Ukudideka
ENYE ingwevu ikhumbula oku: “Emva kokuxelelwa ukuba ndinesifo esibeka ubomi phakathi kwenyama nozipho, ndazama ukuziqinisa, kodwa ukungaqiniseki kwanditheza amandla.” Amazwi ayo abethelela isibakala sokuba ukuba isigulo siye safika emzimbeni, asiyishiyi nendlela ovakalelwa ngayo. Sekunjalo bakho abantu abahlangabezana ngokuphumelelayo nale meko. Uninzi lwabo lungathanda ukukuqinisekisa ukuba zikho iindlela zokuhlangabezana ngokuphumelelayo nesigulo esingapheliyo. Kodwa ngaphambi kokuba sixubushe ngoko unokukwenza, makhe siqale sihlolisise ngenyameko ezinye iindlela onokuvakalelwa ngazo ekuqaleni.
Ukungakholelwa, Ukungayamkeli Imeko Nokungaziva Mnandi
Indlela ovakalelwa ngayo inokwahluka ngokucacileyo kweyabanye. Sekunjalo, iingcali zezempilo nabantu abagulayo baphawula ukuba abantu abanempilo enkenenkene basoloko bevakalelwa ngendlela eqhelekileyo. Ukuqala ngokothuka nokungakholelwa kunokulandelwa kukungayamkeli imeko, uthi: ‘Ayinakwenzeka loo nto.’ ‘Inokuba ikho impazamo.’ ‘Kusenokwenzeka babhidanise iziphumo zovavanyo lwaselebhu.’ Lichaza indlela elavakalelwa ngayo lisakufumanisa ukuba linomhlaza, elinye ibhinqa lathi: “Uye ubawele ukuzifihla ngethemba lokuba xa uzityhila kwakhona iya kuba sel’ iphele yonke loo nto.”
Noko ke, njengoko usiya uyamkela le meko usenokuqalisa ukungaziva mnandi kwaphela yaye ungonwabanga. ‘Ndiya kuphila ixesha elingakanani?’ ‘Ngaba ndiya kuchitha bonke ubomi bam nditsheqwa ziintlungu?’ kwaneminye imibuzo efana naleyo inokukubhuqa. Usenokunqwenela ukuba izinto zibuyel’ umva kwimeko ebezikuyo ngaphambi kokufunyaniswa kwesi sifo, kodwa oko akunakwenzeka. Kungekudala usenokuzifumana sele ugutyungelwe zezinye iimvakalelo ezibuhlungu nezinamandla. Ziziphi ezinye zazo?
Ukungaqiniseki, Ukuxhalaba, Ukoyika
Ukugula kakhulu kubangela ukungaqiniseki nokuxhalaba ngokugqithiseleyo. Enye indoda enesifo sikaParkinson ithi: “Ukungagqibeki kwemeko yam kwenza ubomi budandathekise maxa wambi. Mini nganye kuye kufuneke ndilinde ndize ndibone ukuba indiphathele ntoni na.” Ukugula kwakho kusenokukoyikisa. Ukuba kukuthwaxe ungaqondanga, kusenokukwenza ungcangcazele luloyiko. Noko ke, ukuba isigulo sakho siye safunyaniswa emva kweminyaka emininzi ukhathazwa ziimpawu ebezingachazwa kakuhle, lusenokuthi chatha uloyiko. Ekuqaleni, unokuva isiqabu xa abantu beqonda ukuba ugula ngokwenene, akuzenzisi. Noko ke, kungekudala emva kweso siqabu usenokuphinda woyike ngenxa yoko kubandakanywa seso sifo.
Enye into enokukukhathaza kukungakwazi ukuzilawula. Ubukhulu becala ukuba uyakuthanda ukuziphilela, usenokoyikiswa sisibakala sokuba uza kuxhomekeka ngakumbi kwabanye. Usenokuxhalatyiswa sisibakala sokuba ukugula kwakho kuqala ukukulawula kuze kulawule nantoni na oyenzayo.
Umsindo, Usizi, Ubulolo
Ukuqonda ukuba uye ungakwazi ukuzilawula kusenokuvusa umsindo. Usenokubuza ukuba, ‘Kutheni kusenzeka kum nje? Ndenze ntoni sendifumana le nto nje?’ Ubunkenenkene bempilo yakho busenokubonakala ikukudlelw’ indlala yaye bungekho ngqiqweni. Enye into enokukuthwaxa lusizi nokuphelelwa lithemba. Omnye ongakwazi ukuzenzela nto ukhumbula oku: “Ndandiba lusizi ngokwenene xa ndicinga ukuba yonke le nto yenzeke ngengozi nje yobudenge!”
Usenokubona sele ufuna ukuzikhetha. Oko kuzikhetha ngokulula kusenokukhokelela ekubeni ngunkom’ edla yodwa. Ukuba kunyanzeleka ukuba uhlale endlwini ngenxa yokugula kwakho, usenokungakwazi ukubutha nabahlobo bakho. Kodwa, ngaphezulu kunanini na ngaphambili, ukufuna ngamandla ukunxulumana nabantu. Emva kokukutyelela kakhulu nokukutsalela umnxeba, basenokuya besiba mbalwa abakutyelelayo nabakutsalela umnxeba.
Ekubeni kubuhlungu ukubona abahlobo bebhekela, usenokuba uye wakhetha ukuba ngumnyewu ngenxa yale ntlungu. Kambe ke, kuyaqondakala ukuba usenokuba ufuna ithuba lokuba wedwa ngaphambi kokuba kufike abanye abantu. Kodwa ukuba ngoku uzibhekelisa ngakumbi kwabanye abantu, abantu basenokubhekela ngakumbi kuwe (abanye bangezi ukuza kukubona) uze nawe ufune ukubhekela kubo (ungafuni nokubabona abanye). Enokuba kwenzeka yiphi kwezi, unokuziva ulilolo gqitha.a Maxa wambi, usenokungaqondi ukuba uya kuba usaphila na ngemini elandelayo.
Ukufunda Kwabanye
Noko ke, likho ithemba. Ukuba uthiwe nqo yimpilo enkenenkene, kukho iindlela eziluncedo onokuzisebenzisa ukuze ufumane umlinganiselo othile wokuyilawula.
Kuyavunywa ukuba olu ngcelele lwamanqaku alusayi kunyanga isifo esinganyangekiyo onaso, enoba sisiphi na. Kodwa, inkcazelo elapha inokukunceda ufumane indlela yokuhlangabezana naso. Elinye ibhinqa elinomhlaza layishwankathela ngolu hlobo indlela elivakalelwa ngayo: “Emva kokungakwamkeli oku nokuba nomsindo ndenza uphando ngendlela yokulwisana nesi sifo.” Nawe unokwenza uphando ngokubuza kubantu abakhe banamava afanayo uze ubone kubo indlela onokuhlangabezana ngayo nesi sifo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kambe ke, abaninzi baye bafumana ezi ntlungu ngomkhamo owahlukileyo nangendlela eyahlukileyo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Usenokubuza ukuba, ‘Kutheni kusenzeka kum nje? Ndenze ntoni sendifumana le nto nje?’