Xa Impilo Yakho Inkenenkene
“Ndothuka gqitha.”—NguJohn, emva kokuba efumanise ukuba unesifo esiyingozi.
“Ndandisoyika.”—NguBeth, emva kokufumanisa ukuba nkenenkene kwempilo yakhe.
UKUFUMANISA ukuba unesifo esinganyangekiyo nesiyingozi okanye ukwenzakala engozini okukushiya ungakwazi kuzenzela nto ngokupheleleyo, kuyenye yezona zinto zibuhlungu ebomini. Enoba uxelelwa ngokuthe ngqo ngugqirha okanye uzibona sele ungenakuzenzela nto kwigumbi labagula kakhulu, usenokufumanisa ukuba kunzima ukuyikholelwa loo nto. Ayikho nje indlela onokuyisebenzisa ukuze ujamelane nendlela ovakalelwa ngayo xa impilo yakho sele inkenenkene.
Ukuze afumane inkcazelo esenokuba luncedo kwabo baba nempilo enkenenkene, uVukani! ukhe wathetha nabaliqela kumazwe awahlukeneyo abaye bahlangabezana ngokuphumelelayo nesigulo esinganyangekiyo kangangeminyaka emininzi. Bacelwa ukuba baphendule imibuzo enjengethi: Uye wavakalelwa njani? Yintoni eye yakunceda wahlangabezana nale ntlungu waza wakwazi ukuphinda ulungelelanise izinto? Ngawaphi amanyathelo oye wawathabatha ukuze ukwazi ukulawula indlela ophila ngayo? Iinkcukacha ezifunyenwe kolu dliwano-ndlebe kwakunye nezinye izinto ezifunyaniswe ngabaphengululi abaphanda ngezigulo ezithabatha ixesha elide ziye zathiwa thaca ukuze kungenelwe abo bampilo inkenenkene kanye ngoku.a
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngoxa olu ngcelele lwamanqaku lusekuqaleni lubhalelwe abo bagulayo okanye abangakwazi kuzenzela nto, ungcelele lwamanqaku oluxubusha ngokuhlangabezana kwentsapho nesigulo esinganyangekiyo (kuVukani! kaJuni 8, 2000) lunenkcazelo eyayijoliswe ubukhulu becala kwabo banyamekela abagulayo.