Unako Ukuphumelela!
NGOKU lixesha lokuba ube “nesibindi uze uthabath’ inyathelo.” (1 Kronike 28:10) Ngawaphi amanyathelo onokuwathabatha ukuze uphumelele?
Beka usuku. ISebe Lempilo NeeNkonzo Zoluntu laseUnited States licebisa ukuba usuku lwakho lokuqala olichithe ungakhange utshaye lumele lube kwisithuba seeveki ezimbini emva kokuba wenze isigqibo sokuyeka ukutshaya. Ngaloo ndlela uza kuvuseleleka umdla wakho wokuyeka ukutshaya. Phawula umhla oceba ukuyeka ngawo kwikhalenda yakho, uchazele abahlobo bakho uze uzimisele ukuyeka kanye ngolo suku nokuba iimeko ziyatshintsha.
Yenza ikhadi elinenkcazelo eza kukunceda uyeke ukutshaya. Linokuba nale nkcazelo ilandelayo kunye nantoni enokuvuselela umdla wakho wokuyeka:
● Izizathu zokufuna ukuyeka
● Iinombolo zefowuni zabantu abanokukunceda xa uvakalelwa ukuba uza kunikezela
● Amazwi—nokuba ziZibhalo ezifana neyabaseGalati 5:22, 23—anokukunceda ulufikelele usukelo lwakho
Malihlale likuwe eli khadi uze ulifunde izihlandlo eziliqela ngosuku. Naxa uyekile ufanele uqhubeke ulifunda ingakumbi xa unqanqathekile.
Ziyeke izinto ezikwenza ucinge ngokutshaya. Ngaphambi kokubeka usuku oza kuyeka ngalo, qala ngokutshintsha izinto obuzenza xa utshaya. Ngokomzekelo, ukuba ubudla ngokutshaya xa uvuka, khawukhe ukubekele bucala kangangesithuba esimalunga neyure. Ukuba udla ngokutshaya xa usitya, zama ukuyiyeka loo nto. Ziphephe iindawo ezinabantu abatshayayo. Kuqhelisele ukutsho ngokuvakalayo ukuba: “Ndicela ungandiphi. Ndiyekile ukutshaya.” Loo manyathelo aza kukunceda ulungiselele usuku oza kuyeka ngalo ukutshaya. Kwakhona aza kukunceda uqonde ukuba nawe uza kukuyeka ukutshaya.
Zilungiselele ukuyeka ukutshaya. Njengoko luya lusondela usuku oza kuyeka ngalo, thenga izinto oza kuzitya: iminqathe, iitshungama, amandongomane nezinye izinto ezinokukunceda. Bakhumbuze abahlobo nentsapho yakho ngosuku oceba ukuyeka ngalo nendlela abanokukunceda ngayo. Ngaphambi kokuba olo suku lufike, lahla isitya sokugalela uthuthu, umatshisi nayo nantoni enokukwenza ukufune ukutshaya—imidiza esemzini wakho, esepokothweni, esemotweni okanye esemsebenzini. Khumbula ukuba akukho lula ukucela icuba kumhlobo wakho okanye ukuthenga ipakethe yalo kunokuya kulithatha edroweni. Kwakhona, qhubeka ucela uThixo ukuba akuxhase, ingakumbi emva kokutsala umsi wakho wokugqibela.—Luka 11:13.
Abantu abaninzi baye “bahlukana” nalo mhlobo unenkohliso nokhohlakeleyo, icuba. Nawe unako ukwahlukana naye. Uza kuba sempilweni uze uzive ukhululekile.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Malihlale likuwe ikhadi elinenkcazelo eza kukunceda uyeke ukutshaya uze ulifunde izihlandlo eziliqela ngosuku