IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g99 10/8 iphe. 3-4
  • Amandla Omculo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amandla Omculo
  • Vukani!—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Unobangela Wenkxalabo
  • Wulumkeleni Umculo Ongakhiyo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ngaba Ngokwenene Umculo Unokundenzakalisa?
    Vukani!—1993
  • Ndinokwenza Njani Ukuze Umculo Ungabi Yeyona Nto Ibalulekileyo Kum?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Ngaba Uza Kuwukhetha Ngobulumko?
    Vukani!—2011
Khangela Okunye
Vukani!—1999
g99 10/8 iphe. 3-4

Amandla Omculo

“Umculo omnandi uwodwa unokuthomalalisa ingqondo ebhadulayo uze uphelise ukukhathazeka.”

WABHALA watsho uWilliam Congreve kwincwadi yakhe ethi Hymn to Harmony kwiminyaka emalunga nama-300 eyadlulayo. Kwiinkulungwane ngaphambilana, iincwadi zamandulo zamaGrike zathi “ukuqeqeshelwa umculo kusesona sixhobo sinamandla kunaso nasiphi na esinye, ngenxa yokuba isingqi nokuhambelana kufikelela amazantsi entliziyo.”

Ubunyaniso boko buye babonwa ngabazali abathile abaye babukela abantwana babo abakwishumi elivisayo bequmba baze bangabi nantsebenziswano emva kokuzondla ngomculo onesingqi esinamandla. Kwakhona kwabonwa ngeminyaka yee-1930 neyee-1940 eJamani xa amaNazi asebenzisa umculo ochukumisayo wokutyhalela phambili encedisa ekulungiseleleni izihlwele ezikhulu ukuze ziphulaphule iintetho zika-Adolf Hitler ezithimba ingqondo.

Ngokungathandabuzekiyo, umculo unokuchaphazela iingqondo neentliziyo ibe usenokusetyenziselwa ukuziqhubela kokulungileyo okanye kokubi. Ngokomzekelo, ukuphulaphula kwabantwana abaselula uhlobo oluthile lomculo kucingwa ukuba kubangela ukuba bakhule engqondweni nangokweemvakalelo. Kwanabo bathintithayo maxa wambi banokuzicula izivakalisi abangakwaziyo ukuzithetha.

Ngokutsho kuka-Anthony Storr, kwincwadi yakhe ethi Music and the Mind, indlela umculo obachaphazela ngayo abaguli abanezigulo zemithambo-luvo ezibenza bangakwazi ukushukuma iyamangalisa maxa wambi. UStorr uthetha ngomzekelo welinye ibhinqa elingumguli: “Njengoko laliqotholiswe sisifo [sikaParkinson], lalidla ngokuhlala lingakwazi ukushukuma de likhumbule iingoma elalizazi liselula. Ngokukhawuleza zazidla ngokulenza likwazi ukushukuma kwakhona.”

Unobangela Wenkxalabo

Ngoko kuyabonakala ukuba zikho iingenelo ezinokubangelwa ngamandla omculo. Noko ke, kukho ingozi yokuba abantu abaqaqadekileyo okanye ababawayo banokusebenzisa amandla omculo njengesixhobo esibulalayo. Olunye uhlolisiso luye lwabonisa ukunxibelelana ngokungqalileyo phakathi kwezimilo ezingafunekiyo nohlobo oluthile lomculo.

Ixhasa loo mabango, iPsychology of Women Quarterly inikela le ngxelo: “Kukho ubungqina obuthile obubangela ukuba kuthiwe ukubukela iividiyo zerock kunegalelo elifanayo nokubukela izinto ezibonisa amanyala kuba amadoda aye abukeliswa iividiyo ezinobundlobongela zerock aba ngqwabalala kumabhinqa kunamadoda awabukeliswa iividiyo zerock ezingenabundlobongela.”

Oku akuchaphazeli amadoda kuphela. Namabhinqa anokuchaphazeleka. Kwale ngxelo inye yongezelela ithi: “Ezi ngoma zisenokuwaqhubela amadoda kwanamabhinqa ngokufanayo ekubeni abajonge abantu ababhinqileyo njengabangaxabisekanga.”

Ulindixesha iSex Roles uyavumelana nesi sigqibo, uthi: “Uhlolisiso lwakutshanje . . . luye lwafumanisa ukuba ukungonwabi entsatsheni nokuphulaphula kakhulu iividiyo zomculo ngokuphawulekayo kuye kwanxulunyaniswa novula-zibhuqe ongokwesini nendlela yokuziphatha phakathi kwamabhinqa akwishumi elivisayo.” Ukuboniswa ngokuphandle kogonyamelo namazwi athetha ngokuphandle ngesini omculo werap kwabangela ukuba enye ijaji yesixeko saseUnited States ithi elinye icwecwe lomculo werap “lalingcolile ngokwemilinganiselo yasekuhlaleni.”

Ngaba le jaji yayizibaxa izinto? Akunjalo! Ulindixesha othi Adolescence wafikelela kwisigqibo sokuba “abakwishumi elivisayo nabazali babo baye banikela ingxelo yenkathazo ephawulekayo ebomini babo bakwishumi elivisayo baphulaphula umculo onesingqi esinamandla nomculo we-rap.” Le nkathazo inxulunyaniswa “nenkohlakalo nesimilo esibi” nokungafundi kakuhle esikolweni.

Eneneni, unxulumano oluphakathi kohlobo oluthile lomculo nesini, ukuzibulala nesimilo esingathandekiyo lunobungqina obaneleyo. Kodwa ngaba oko kuthetha ukuba wonke umculo unxulunyaniswa nezinto ezingakhiyo ngolo hlobo? Funda ngoko kuza kuthethwa ngala manqaku alandelayo ngokuphathelele oku.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]

Umculo unokuchaphazela intliziyo nengqondo ngendlela efanelekileyo okanye embi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share