IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g98 5/8 iphe. 12-16
  • Uhambo Lwam Olude Olusuka Kubomi Obuyingozi EKhambodiya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uhambo Lwam Olude Olusuka Kubomi Obuyingozi EKhambodiya
  • Vukani!—1998
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imvelaphi Yam YobuBhuda
  • Imfazwe Neenguqulelo EKhambodiya
  • UPol Pot Nokususwa Kwabantu Abangafunwayo
  • Ubomi Obutsha EUnited States
  • Utyelelo Oloyikisayo
  • Ukufunda IsiNgesi NeBhayibhile
  • Ndasaba Kwithafa Lokufa Ndaza Ndafumana Ubomi
    Vukani!—2009
  • Ukhetho Endalwenza Ndisemncinci
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Makude Kuphele Ukubandezeleka!
    Vukani!—2011
  • Ngaba Ihlabathi Beliya Kuba Bhetele Ukuba Belungekho Unqulo?
    Vukani!—2010
Khangela Okunye
Vukani!—1998
g98 5/8 iphe. 12-16

Uhambo Lwam Olude Olusuka Kubomi Obuyingozi EKhambodiya

NGOKUBALISWA NGUWATHANA MEAS

KWAKUNGOWE-1974, yaye ndandisilwa neqela iKhmer Rouge eKhambodiya. Ndandingumphathi wamajoni kumkhosi waseKhambodiya. Kwelinye idabi sabamba ijoni leKhmer Rouge. Oko landixelela kona ngoko kwakucetywa nguPol Pot kwixesha elizayo kwabuguqula ubomi bam kwaza kwandenza ndaqalisa uhambo olude, ngokoqobo nangokomoya.a

Kodwa makhe ndikuthele thsuphe ngesiqalo solu hambo lwam lude. Ndazalwa ngowe-1945, ePhnom Penh, ndawo leyo eyayisaziwa njengeKampuchea (Khambodiya) ngolwimi lwesiKhmer. Ekugqibeleni umama wafumana isikhundla esibalulekileyo kubecuphi balapho. Wayengummeli okhethekileyo weNkosana uNorodom Sihanouk, umphathi welo lizwe. Ekubeni wayesele nje nam kuphela yaye engumntu osoloko exakekile, waziva enyanzelekile ukuba andishiye kwitempile yamaBhuda ukuze ndifumane imfundo.

Imvelaphi Yam YobuBhuda

Ndandineminyaka esibhozo ubudala xa ndaya kuhlala nemonki eyintloko engumBhuda. Ukususela ngaloo nyaka ukusa kowe-1969, ixesha lam ndandilichithela etempileni nasekhaya. Imonki endandiyisebenzela yayinguChuon Nat, elona gosa liphakamileyo elingumBhuda eKhambodiya ngelo xesha. Kangangethutyana, ndayisebenzela njengonobhala yaye ndandiyincendisa ukuguqulela incwadi engcwele yamaBhuda ethi “The Three Baskets” (Tipitaka, okanye iSanskrit Tripitaka), ukususela kulwimi lwamandulo lwaseIndiya ukusa kulwimi lwesiKhambodiya.

Ndamiselwa njengemonki ngowe-1964 yaye ndaqhubeka ndiyiyo de kwaba ngowe-1969. Ebudeni beli xesha kwakukho imibuzo emininzi eyayindikhathaza, enjengale, Kutheni kukho ukubandezeleka okungaka ehlabathini, yaye kwaqala njani? Ndandibona abantu bezama ngeendlela ezininzi ukukholisa oothixo babo, kodwa babengayazi indlela oothixo babo abanokuzicombulula ngayo iingxaki zabo. Ndandingafumani mpendulo endanelisayo kwimibhalo yamaBhuda, kwanezinye iimonki zazingakwazi ukundiphendula. Ndandidideke ngokwenene kangangokuba ndagqiba kwelokuba ndiyishiye itempile, ndaza ndayeka ukuba yimonki.

Ekugqibeleni, ngowe-1971, ndaba lilungu lomkhosi waseKhambodiya. Ndathunyelwa eVietnam malunga nowe-1971, yaye ngenxa yemfundo endandinayo, ndanyuselwa ndaba lisekela lomphathi-mkhosi ndaza ndabelwa kumkhosi okhethekileyo. Sasisilwa neqela lamaKomanisi iKhmer Rouge kwakunye nomkhosi iVietcong.

Imfazwe Neenguqulelo EKhambodiya

Ndandilijoni elinesibindi. Ndandiqhelene nokubona abantu besifa phantse imihla ngemihla. Ndabandakanyeka kumadabi ali-157. Ngenye imini, enzulwini yehlathi, sasingqongwe yiKhmer Rouge kangangenyanga. Kwafa amadoda angaphezu kwama-700. Kwasinda abantu abanokuba li-15—ndandingomnye wabo, yaye ndonzakala. Kodwa ndaphuma ndiphila.

Ngesinye isihlandlo, ngowe-1974, sabamba ijoni leKhmer Rouge. Njengoko ndandilincina, landixelela ukuba uPol Pot wayecebe ukutshabalalisa bonke abo babefudula bengamagosa karhulumente, kuquka nabo basemkhosini. Landixelela ukuba ndishiye konke ndize ndiqhweshe. Lathi: “Qhubeka uliguqula igama lakho. Makungabikho namnye ulaziyo igama lakho. Zenze umntu ongazi nto nongafundanga. Uze ungaxeleli namnye ngobomi bakho bangaphambili.” Emva kokulikhulula ukuba ligoduke, eso silumkiso sabetheleleka engqondweni yam.

Thina majoni saxelelwa ukuba silwela ilizwe lethu, ukanti, sasibulala abantu baseKhambodiya. IKhmer Rouge, iqela lamaKomanisi elifuna igunya, lalingabantu bethu. Eneneni, uninzi lwabantu abazizigidi ezisithoba abahlala eKhambodiya ngamaKhmer, nangona inkoliso yabo ingengomalungu eKhmer Rouge. Oku kwakungekho ngqiqweni kum. Sasibulala amafama amsulwa awayengenamipu yaye engenamdla emfazweni.

Kwakubuhlungu kakhulu xa sivela edabini. Abafazi nabantwana babedla ngokuba lapho, ngexhala belindele ukubona enoba abayeni kwanootata babo babuyile kusina na. Kwakufuneka ndixelele abaninzi ukuba ilungu lentsapho yabo libulewe. Kuko konke oku, ulwazi lwam lobuBhuda lwalungandiniki ntuthuzelo.

Ngoku ndicinga indlela izinto ezaguquka ngayo emva phayaa eKhambodiya. Ngaphambi kowe-1970, noko kwabakho uxolo nonqabiseko. Inkoliso yabantu yayingenamipu; kwakungekho mthethweni ngaphandle kokuba wawunephepha-mvume. Ukuphanga kwanobusela babubuncinane kakhulu. Kodwa emva kokuqalisa kwemfazwe yamakhaya ngokuvukela kukaPol Pot kwanemikhosi yakhe, yonke into yaguquka. Imipu yayidlal’ abantwana. Kwanabaselula abaneminyaka eli-12 neli-13 ubudala babeqeqeshelwa inkonzo yasemkhosini, befunda ukudubula nokubulala. Abantu bakaPol Pot bada beyisela abanye abantwana ukuba babulale abazali babo. Amajoni ayebaxelela oku abantwana, “Ukuba uyalithanda ilizwe lakho, ufanele uluthiye utshaba lwakho. Ukuba abazali bakho basebenzela urhulumente, baziintshaba zethu yaye ufanele ubabulale—okanye wena ubulawe.”

UPol Pot Nokususwa Kwabantu Abangafunwayo

Ngowe-1975, uPol Pot woyisa emfazweni yaye iKhambodiya yaba lilizwe lobuKomanisi. UPol Pot waqalisa ukushenxisa bonke abafundi, abefundisi-ntsapho, amagosa aseburhulumenteni, kwanabo bonke abafundileyo. Ukuba ubunxiba iindondo, wawusenokubulawa kuba kwakucingwa ukuba usisifundiswa! Ulawulo lukaPol Pot lwanyanzelela inkoliso yabantu ukuba ishiye idolophu ukuze ifudukele emaphandleni ize isebenze njengamafama. Wonke ubani wayefanele anxibe ngendlela efanayo. Kwakufanele sisebenze iiyure ezili-15 ngosuku, singenakutya kwaneleyo, singenamayeza, singenampahla, yaye silala nje iiyure ezi-2 okanye ezi-3. Ndagqiba kwelokuba ndilishiye ilizwe lam ngaphambi kokuba ndishiywe lixesha.

Ndakhumbula icebiso leliya joni leKhmer Rouge. Ndazilahla zonke iifoto zam, amaphepha, kwakunye nantoni na eyayinokundidiza. Ndemba umngxuma ndaza ndawagqumelela amanye amaxwebhu am. Ndandula ke ndasinga eThailand ngasentshona. Kwakuyingozi. Kwakufuneka ndiphephe iindawo ezinamapolisa ezindleleni ndize ndilumke ngakumbi ebudeni beeyure zamaxesha onxunguphalo, ekubeni kuphela yayingamajoni eKhmer Rouge awayenokuhamba, ngemvume karhulumente.

Ndaya komnye ummandla ndaza ndahlala nomhlobo wam okwethutyana. Yandula ke iKhmer Rouge yafudusela wonke ubani owayekuloo ndawo kwindawo entsha. Yaqalisa ukubulala abafundisi-ntsapho kwanoogqirha. Ndabaleka nabahlobo abathathu. Sasizimele ehlathini yaye sasisitya nasiphi na isiqhamo esasisifumana emithini. Ekugqibeleni, ndafika kwidolophana ekwiphondo laseBattambang, apho kwakuhlala umhlobo wam. Ndingalindelanga, apho ndafumana owayesakuba lijoni owandicebisa ngendlela yokuqhwesha! Ekubeni ndamkhululayo, wandifihla emngxunyeni kangangeenyanga ezintathu. Wathumela umntwana ukuba aphose ukutya kuloo mngxuma kodwa angajongi kuwo.

Ekuhambeni kwexesha, ndakwazi ukuqhwesha, yaye ndadibana nomama, umakazi, kwakunye nodadewethu, nabo ababeqhweshela ngakumda waseThailand. Elo yayilixesha elibuhlungu kakhulu kum. Umama wayegula, yaye ekugqibeleni wafa ngenxa yesifo kwanokungafumani kutya kwaneleyo, kwinkampu yeembacu. Noko ke, ubomi bam baqalisa ukunika ithemba. Ndadibana noSopheap Um, ibhinqa elaba ngumfazi wam. Saqhwesha kunye nomakazi nodadewethu, ukunqumla umda waseThailand ukusa kwinkampu yeembacu yeZizwe Ezimanyeneyo. Intsapho yakowethu yabandezeleka kakhulu kwimfazwe yamakhaya yaseKhambodiya. Saphulukana namalungu entsapho ali-18, kuquka umnakwethu kwanomlanyakazi wam.

Ubomi Obutsha EUnited States

Imvelaphi yethu yayihlolwa kwinkampu yeembacu, yaye iZizwe Ezimanyeneyo zazama ukusifunela ummeli ukuze siye eUnited States. Ekugqibeleni, oku kwaphumelela! Ngowe-1980, safika eSt. Paul, eMinnesota. Ndandisazi ukuba kwakufuneka ndifunde isiNgesi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka ukuba ndandiza kuba nenkqubela kwilizwe lam elitsha. Ummeli wam wandithumela esikolweni iinyanga nje ezimbalwa, nangona ndandifanele ndifunde ithuba elide kunelo. Kunoko, wandifumanela umsebenzi wokucoca ehotele. Kodwa ngenxa yokungasazi kangako isiNgesi, ndandisenza iimpazamo ezihlekisayo. Umphathi wayendiyalela ukuba ndize neleli, ndize mna ndize nenkunkuma!

Utyelelo Oloyikisayo

Ngowe-1984, ndandisebenza ebusuku ndize ndilale emini. Sasihlala kwindawo apho kwakukho ukungavisisani phakathi kwabantu baseAsia nabantsundu. Ulwaphulo-mthetho neziyobisi zazizizinto eziqhelekileyo. Ngenye intsasa, umfazi wam wandivusa ngentsimbi yeshumi endixelela ukuba kumi indoda entsundu enxibe kakuhle emnyango. Wayesoyika kuba wayecinga ukuba yayize kusikhuthuza. Ndakroba emnyango, yaye kwakukho le ndoda intsundu inxibe kakuhle iphethe ibrifkheyisi yaye yayihamba nendoda emhlophe. Kum kwakubonakala ngathi izinto zazingembi kangako.

Ndayibuza ngoko yayikuthengisa. Yandibonisa imibhalo yamaphephancwadi IMboniselo noVukani! Ndandingaqondi nenye into. Ndazama ukuwala kuba kwinyanga ezimbalwa ngaphambilana, ndaqhathwa ukuba ndihlawule ii-$165 (R330) ngeencwadi ezintlanu zomthengisi wamaProtestanti. Noko ke, le ndoda intsundu yandibonisa imifanekiso ekuloo maphephancwadi. Le mifanekiso yayikhangeleka yaye imihle! Yaye le ndoda yayinoncumo olukhulu nolunobuhlobo. Ngoko ndanikela nge-$1 (R2) ndaza ndawathabatha.

Malunga neeveki ezimbini kamva, yabuya yaza yandibuza enoba ndinayo iBhayibhile yesiKhambodiya kusini na. Eneneni, ndandinayo enye endandiyifumene kwicawa yamaNazarete, nangona ndandingayilandeli. Kodwa yandichukumisa into yokuba amadoda amabini aziintlanga ezahlukeneyo aze endlwini yam. Ngoko yandibuza, “Ngaba uyafuna ukufunda isiNgesi?” Kakade ke ndandifuna, kodwa ndayicacisela ukuba ndandingenamali yokuhlawula izifundo. Yandixelela ukuba yayiza kundifundisa ngesisa, isebenzisa iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Nangona ndandingalwazi unqulo eyayilumela, ndaqiqa ngelithi, ‘Noko ke akuyomfuneko ukuba ndihlawule, yaye ndiza kufunda ukulesa nokubhala isiNgesi.’

Ukufunda IsiNgesi NeBhayibhile

Le yayiyinkqubo ecothayo. Yayindibonisa incwadi yokuqala yeBhayibhile, iGenesis, ndize ndandule ndiyibize ngolwimi lwesiKhambodiya ndithi, “Lo ca bat.” Yayisithi, “IBhayibhile,” ndize ndithi, “Compee.” Ndaqalisa ukwenza inkqubela, yaye ndazimisela. Ndandidla ngokuthabatha isichazi-magama sam sesiNgesi nesiKhambodiya, iphephancwadi IMboniselo, iBhayibhile eyiNew World Translation, kwakunye neBhayibhile yam yesiKhambodiya emsebenzini. Ebudeni bamaxesha ekhefu, ndandifunda isiNgesi, gama ngalinye ngexesha, ngokuthelekisa iimpapasho. Le nkqubo icothayo, kwakunye nezifundo zeeveki ngeeveki, yathabatha iminyaka engaphezu kwemithathu. Kodwa, ekugqibeleni, ndandikwazi ukufunda isiNgesi!

Umfazi wam wayesaya kwitempile yamaBhuda yaye wayeshiya ukutya kwezinyanya ngaphandle. Kakade ke, ezona zinto zazingenelwa yayiziimpukane! Ndandinemikhwa emibi eyandingena kudala ngemihla yasemkhosini nakubuBhuda. Xa ndandiyimonki, abantu babedla ngokuzisa iminikelo, kuquka umdiza. Babekholelwa kwelokuba ukuba imonki itshaye imidiza, kwakungathi izinyanya zazitshaya. Ngenxa yoko, ndaba likhoboka lentshongo. Yaye, kwakhona, emkhosini ndandisela kakhulu yaye ndanditshaya iopium ukuze ndibe nenkalipho edabini. Ngaloo ndlela, xa ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile, kwafuneka ndenze iinguqulelo ezininzi. Kulapho ndafumanisa ukuba umthandazo uluncedo olukhulu. Kwiinyanga nje ezimbalwa, ndayoyisa imikhwa yam emibi. Hayi indlela eyavuya ngayo intsapho iphela!

Ndabhaptizwa njengeNgqina ngowe-1989, eMinnesota. Malunga nelo xesha ndafumanisa ukuba kwakukho iqela lamaNgqina elalithetha ulwimi lwaseKhambodiya yaye kwakukho abantu abaninzi baseKhambodiya eLong Beach, eKhalifoniya. Emva kokuba ndiwuxubushile nomfazi wam lo mbandela, sagqiba kwelokuba sifudukele eLong Beach. Olu tshintsho lwenza umahluko omkhulu! Udade wethu wabhaptizwa kuqala, kwaza kwalandela umakazi (ngoku oneminyaka engama-85 ubudala) nomfazi wam. Kwalandela abantwana bam bobathathu. Ekugqibeleni, udadewethu watshata neNgqina, ngoku elikhonza njengomdala ebandleni.

Apha kwelaseUnited States, siye sajamelana nezilingo ezininzi. Siye sanengxaki yemali enkulu kwaneengxaki zempilo, kodwa ngokunamathela kwimigaqo yeBhayibhile, siye sakwazi ukuzigcina sikholose ngoYehova. Uye wayisikelela imigudu yam yokomoya. Ngowe-1992, ndamiselwa njengesicaka solungiselelo ebandleni, yaye ngowe-1995, ndaba ngumdala apha eLong Beach.

Kungokunje, uhambo olude olwaqala xa ndandiyimonki yamaBhuda ndaza ndaba ngumphathi wamajoni edabini laseKhambodiya edlavulwe yimfazwe luye lwaphumela kuxolo kwanakulonwabo kwikhaya nakwilizwe lethu elitsha. Yaye sinokholo lwethu olutsha kuYehova uThixo nakuKristu Yesu. Ndiba buhlungu xa ndisiva ukuba abantu basabulalana nangoku eKhambodiya. Mna nentsapho yam sinezizathu ezininzi zokulindela size sazise ngedinga lomhlaba omtsha, apho zonke iimfazwe ziya kupheliswa baze bonke abantu babathande ngokwenene abamelwane babo njengokuba bezithanda!—Isaya 2:2-4; Mateyu 22:37-39; ISityhilelo 21:1-4.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ngelo xesha uPol Pot wayeyinkokeli engumKomanisi yomkhosi weqela iKhmer Rouge, eloyisayo emfazweni laza lalawula yonke iKhambodiya.

[Imaphu/Umfanekiso okwiphepha 16]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

EVIETNAM

LAOS

ETHAILAND

EKHAMBODIYA

EBattambang

EPhnom Penh

Ebudeni beminyaka yam njengemonki yamaBhuda

[Inkcazelo]

Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.

[Umfanekiso okwiphepha 14]

Ndikunye nentsapho yam, kwiHolo yoBukumkani

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share