuzicombulula ngomoya wobuhlobo. Ukumangala kudla ngokwakha ubutshaba.

Kodwa kuthekani ukuba uhlala kwindawo enengxolo yaye akunandlela yakufudukela kwenye indawo? Ngaba ubopheleleke kuloo ntsokolo naphakade? Akunyanzelekanga ukuba kube njalo.

Indlela Yokuthintela Ingxolo

Khawujonge oko unokukwenza ukuze ingxolo evela ngaphandle ingangeni yonke ekhayeni lakho. Hlola iindonga nemigangatho ukhangele ukuba akukho mingxuma efuna ukuvingcwa. Jongisisa ngokukhethekileyo iindawo ezingena kuzo iintambo zombane. Ngaba zivalekile?

Ngokuqhelekileyo ingxolo ingena endlwini emnyango nasezifestileni. Ukongeza enye igilasi kwiifestile zakho (double glazing) kungakunceda unciphise ingxolo engenayo. Kwanokufakela irabha emgubasini wakho kuya kunceda ucango lwakho lubambelele kakuhle. Mhlawumbi ukuzakhela ivaranda uze ufakele ucango lwesibini kuya kuyenza ingangeni kakhulu ingxolo yezithuthi.

Nangona ingxolo yezithuthi yanda ngendlela eyaphul’ izikeyi, abenzi bezithuthi bami bume bezama izinto ezintsha neendlela zokunciphisa ingxolo ngaphakathi kwisithuthi sakho. Enye into encedayo ngamatayara angangxoliyo. Kumazwe amaninzi kuye kwalingwa iintlobo ezahlukeneyo zendlela yenqwelo nto leyo eyenze kwakho “ikonkile engangxoliyo,” apho intlabathi ethile iyekwa ingaphezulu aze amavili abethe kamnandi kuyo engangxoli. Ukusebenzisa olu hlobo lwendlela yenqwelo kuthiwa kuyinciphisa ingxolo ngeedecibels ezimbini kwizithuthi ezincinane nedecibel enye kwiilori ezinkulu. Nangona oku kusenokubonakala kuyindlalo nje, ukuphungulwa kweedecibels ezintathu kuphantse kunciphise ingxolo yezithuthi ngesiqingatha!

Sithetha nje abenzi beendlela baceba oohola bendlela abasithele kwiindonga zomhlaba, nto leyo eyinciphisa ngokuphumelelayo ingxolo. Kwanaxa oku kungenziwanga, izinto zokubiya ezenziwe ngokukhethekileyo, njengezo zakwimpuma London ezenziwe ngomngcunube ophothiweyo nangemithana engamatyholo, ziyabakhusela abahlali abakufutshane noohola beendlela kwingxolo engeyomfuneko.

Ukuthintela izandi eziphazamisayo ngento ebizwa ngokuba yiwhite noise—ngokomzekelo, umoya oswiswizayo okanye onengxolwana engaguquguqukiyo—kunokuba luncedo kwiindawo ezithile, ezinjengeeofisi.b KwelaseJapan sele kuthengiswa iipiyano ezingangxoliyo. Xa uyidlala, uyiva wedwa ngeentambo ezifakwa endlebeni.

Izazinzulu zichithe iiyure eziliqela ziphanda ngento eziyibiza ngokuba inqanda ingxolo. Eneneni, zifuna into enesandi eza kuphikisana nesandi sengxolo. Kakade ke, oku kufuna izixhobo ezingakumbi nemali engakumbi yaye akumshenxisi unobangela wale ngxaki. IU.S.News & World Report ithi: “De abantu bazi ukuba ingxolo ilungcoliso, into yokuthintela ingxolo isenokuba kuphela kwendlela yokufumana inzolo.” Mhlawumbi kunganjalo, kodwa ngaba inzolo yiyo ethintela ungcoliso lwengxolo?

Ngaba likho naliphi na ithemba loxolo nenzolo kwikhaya lakho nakwindawo ohlala kuyo? Inqaku lethu elilandelayo linikela ithemba lokwenene.

[Imibhalo esemazantsi]

a Umlinganiselo wengxolo udla ngokufunyaniswa ngokuthi kusetyenziswe isixhobo esilinganisa ingxolo ngokweedecibels. Ekubeni iindlebe izezona zisiva kakuhle isandi esisemoyeni, esi sixhobo senziwe safana twatse nazo.

b Kanye njengokuba iwhite light ibhekisela kwiintlobontlobo zokukhanya zidibene, iwhite noise ngamaza esandi esivakalayo, aphantse alingane nawengxolo.

[Ibhokisi ekwiphepha 26]

Indlela Onokukuphepha Ngayo Ukuba Ngummelwane Obangela Ingxolo

● Cinga ngabamelwane bakho xa usenza into engxolayo, uze ubachazele kusengaphambili.

● Yiba nentsebenziswano xa ucelwa ngabamelwane ukuba uthobe ingxolo.

● Liqonde elokuba ulonwabo lwakho alumele lumshiye edakumbile ummelwane wakho.

● Khumbula ukuba ingxolo nokundindiza kwento kugqobhoza lula kwigumbi lokuhlala elikhulu nasemgangathweni.

● Izinto ezingxolayo ezisetyenziswa endlwini zibeke phezu kwento.

● Qinisekisa ukuba kukho umntu onokwaziswa xa ialarm yendlu neyesithuthi sakho zisuka zizikhalele.

● Musa ukwenza umsebenzi obangela ingxolo okanye usebenzise oomatshini abangxolayo ebusuku.

● Musa ukuwuvulela phezulu umculo ngendlela ecaphukisa abamelwane bakho.

● Musa ukushiya izinja zodwa ixesha elide.

● Musa ukuvumela abantwana baxhumaxhume emgangathweni baze baphazamise abantu abakwigumbi elingaphantsi kwelakho.

● Musa ukupopoza, umbakraze iingcango, okanye ugqumise i-injini ebusuku.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 27]

Okwenziwa Yingxolo Kuwe

IThe Times ithi: “Eyona ngozi iligqibe lonke elaseBritani namhlanje yingxolo, yaye izithulu zithande ukwanda kwelo.” Olunye uhlolisiso lwezempilo lubonisa ukuba ingxolo engaphezu kweedecibels ezingama-85 inokuyonzakalisa imveku. Kwenza iindlebe zomntwana zibe buthuntu, yaye loo mntwana usenokuba neengxaki zencindi yamadlala kuquka neziphene.

Ukuhlala ukwindawo enengxolo kuminxa imithambo yegazi yaye kunciphisa ukubaleka kwegazi lityhutyha amalungu akho. Emva koko, umzimba uzama ukuzilwela ngokukhupha incindi yamadlala eyandisa ukubaleka kwegazi uze wandise ukubaleka kwegazi, maxa wambi oko kubangela umbilini okanye iingxaki zentliziyo.

Xa ingxolo isoloko iphikisana nocwangciso lwakho, kusenokuvela ezinye iingxaki. Ukuphazanyiswa ebuthongweni kunokuba nento okuyenzayo kumsebenzi wakho wemihla ngemihla. Ingxolo isenokungasitshintshi isantya owenza ngaso umsebenzi, kodwa inokukubangela wenze iimpazamo ezininzi.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 29]

Ukuzikhusela Emsebenzini

Ukuba uxakene nengxolo emsebenzini, khawuzame ukufaka izinto zokuvingca iindlebe.c Izinto zokuvingca iindlebe eziqabela apha phezu kwentloko zidla ngokuba luncedo ekuthomalaliseni ingxolo egqith’ emgceni. Ziluncedo kuba uyabeva abantu abathethayo nokutswina koomatshini, nangona zikwenza ungazi apho isuka khona loo ngxolo. Iirabhana ezifakwa endlebeni kufuneka zikulingane kakuhle yaye akufanele uzisebenzise xa unesifo seendlebe okanye zibangela iingqaqambo endlebeni ngaphakathi.

Ukugcina oomatshini bekwimeko entle kusenokubenza bangandindizi ngamandla. Ukubeka izixhobo phezu kwerabha kuya kulunciphisa ungcoliso lwengxolo, kwanokubabeka kwindawo esecaleni oomatshini abangxolayo.

[Umbhalo osemazantsi]

c Imithetho yamazwe amaninzi inyanzelisa ukuba abaqeshi baqinisekise ukuba abasebenzi babo bafaka izinto zokukhusela iindlebe zabo.

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Ungazikhusela njani kwingxolo evela kwizithuthi?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share