Iintsapho Ezingenatata—Umqondiso Wokuba Amaxesha Ngamanye
UBUYA kuthi yiyiphi eyona ngxaki ingamandla kwibutho labantu namhlanje? Malunga nama-80 ekhulwini abo kwenziwa uhlolisiso kubo nguGallup eUnited States, bathi “kukungabikho kukatata ekhaya.” Ngokutsho kukaGallup, bangaphezu kwama-27 ezigidi abantwana baseUnited States abangahlaliyo nooyise begazi, yaye elo nani landa ngokukhawuleza. Ingxelo eyenziwa yiUnited Nations Children’s Fund ithi abantwana abamhlophe abamalunga nama-50 ekhulwini abazalelwe eUnited States ukususela ngowe-1980 “baya kuchitha inxalenye yobomi babo kwiintsapho ezinomzali omnye. Kubantwana abantsundu lo mlinganiselo umalunga nama-80%.” Ngenxa yoko iUSA Today yavakalisa iUnited States “njengenkqenkqeza phambili kwiintsapho ezingenatata.”
Noko ke, inqaku elikwiThe Atlantic Monthly lithi: “Ukwanda kokuphazamiseka kwentsapho akuphelelanga kwibutho laseMerika. Phantse kuwo onke amazwe ahambele phambili kuyabonakala oku, kuquka naseJapan.” Yaye ngoxa kunzima ukufumana amanani, amazwe amaninzi asakhasayo abonakala enengxaki efanayo. Ngokutsho kwephephancwadi iWorld Watch, “amadoda [akumazwe ahlwempuzekileyo] asoloko eshiya abafazi nabantwana bawo ngenxa yokwanda kweengxaki zezoqoqosho.” Eneneni, uhlolisiso olwenziwa kwilizwe elikwiiCaribbean lwatyhila ukuba kuphela bangama-22 ekhulwini ootata abanabantwana abaneminyaka esibhozo abahlala nabantwana babo.
Yayixhaphakile imeko yabantwana abangenatata kwanakumaxesha okubhalwa kweBhayibhile. (Duteronomi 27:19; INdumiso 94:6) Noko ke, ngelo xesha esona sizathu sokuba abantwana bangabi nayise kukufelwa ngooyise. Umbhali uDavid Blankenhorn uthi: “Namhlanje, esona sizathu sokungabi natata kukushiywa ngutata.” Eneneni, njengoko siza kubona, inani elandayo labantwana abangenatata linikela ubungqina bokuba abantu abaninzi namhlanje abanawo “umsa wemvelo.” Ngokutsho kweBhayibhile, obu bobunye ubungqina bokuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’—2 Timoti 3:1-3.
Noko ke, kubantwana abancinane ukungabi natata kuyeyona ntlungu ingathethekiyo. Kunokubenza bathiwe mbende sisingqukru sentlungu engapheliyo. Ngenxa yoko, kolu ngcelele lwamanqaku siza kuxubusha ngale ntlungu, asizi kudandathekisa abafundi, kodwa sifuna ukubanika inkcazelo enokunceda iintsapho zithintele lo mkhwa uyingozi.