Ukuzifuna Ezulwini Izicombululo Kungekhona Kwindalo
KALOKU indaleko ifundisa ukuba satshintsha ngokuthe ngcembe saba zizilwanyana ezikumgangatho ophezulu. Kwelinye icala, iBhayibhile ithi saqala saba ngabantu abafezekileyo, singumfanekiselo kaThixo, kodwa kungekudala emva koko, kwathi gqi ukungafezeki ibe oko kwawubangela umgangatho womntu waya kuthi khaxa ezantsi.
Abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, ngabo abawuthabatha baya kuwubeka ezantsi umgangatho womntu xa bafuna inkululeko yokuziphatha baza bazitshisa izazela zabo ngokungamthobeli ngabom uThixo. Ngokungathi baqhuba inqwelo-mafutha, bawunyathela ngabom umthetho kaThixo owawubakhusele baza baya kuwa apho sikhoyo ngoku, ekuguleni ekwaluphaleni nasekufeni, singasathethi ke ngekhethe lobuhlanga, intiyo yonqulo, neemfazwe ezihambis’ umzimba.—Genesis 2:17; 3:6, 7.
Ngaba Sinemizila Yezilwanyana Okanye Eneziphako?
Kakade ke, iBhayibhile ayisebenzisi lwimi lwenzululwazi xa ichaza oko kwenzeka kumzimba ka-Adam nokaEva emva kokuba bonile. IBhayibhile asiyoncwadi yenzululwazi, kanye njengokuba incwadi enikela amacebiso ngenqwelo-mafutha ingenabo ubucedu-cedu bobunjineli benqwelo-mafutha. Kodwa kanye njengencwadi enamacebiso ngenqwelo-mafutha, iBhayibhile ichanile; asiyontsomi.
Xa uAdam noEva batyhoboza kumthetho kaThixo owawubakhusele, bonakala. Emva koko ke, bathi chu ukusinga kwaNtsonga-nyawana. Ngenxa yemfuza, abantwana babo, abayintsapho yoluntu, babathi ntimfa ngelifa elikukungafezeki. Ngenxa yoko, nabo bayafa.—Yobhi 14:4; INdumiso 51:5; Roma 5:12.
Okulusizi kukuba, phakathi kweli lifa balithe mpa kukho utyekelo lwesono, olubonakala ekuzingceni nasekuziphatheni okubi. Kakade ke, isini sifanelekile kwindawo yaso. UThixo wasinika lo myalelo isibini sokuqala esingabantu: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba.” (Genesis 1:28) Ibe njengoMdali onothando, wenza ukuphumeza loo myalelo kwaba luyolo kwindoda nomfazi. (IMizekeliso 5:18) Kodwa ngenxa yokungafezeki abantu baye basisebenzisa kakubi isini. Eneneni, ukungafezeki kuchaphazela zonke iinkalo zobomi bethu, kuquka indlela esebenza ngayo ingqondo nomzimba wethu, njengoko sonke sisazi.
Kodwa nangona singafezekanga sisakwazi ukuzibamba. Ukuba siyafuna ngokwenene, “sinokuzilawula” size siphephe imigibe yobomi ngokulwa notyekelo lokufuna ukwenza isono. Kakade ke, akakho umntu ongafezekanga onokusibeth’ asisukele isono ibe ngenxa yenceba yakhe uThixo uyayiqonda loo nto.—INdumiso 103:14; Roma 7:21-23.
Isizathu Sokuba Singafuni Kufa
Kwakhona iBhayibhile isikhanyisela ngenye inkohla engachazwa ngendlela eyanelisayo yindaleko: ngokuqhelekileyo ukungakwazi kwabantu ukwamkela ukufa, nangona ukufa kunokubonakala kuyinto yemvelo nengenakuphepheka.
Njengoko iBhayibhile ikubek’ elubala, isono sasiqhwayel’ ukhwembekhwembe olukukufa, ngenxa yokungamthobeli uThixo. Ukuba abazali bethu bokuqala babethobela, ngebaphila ngonaphakade, kunye nabantwana babo. Ngokungathi kunjalo, uThixo wayenza ingqondo yomntu yanomnqweno wokuphila ngonaphakade. INtshumayeli 3:11, ngokweNew International Version, ithi: “Kwakhona ubeke ubomi obungunaphakade ezintliziyweni zabantu.” Ngenxa yoko, ukugwetyelwa kwabo ukufa, kwazitsho zabetha-bethana iingqondo zabo, nto leyo esenzeka unangoku.
Ukuze bamelane noku kubetha-bethana, nokwanelisa umnqweno wokuqhubeka bephila, abantu baye bazakhela iinkolelo ezininzi, njengemfundiso yokungafi komphefumlo nenkolelo yokuvela ngokutsha. Izazinzulu ziyaphanda ngalo mnqa wokwaluphala ngenxa yokuba nazo zenza unako-nako wokuphelisa ukufa okanye ubuncinane zikudambise okwethutyana. Iingcungela zendaleko nezingabukholelwa kwaphela ubukho bukaThixo zithi ayikho into yokuba umntu unomnqweno wokuphila ngonaphakade zisithi liqhinga nje lendaleko, okanye yinkohliso ngenxa yokuba oko kuyaphikisana nembono yokuba abantu bazizilwanyana nje ezikumgangatho ophezulu. Kwelinye icala, xa iBhayibhile isithi ukufa lutshaba iyavumelana nomnqweno wethu wokwemvelo wokuphila.—1 Korinte 15:26.
Ngoko ke, ngaba imizimba yethu ayisiniki bungqina bokuba sasidalelwe ukuphila ngonaphakade? Ewe iyasinika! Ingqondo yomntu iyodwa nje isinika uthotho lobungqina bokuba sasenzelwe ukuphila ngaphezu kokuba siphila.
Sasidalelwe Ukuphila Ngonaphakade
Ingqondo inobunzima obuyikhilogram esisi-1,4 ibe iquka iiseli ezili-10 lamawaka ezigidi ukuya kwi-100 lamawaka ezigidi, nganye kuzo, ekuthiwa ayifani nenye. Seli nganye inokunxibelelana nezinye ezingama-200 000, nto leyo eyenza ubuxhaka-xhaka obuninzi obusengqondweni buyenze intsonkothe gqitha. Yaye ngaphezu koko, “seli nganye iyikhompyutha entsonkothileyo,” ngokutsho kweScientific American.
Ingqondo inemichiza, enegalelo kwindlela iiseli ezisebenza ngayo. Ibe ingqondo intsonkothe gqitha nakuneyona khompyutha inamandla. UTony Buzan noTerence Dixon bathi xa bebhala: “Kwintloko nganye, kukho amandla amangalisayo, ilungu elinye neliluncedo eliya lisiba namandla angapheliyo njengoko sisiya sifunda ngalo.” Becaphula uNjingalwazi Pyotr Anokhin, balek’ umsundulo besithi: “Ayikabikho indoda ekwaziyo ukusebenzisa onke amandla engqondo yayo. Yiyo loo nto singakuvumeli nangayiphi na indlela ukuthandatyuzwa kwengqondo yomntu. Ayisikelwanga mda.”
Ezi zibakala zimangalisayo ziyibeth’ iye kuxela intanda-bulumko yendaleko. Kunokwenzeka njani ukuba indaleko “ivelisele” abantu nje ababehlala emiqolombeni, okanye kwanabantu abafunde bayityekeza imfundo namhlanje, ilungu elinamandla nelinokusebenza kangangezigidi zeminyaka okanye amawaka ezigidi zeminyaka? Kusengqiqweni ngokwenene, ukuba umntu unokuphila ubomi obungunaphakade! Kodwa kuthekani ngemizimba yethu?
Incwadi ethi Repair and Renewal—Journey Through the Mind and Body ithi: “Indlela amathambo, izicwili namalungu azihlaziya ngayo imangalisa ngokwenene. Ibe ukuba sizinika ithuba lokucingisisa kakuhle ngale nto, siya kufumanisa ukuba le nkqubo yokuzihlaziya kolusu neenwele neenzipho neyenzeka ngocwangco—kwakunye namanye amalungu omzimba—eyona nto imangalisa gqitha ngayo yile yokuba: Yenzeka iiyure ezingama-24 ngosuku, veki nganye, xa ke sele sithetha ulwimi lwezamachiza, isihlaziya ngokoqobo, izihlandlo ezininzi logama sisaphila.”
Ngexesha likaThixo elifanelekileyo, akusayi kumxaka ukugcina le nkqubo imangalisayo yokuzihlaziya iqhubeka. Kuya kwandula ke, ekugqibeleni, ‘ukufa kutshitshiswe.’ (1 Korinte 15:26) Kodwa ukuze sonwabe ngokwenene, asifuni bomi obungunaphakade kuphela. Sifuna uxolo—uxolo noThixo kunye nabanye abantu. Uxolo olunjalo lunokubakho kuphela xa abantu bethandana ngokwenene.
Ihlabathi Elitsha Elakhelwe Eluthandweni
Eyoku-1 kaYohane 4:8 ithi: “UThixo uluthando.” Uthando lunamandla ngokwenene—ingakumbi uthando lukaYehova uThixo—kuba lusesona sizathu siyintloko sokuba sibe nethemba lokuphila ngonaphakade. UYohane 3:16 uthi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani oqhelisela ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”
Ubomi obungunaphakade! Elinjani ukumangalisa ithemba! Kodwa ekubeni sisizuz’ ilifa isono, asinalungelo lokuphila. IBhayibhile ithi: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” (Roma 6:23) Noko ke, into esivuyisayo yile yokuba, uNyana kaThixo, uYesu Kristu, waqhutywa luthando waza wasifela. Umpostile uYohane wabhala wathi ngoYesu: “Yena wanikezela umphefumlo wakhe ngenxa yethu.” (1 Yohane 3:16) Ewe, wanikela ngobomi bakhe bomntu ofezekileyo ukuba ‘bube yintlawulelo ngenxa yabaninzi’ ukuze thina banokholo kuye zicinywe izono zethu size sinandiphe ubomi obungunaphakade. (Mateyu 20:28) Kaloku iBhayibhile ithi: “UThixo wathumela uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini ukuze sizuze ubomi ngaye.”—1 Yohane 4:9.
Ngoko ke, sifanele sisabele njani kuthando olubonakaliswe kuthi nguThixo noNyana wakhe? IBhayibhile ihlabela mgama isithi: “Zintanda, ukuba le yindlela uThixo awasithanda ngayo, ngoko nathi ngokwethu sibophelelekile ukuba sithandane.” (1 Yohane 4:11) Sifanele sifunde ukuba nothando, kuba olo iya kuba luphawu olubalaseleyo kwihlabathi elitsha likaThixo. Namhlanje abantu abaninzi baye bayiqonda indlela olubaluleke ngayo uthando, kwananjengokuba lugxininiswa nguYehova uThixo kwiLizwi lakhe, iBhayibhile.
Kaloku incwadi ethi Love and Its Place in Nature yakha yathi “abantwana badla ngokufa” xa bengathandwa. Kodwa, ukufunwa ukuthandwa akupheli xa abantu bekhula. Eny’ intshoko-ntshoko yengcungela esisisele senyathi kwizinto ezinokuthanani nemvelaphi nentlalo kantu yakha yathi ihlomla, uthando “luyintsika yazo zonke izinto ezifunwa ngabantu kanye njengokuba ilanga liyintsika yesijikelezi-langa sethu . . . Amachiza, umzimba nengqondo yomntwana ongathandwayo yahluke lee kweyomntwana othandwayo. Umntwana ongathandwayo ukhula ngendlela eyahluke gqitha kweyomntwana othandwayo.”
Ngaba unokuzakhela umfanekiso-ngqondweni wento ebebuya kuba yiyo ubomi ukuba bonke abantu abasemhlabeni bebenokuthandana ngokwenene? Kaloku, bekungasayi kubakho mntu uya kuquva ikhethe ngenxa yokuba omnye engowelinye ilizwe, elilungu lolunye uhlanga, okanye enebala lolusu elahlukileyo kolwakhe! Phantsi kolawulo loKumkani omiselwe nguThixo, uYesu Kristu, umhlaba uya kuzaliswa luxolo nothando oko kuzalisekisa le ndumiso yeBhayibhile iphefumlelweyo:
“Thixo, mnike ukumkani imigwebo yakho . . . Makagwebe ityala labaziintsizana ebantwini, asindise oonyana bamahlwempu, abatyumze abacudisi. . . . Malityatyambe ngemihla yakhe ilungisa, nobuninzi boxolo, ide ingabi sabakho inyanga. Makaphathe ubukhosi ethabathela elwandle ase elwandle, ethabathela kuwo uMlambo ase eziphelweni zehlabathi. Ngokuba uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo, nabaziintsizana abangenaluncedo; abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; asindise imphefumlo yamahlwempu.”—INdumiso 72:1, 4, 7, 8, 12, 13.
Abantu abangendawo abayi kuvunyelwa ukuba baphile kwihlabathi elitsha likaThixo, kwananjengokuba kuthenjisiwe kwenye indumiso yeBhayibhile: “Abenzi bobubi baya kunqunyulwa; ke bona abamthembayo uYehova, baya kulidla ilifa ilizwe. Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; uthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho. Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:9-11.
Emva koko, iingqondo nemizimba yabo bonke abantu abathobelayo, kuquka abo baya kuvuswa emangcwabeni kuvuko lwabafileyo ziya kuhlaziywa. Ekugqibeleni, wonke umntu ophilayo uya kuzibonakalisa ngendlela efezekileyo ukuba wenziwe ngokomfanekiselo kaThixo. Ekugqibeleni umlo omkhulu wokwenza okulungileyo uya kube uqatyelisiwe. Ukungavisisani okukhoyo phakathi kokuthanda kwethu ubomi nesibakala ekunzima ukusamkela sokuba siya kufa nako kuya kube kudlule! Ewe, nali idinga eliqinisekileyo loThixo wethu onothando: “Ukufa akusayi kubakho.”—ISityhilelo 21:4; IZenzo 24:15.
Ngoko ke, ngamana ungangaze unikezele kumlo wokwenza okulungileyo. Thobela esi siluleko sobuthixo: “Yilwa umlo omhle wokholo, bubambe ngokuqinileyo ubomi obungunaphakade.” Obo bomi kwihlabathi elitsha likaThixo yile nto iBhayibhile ithi ‘bubomi benene.’—1 Timoti 6:12, 19.
Ngamana ungayixabisa le nyaniso iseBhayibhileni: “UYehova nguThixo yena. Wasenza yena, asisithi.” Ukwazi loo nyaniso kulinyathelo elibalulekileyo ukuze sifanelekele ubomi kwihlabathi elitsha likaYehova elinothando nobulungisa.—INdumiso 100:3; 2 Petros 3:13.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 27]
Ubomi kwihlabathi elitsha likaThixo yile nto iBhayibhile ithi ‘bubomi benene.’—1 Timoti 6:19
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Abantu baye batyhoboza baphula umthetho kaThixo, nto leyo ebazisele imiphumo eyintlekele
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Uluntu luya kunandipha ihlabathi elitsha elinoxolo phantsi kolawulo lukaThixo