Indlela Onokuyeka Ngayo
KANYE njengokufunda ukukhwela ibhayisikile, kunqabile ukuba uphumelele ukuyeka icuba kumzamo nje wokuqala. Ngoko ukuba uzimisele ukuyeka, ufanele ukulungele ukuzama ngokuphindaphindiweyo de uphumelele. Musa ukucinga ukuba woyisakele xa uphinda ubuyela. Kujonge ngokungathi uyafunda ukusilela nje kancinane kwinkqubo enokuphumelela. Nanga amanye amacebiso aye abanceda abanye. Nawe asenokukunceda.
Zixelele Ukuba Uza Kuyeka
■ Okokuqala, kufuneka uzixelele ukuba uza kuyeka. Dwelisa izizathu zokufuna ukuyeka, kuquka iingenelo. Emva kokuba uyekile, ukuphinda uhlole olu ludwe kuya kusomeleza isigqibo sakho. Umnqweno wokukholisa uThixo sesona sizathu siphambili sokuyeka. IBhayibhile ithi simele simthande uThixo ngengqondo, intliziyo, umphefumlo namandla ephela. Asinakuyenza loo nto ukuba singamakhoboka ecuba.—Marko 12:30.
■ Cingisisa ngokutshaya kwakho ukuze ufumanise ukuba kunini yaye kutheni utshaya. Unokukufumanisa kuluncedo ukubhala ephepheni ixesha nendawo owutshayela kuyo umdiza suku ngalunye. Oku kuya kukunceda uzibone kusengaphambili iimeko ezinokukulingela ekubeni utshaye emva kokuba uyekile.
Ceba Usuku Lokuyeka
■ Khetha umhla wokuyeka uze uwuphawule kwikhalenda yakho. Kokona kulungileyo ukukhetha usuku ongayi kuba uxinezelekile ngalo. Xa lufika olo suku, yeka ngokupheleleyo—ngokukhawuleza nangokupheleleyo.
■ Ngaphambi kokuba lufike usuku lokuyeka, lahla izitya zokugalela uthuthu nemicinga nezinto zokulumeka. Hlamba zonke iimpahla zakho ezinuka icuba.
■ Cela inkxaso yabo usebenza nabo, abahlobo nentsapho yakho ukuba bakukhuthaze kwimigudu yakho yokuyeka. Musa ukoyika ukucela abanye ukuba bangatshayi ukho.
■ Ceba ngezinto oza kuzenza ngolu suku lokuyeka. Usenokuya kwindawo apho ukutshaya kungavumelekanga, njengasemyuziyam okanye kwiholo yemiboniso. Kwakhona unokwenza umthambo—uqubhe okanye ukhwele ibhayisikile okanye uhambe ubethwe ngumoya.
Ukuhlangabezana Nokuyeka
Ukuba ulikhendle lecuba, uza kufikelwa ziimpawu zokuyeka, ezibakho kwiiyure ezimbalwa emva kokutshaya umdiza wokugqibela. Zinokuquka ukucaphuka, ukungabi namonde, ukuba nengcwangu, unxunguphalo, udandatheko, ukungakwazi ukulala, ukungazinzi, ukuthanda ukutya, nokunqanqatheka. Mhlawumbi ugqirha wakho angakunika unyango olunokukunceda ekunikeni isiqabu kwezi mpawu. Ukongezelela, kukho ezinokukunceda uliphumelele eli dabi.
■ Ngeeveki zokuqala ezinzima, yitya ukutya okunomlinganiselo ophantsi weswekile, uze usele amanzi amaninzi. Abanye bakufumanise kuluncedo ukushwamza imifuno, enjengeminqathe okanye iseleri. Xa usenza umthambo, umzimba wakho awusayi kuba mkhulu yaye kuya kuphela ukungcangcazela.
■ Ziphephe iindawo neemeko ezinokukulingela ukuba utshaye.
■ Yilwa nxamnye nokuqiqa ngendlela ephosakeleyo enokukulingela ukuba utshaye. Nazi izinto abantu abadla ngokuzicinga xa beyeka: ‘Ndiza kutshaya namhlanje qha ukuze ndikhululeke kobu bunzima.’ ‘Ukutshaya kuphela kwento endibethayo!’ ‘Icuba aliyongozi kakhulu; amanye amakhendle ecuba aphila de abe neminyaka engama-90 ubudala.’ ‘Bendihleli ndiza kufa kakade ngenye imini’ ‘Ubomi abukho mnandi ngaphandle kwecuba.’
■ Xa ubona ukuba ungalingeka, zilibazise ngenye into. Ngokuhlala nje imizuzwana elishumi, ukunqanqatheka kusenokuphela. Maxa wambi, isenokukudandathekisa into yokuba ungasokuze uphinde utshaye. Ukuba uvakalelwa ngaloo ndlela, cinga nje ngokuyeka okolo suku.
■ Ukuba ufuna ukukhonza uThixo, thandazela uncedo. UMdali wethu onothando ‘unokubanceda ngexesha elifanelekileyo’ abo bazabalazela ukuphila ubomi babo ngokuvisisana nokuthanda kwakhe. (Hebhere 4:16) Kodwa musa ukulindela imimangaliso. Umele wenze ngokuvisisana nemithandazo yakho.
Hlala Ungatshayi
■ Iinyanga ezintathu zokuqala zezona zinzima, kodwa nasemva koko, ukuba kunokwenzeka, baphephe abantu abatshayayo neemeko ezinokukulingela ekutshayeni.
■ Ungaziqhathi ngokucinga ukuba ungatshaya ngamaxesha athile, kwanokuba ubuyeke kangangonyaka okanye ngaphezulu.
■ Sixhathise isilingo sokutshaya “umdiza nje omnye.” Xa utshaye wamnye uza kufuna eminye, yaye ngethuba nje elingephi uya kube uwugalele amanzi umsebenzi omkhulu owenzileyo wokuzama ukuyeka. Noko ke, ukuba uye wayekelela watshaya umdiza, akukho sizathu sokuba utshaye omnye. Ukuba uye wabuyela, yeka kwakhona.
Izigidi ngezigidi zeentshayi ziye zayeka ngokuphumelelayo. Ngokuzimisela nangokuzingisa, nawe ungayeka!