Kuxakekiwe Kweli Hlabathi
NGABA UKUXAKEKA KOBOMI KUYAKOYISA MAXA WAMBI? NGABA KUKUSHIYA UDANDATHEKILE, UDINIWE, KUNZIMA UKUHLANGABEZANA NAKO? UKUBA KUNJALO, AKUWEDWA KULOO NTO.
IZIGIDI zabantu, ingakumbi ezixekweni, zifumanisa ukuba ubomi buyadina yaye buxakekile. Oku kwenzeka kakhulu kumazwe aseNtshona. Kwintlanganiso yonqulo yakutshanje eUnited States, esinye isithethi sacela abaphulaphuli abasoloko bediniwe baphakamise izandla. Ngoko nangoko, baba baninzi abaphakamisa izandla.
Incwadi ethi Why Am I So Tired? ithi: “Ubomi kutshanje buzele luxinezeleko olungazange lubekho ngaphambili—kufuneka kuleqwe inqwelo-moya, kufuneka kufikelelwe usukelo oluthile, kufuneka kusiwe kuze kuphuthunywe abantwana kwisikolo sabasaqalayo ngexesha elithile—njalo njalo.” Akumangalisi ukuba ukudinwa kuye kwachazwa njengeshwangusha lala maxesha siphila kuwo.a
Kwiminyaka yangaphambili, ubomi babulula yaye bungaxakekanga kangako. Indlela abantu ababephila ngayo yayivisisana nendalo—emini kwakusetyenzwa yaye ingokuhlwa yayilixesha lokuba kunye njengentsapho nokulala. Namhlanje, zininzi izizathu ezibangela abantu badinwe.
Akubanga Kudala Iimini Zanda
Omnye unobangela kukuba abantu balala ithuba elifutshane. Yaye enye inkqubela ebonakalayo ephazamise ixesha lokulala kukufika kokukhanya kombane. Ngokucofa nje iqhosha, abantu bayakwazi ukulawula ubude “bemini,” yaye kungekudala abantu baye baqalisa ukulala ubusuku sele buhambile. Enyanisweni, abanye abantu abakwazi kuyinceda le meko ngenxa yokuba imizi-mveliso iye yaqalisa ukusebenza ubusuku nemini kwaye naleyo inikela iinkonzo ebantwini iye yandisa iiyure esebenza ngazo. Omnye umbhali wathi: “Kwazalwa ibutho labantu lobusuku nemini.”
Ezinye iimveliso zobugcisa, njengonomathotholo, umabonwakude, nekhompyutha, ziye zanegalelo ekuphazamiseni ukulala okuyimfuneko ebantwini. Kumazwe amaninzi, iinkqubo zikamabonwakude zibakho kangangeeyure ezingama-24 ngosuku. Kuyinto eqhelekileyo ngabo bathanda imifanekiso eshukumayo okanye abathandi bemidlalo ukuba bafike emsebenzini besozela yaye bediniwe emva kokuba bebukele ixesha elide. Iikhompyutha ezisemakhayeni neziphazamiso ezikuzo ezingapheliyo zitsala izigidi zabantu ukuba zihlale ubusuku bonke. Kambe ke, ityala alikho kwezi zinto; kodwa, zenza abanye abantu bayibethe ngoyaba imfuneko yokuphumla.
Ubomi Buyakhawuleza
Iimini azibi nde nje kuphela kule mihla siphila kuyo kodwa ubomi ngokwabo buyakhawuleza—kwakhona busenziwa zezobugcisa. Inqwelo etsalwa ngamahashe ebikho kwisiqingatha senkulungwane esidluleyo yahluke lee kwiinqwelo-mafutha zanamhlanje ezinesantya, oololiwe abanesantya esiphezulu neenqwelo-moya ezinkulu. Enyanisweni, usomashishini wakutshanje, mhlawumbi owayenotatomkhulu owayehamba ngeenyawo okanye akhwele ihashe okanye ibhayisikile xa esiya emsebenzini, unokubhabha ngenqwelo-moya anqumle uLwandlekazi lweAtlantiki ngemini nje enye!
Neofisi iye yenza utshintsho ngendlela engaqondakaliyo ngenxa yokukhawuleza kwezinto nemveliso. Oomatshini bokuchwetheza nendlela yokuthunyelwa kwezinto eqhelekileyo iye yathatyathelwa indawo ziikhompyutha, oomatshini befax ne-E-mail. Iikhompyutha eziphathwayo, neefoni zecellular, neepagers zenze awacaca umahluko phakati kwekhaya neofisi.
Kambe ke, akakho kuthi onokulibambezela eli hlabathi. Noko ke, ngokwabantu ngabanye, sinokwenza uhlengahlengiso ukuze sikwazi ukuphila ubomi obuzolileyo nobulungeleleneyo. Kodwa ngaphambi kokuba siqwalasele lo mba, makhe sihlolisise indlela ubomi obukhawulezayo banamhlanje obunokusichaphazela ngayo thina ngabanye nebutho labantu ngokubanzi.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukudinwa okungapheliyo kunokubangelwa ziinkalo eziliqela ngaphandle koxinezeleko lwamihla le. Kusenokubangelwa kukungaphili kakuhle emzimbeni, ukungatyi kakuhle, iziyobisi, ungcoliso olubangelwa yimichiza, izigulo zengqondo nezingokweemvakalelo, ukwaluphala, okanye ezi zinto xa zidibene.