IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/10 iphe. 6-7
  • Ngaba Ihlabathi Beliya Kuba Bhetele Ukuba Belungekho Unqulo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ihlabathi Beliya Kuba Bhetele Ukuba Belungekho Unqulo?
  • Vukani!—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kubalulekile Ukubona Umahluko
  • Ukukhanyelwa KukaThixo Kwinkulungwane Yama-20
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Imvelaphi Yokungakholelwa Kubukho BukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Kwakutheni Ukuze UThixo Alwe NamaKanan?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Uhambo Lwam Olude Olusuka Kubomi Obuyingozi EKhambodiya
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 11/10 iphe. 6-7

Ngaba Ihlabathi Beliya Kuba Bhetele Ukuba Belungekho Unqulo?

ABA bantu bangakholelwayo kubukho bukaThixo banombono wehlabathi elingenalunqulo, abagrogrisi, iimfazwe ezibangelwa ziicawa nabefundisi abakhohlisa amarhamente kuba befuna imali. Ngaba nawe ungathanda ukuphila kwihlabathi elinjalo?

Ngaphambi kokuba uphendule, khawuzibuze ‘Ngaba bukho ubungqina bokuba ihlabathi beliya kuba bhetele ukuba abantu bebengakholelwa kubukho bukaThixo?’ Ngokomzekelo: Abantu abazizigidi ezili-1.5 baseCambodia bafa xa iqela leKhmer Rouge lalifuna ukumisela urhulumente wamaKomanisi oluchasileyo unqulo. Phantsi kolawulo lukaJoseph Stalin waseUSSR owayesithi akukho Thixo kwafa amashumi ezigidi zabantu. Liyinyaniso elokuba inkolelo yokungakholelwa kubukho bukaThixo ayinakubekw’ ityala ngenxa yezo zenzo zobungendawo. Kodwa oku kubonisa ukuba ulawulo lwabantu abathi akukho Thixo aluzisi uxolo nomanyano.

Abantu abaninzi bayavuma ukuba unqulo lungunobangela wokubandezeleka. Kodwa ngaba sifanele simbek’ ityala uThixo? Akunjalo! Kaloku nenkampani yemoto ayibekw’ ityala xa umntu oqhuba imoto yayo esenza ingozi kuba ebethetha kwiselfowuni. Zininzi izinto ezibangela ukubandezeleka kwabantu yaye enye yazo inzulu kakhulu kuneenkolelo. IBhayibhile ithi kukungafezeki esikuzuze njengelifa. “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Isono sisenza singabacingeli abanye abantu, sibe namabhongo, sifune ukwenza nantoni na esiyithandayo size sithande nogonyamelo. (Genesis 8:21) Kwakhona kwenza abantu bazingxengxezele izinto ezimbi abazenzayo baze bathande neenkolelo ezivumela uvula-zibhuqe. (Roma 1:24-27) UYesu Kristu wayefanele ukuthi: “Entliziyweni kuphuma iingcinga ezingendawo, ukubulala, ukukrexeza, uhenyuzo, ubusela, ubungqina bobuxoki, izinyeliso.”—Mateyu 15:19.

Kubalulekile Ukubona Umahluko

Kufanele kubekho umahluko phakathi konqulo lokwenyaniso—unqulo olwamkelekileyo kuThixo—nolo lobuxoki. Unqulo lokwenyaniso lufanele luncede abantu bakwazi ukuxhathisa isono. Lufanele lukhuthaze abantu ukuba bathande abanye, babe noxolo, ububele, ukulunga, ubulali, ukuzeyisa, ukuthembeka kubantu abatshate nabo nokuhlonela abanye. (Galati 5:22, 23) Kwelinye icala, unqulo lobuxoki lulandela umndilili—‘lunyumbaza iindlebe zabantu’ ngokunyamezela ezinye zezinto ezimbi uYesu awazigatyayo njengoko neBhayibhile isitsho.—2 Timoti 4:3.

Ngaba ukungakholelwa kubukho bukaThixo bunokubangela iingxaki ezifanayo? Unjingalwazi wezomthetho uPhillip Johnson uthi, xa abantu besithi ‘akukho Thixo’ benza nantoni na yaye “ababi namithetho kufuneka bayithobele.” Ngaloo ndlela mntu ngamnye uyazigqibela ngendlela afanele aziphathe ngayo. Ngokuqinisekileyo, ukucinga ngolo hlobo kwenza ukuba abanye abantu babe nomdla kwinkolelo yokungabikho kukaThixo.—INdumiso 14:1.

Kodwa inyaniso kukuba uThixo akayi kubunyamezela ngonaphakade ubuxoki kunye nabo babufundisayo—enoba bobabantu abathi akukho Thixo okanye bobecawa.a Uthembisa ukuba: “Abathe tye bona [ngokuziphatha naselukholweni] baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.” (IMizekeliso 2:21, 22) Imiphumo iya kuba luxolo nolonwabo oluya kuba kumhlaba wonke, nto leyo ekungekho mntu, mfundiso yakhe narhulumente wakhe onokukwazi ukuyenza.—Isaya 11:9.

[Umbhalo osemazantsi]

a Isizathu esichazwe eBhayibhileni sokuba uThixo avumele ubungendawo nokubandezeleka, sichazwe kakuhle kwisahluko 11 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi ekwiphepha 6]

INDLELA UTHIXO AZIJONGA NGAYO IZINTO EZIMBI EZENZIWA ZIICAWA

Umhlaba owanikwa amaSirayeli wawuhlala amaKanan, abantu ababeziphethe kakubi ngokwesini kuquka umbulo, ubufanasini, ukulala nezilwanyana nokubingelela ngabantwana. (Levitikus 18:2-27) Incwadi ethi Archaeology and the Old Testament ithi kwizinto ezembiweyo “kuye kwafunyanwa uthuthu namathambo eentsana kumangcwaba angakwizibingelelo zoothixo bobuxoki, nto leyo ebonisa ukuba kwakubingelelwa ngabantwana.” Enye incwadi ecacisa iBhayibhile ithi, amaKanan ayeziphatha kakubi ngokwesini xa enqula oothixo bawo aze abingelele ngamazibulo awo kwakubo. Ihlabela mgama isithi: “Abembi bezinto zakudala ababesemba kumabhodlo ezixeko zakwaKanan bathi kwakufanele ukuba uThixo uye wawatshabalalisa kwangoko.”

Ukutshabalalisa kukaThixo amaKanan kusisiqinisekiso nakuthi sokuba akayi kubunyamezela ngonaphakade ubungendawo obenziwa egameni lakhe. IZenzo 17:31 zithi: “[UThixo] umise imini anenjongo ngayo yokuba agwebe umhlaba omiweyo ngobulungisa.”

[Imifanekiso ekwiphepha 7]

Amakholwa nabangakholwayo baye benza izinto ezimanyumnyezi

Iicawa zixhasa uHitler

Ukhakhayi lwamaxhoba eKhmer Rouge, eCambodia

[Inkcazelo]

AP Photo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share