Abanqolobi Batyhile Kwelinye Iphepha
Ukugqibela kokuvela kombandela othetha ngabanqolobi kwiqweqwe lalo lindixesha, kwafakwa umfanekiso oqhelekileyo—wababulali abafake izigqubuthelo bephethe imipu ngakwindawo enogqabhuko-dubulo olunamandla. Noko ke, mvanje, izinto zitshintshile.
KUTHE xa kuqala ukungathi kuyarhatyela, thaphu uthotho lweelori ezithe thebelele zicondoba ngolwekati lona ucoselelo zicanda phakathi kwemizi. Zaya kuthi ngxingxilili ngasesikolweni. Kuthe kusenjalo, kwee gqi iqela lamadoda aqeqeshwe ngokukhethekileyo nanxibe izigqubuthelo zokuwakhusela kwiigesi nezambatho zokuwakhusela kwimichiza, lihlafuza kumatyholwana alapho. Ekuphela kwento eliyaziyo kukuba kuye kwadubula isiqhushumbisi esincinane xa bekudlalwa kumabala esi sikolo, sishiya isisi esiye satsarha inkumbula yababukeli. Esebenzisana nabasebenzi beenkonzo zongxamiseko, ngobunono la madoda mane angena kulo mmandla wengozi ngelokukhangela unobangela. Yintoni eyashiywa sesi siqhushumbisi? Yianthrax? Yigesi ebulala imithambo-luvo?
La madoda athi ngcembe esiya ngakwelo bala, ephethe izixhobo ngezixhobo zokuphicotha imichiza. Angena kwelinye igunjana apho afika kukho amasalela esi siqhushumbisi. Umsebenzi wawo ufuna ubunono, kuba uquka ukuphathwa kwezixhobo ezincinane zokuhlola nokuthwalwa kwezinto ezinzima.
Kuthe kusenjalo izigqubuthelo zawo zavutheleka. Inzima ke le nto, enoba sele kukho amadoda aqeqeshwe kangakanani. Noko ke, kwimizuzu nje engaphantsi kwelishumi, wachanwa umhlola. Inyange kwezemichiza, nalo elaliphume ingqina lathi: “Yi-anthrax yodwa le.”
Abanqolobi Batyhile Kwelinye Iphepha
Esi siganeko sasingenabungozi njengoko ucinga. Yayiluqeqesho lokuhlola ukuba eli qela linokuhlangabezana njani na negesi enetyhefu kumntla weNew York. Eli qela lelinye lalawo asandul’ ukusekwa abizwa ngokuba ziiWeapons of Mass Destruction Civil Support Teams. Umsebenzi wala maqela kukuhlola iingozi ezintsha zohlaselo lwabanqolobi ngokuhlola iintsholongwane, imichiza okanye izinto ezinemitha yeathom.
Eli qela lelinye lamaqela amaninzi ehlabathini lonke aye asekwa ngenxa yokutshintsha kweengozi neengxaki ezibangelwa ngabanqolobi.a Kutshanje amaqela azimeleyo abanqolobi namalolo athabatha yonke into ngeenyawo ezinkulu aye enza izinto ezigabadeleyo. Nangona abanqolobi abaninzi besahlasela iindawo zamajoni nezozakuzo, abanye baye baqalisa ukuhlasela nabantu abangakhuselekanga, njengeendawo zezothutho ezinabantu abaninzi, emabaleni emidlalo, kwiindawo ezixakekileyo ezidolophini, ezihotele nakwiindawo ezinabakhenkethi.
Eqinisekisa ukuba abanqolobi bathabathe olunye unyawo, uPorter Goss, ongusihlalo weU.S. House Intelligence Committee, wathi: “Kuza kufuneka siyeke ukucinga ngabanqolobi abathengwe ngurhulumente kuba ngundalashe lowo, sazi ukuba batyhile kwelinye iphepha ngoku. Ngoku sijongene nabanqolobi abalwela izizathu zabo.”
Kusenokuba nzima ukuthintela izenzo namacebo amatsha abanqolobi. Ngendlela ethe chatha, abanqolobi basebenzisa ubugcisa bala maxesha yaye bayakwazi ukufumana inkxaso yemali. IUSA Today inikela le ngxelo: “Ubugcisa obutsha beekhompyutha nobezonxibelelwano kunye noqhagamshelwano nolwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo kwenza kube nzima kakhulu ukuthintela abanqolobi.” La macebo matsha ajoliswe kwanakumaxhoba amatsha, nto leyo ebangela iintatheli nabahlalutyi bendalo basebenzise amabinzana anjengelithi, “abanqolobi abasebenzisa ikhompyutha,” “abanqolobi abasebenzisa iintsholongwane” “nabanqolobi abasebenza ngemeko-bume.”
Ayingozi kangakanani la macebo matsha abanqolobi? Ngaba akukhuselekanga kuzo? Ngaba sikho isicombululo kumacebo abanqolobi ehlabathini lonke? Amanqaku alandelayo aya kusiphendulela le mibuzo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Iimbono eziphathelele abanqolobi ziyahlukahlukana. Ngokomzekelo, kumazwe adlavulwe ziimfazwe zamakhaya, izenzo zogonyamelo zamaqela alwayo zisenokujongwa njengezenzo ezifanelekileyo zemfazwe okanye njengezenzo zabanqolobi, kuxhomekeka ukuba liliphi icala elibuziweyo. Kolu ngcelele lwamanqaku, igama elithi “abanqolobi” ngokubanzi libhekisela kwabo basebenzisa ugonyamelo njengendlela yokunyanzelisa izinto.
[Ibhokisi/Imaphu ekwiphepha 12, 13]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ishumi leminyaka LABANQOLOBI
1. EBuenos Aires, eArgentina
NgoMatshi 17, 1992
Ibhombu yenqwelo-mafutha yadlakaza Indlu Yozakuzo yaseIsraeli. Ababulawayo: 29. Abenzakalayo: 242
2. EAlgiers, eAlgeria
NgoAgasti 26, 1992
Kwadubula ibhombu kwisikhululo seenqwelo-moya esikhulu. Ababulawayo: 12. Abenzakalayo: ubuncinane bali-128
3. KwisiXeko saseNew York, eUnited States
NgoFebruwari 26, 1993
Abantu bonqulo abathabatha yonke into ngeenyawo ezinkulu badubula ibhombu enkulu ngasezantsi kweWorld Trade Center. Ababulawayo: 6. Abenzakalayo: bamalunga ne-1 000
4. EMatsumoto, eJapan
NgoJuni 27, 1994
Amalungu eqela iAum Shinrikyo asasaza igesi ebulalayo ekuthiwa yisarin kwindawo yokuhlala. Ababulawayo: 7. Abenzakalayo: 270
5. ETokyo, eJapan
NgoMatshi 20, 1995
Amalungu eAum Shinrikyo athwele imigodlo emithandathu esiya kwindlela kaloliwe ehamba ngaphantsi komhlaba eTokyo, esasaza igesi ebulalayo isarin. Ababulawayo: 12. Abenzakalayo: bangaphezu kwama-5 000
6. KwisiXeko saseOklahoma, eUnited States
NgoAprili 19, 1995
Ibhombu eyayiselorini yadlakaza isakhiwo sikarhulumente. Ityala libekwa kwabo bamela isithethe. Ababulawayo: 168. Abenzakalayo: bangaphezu kwama-500
7. EColombo, eSri Lanka
NgoJanuwari 31, 1996
Abanqolobi abanobuhlanga batyhoba eludongeni ilori eneziqhushumbisi. Ababulawayo: 90. Abenzakalayo: bangaphezu kwe-1 400
8. ELondon, ENgilani
NgoFebruwari 9, 1996
Abagrogrisi baseIreland baqhushumbisa igaraji egcina iinqwelo-mafutha. Ababulawayo: 2. Abenzakalayo: bangaphezu kwe-100
9. EYerusalem, kwaSirayeli
NgoFebruwari 25, 1996
Mntu uthile waqhushumbisa ibhasi ebulala naye. Kurhanelwa ukuba ngabantu bonqulo abathabatha yonke into ngeenyawo ezinkulu. Ababulawayo: 26. Abenzakalayo: bamalunga nama-80
10. EDhahran, eSaudi Arabia
NgoJuni 25, 1996
Ilori yepetroli idubula ngaphandle kwendawo yamajoni eUnited States. Ababulawayo: 19. Abenzakalayo 515
11. EPhnom Penh, eKhambodiya
NgoMatshi 30, 1997
Abantu abangaziwayo baphosa iziqhushumbisi kumboniso othile. Ababulawayo: bafikelela kwi-16. Abenzakalayo: bangaphezu kwe-100
12. ECoimbatore, eIndiya
NgoFebruwari 14, 1998
Kwabakho uthotho lweziganeko zokuqhushumbisa ezenziwa ngoophuma-silwe bonqulo. Ababulawayo: 43. Abenzakalayo: 200
13. ENairobi, eKenya naseDar es Salaam, eTanzaniya
NgoAgasti 7, 1998
Kwaqhushumbiswa iziNdlu Zozakuzo zaseUnited States. Ababulawayo: 250. Abenzakalayo: bangaphezu kwama-5 500
14. EKholombiya
Ngo-Oktobha 18 noNovemba 3, 1998
Olunye uhlaselo lwenziwa ngeebhombu olunye lwenziwa ngemijukujelwa. Uhlaselo lokuqala lwatsho kumthombo weoli. Ababulawayo: 209. Abenzakalayo: bangaphezu kwe-130
15. EMoscow, eRashiya
NgoSeptemba 9 nowe-13, 1999
Iziqhushumbisi ezibini ezikhulu zidlakaza izakhiwo ezibini zokuhlala. Ababulawayo: 212. Abenzakalayo: bangaphezu kwama-300
[Inkcazelo]
Umthombo: The Interdisciplinary Center, eHerzliya, kwaSirayeli
Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.
Victor Grubicy/Sipa Press
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 14]
Uhlaselo Olwenziwa Ngekhompyutha
NgoMatshi 1999: Iingxelo zibonisa ukuba iikhompyutha zakwaPentagon ziye zahlaselwa “ngendlela elungelelanisiweyo” ngabangeneleli. Suku ngalunye kunikelwa ingxelo yokuba iikhomputha zeU.S. Defense Department zihlaselwa ziingcaphephe ezithile zekhompyutha kangangezihlandlo ezingama-60 ukuya kwezingama-80.
Phakathi Kowe-1999: Kwisithuba seenyanga ezintathu, iingcaphephe zekhompyutha ezingasebenzi kwarhulumente, ngokungekho mthethweni zangena kwiWeb yeU.S. Senate, eyeFederal Bureau of Investigation, eyeU.S. Army, eyeWhite House, neyamasebe awahlukahlukeneyo orhulumente waseUnited States.
NgoJanuwari 2000: Kuye kwanikelwa ingxelo yokuba ehlabathini lonke, amashishini aye achitha ii-R93 zamawaka ezigidi kunyaka ophelileyo zisilwa “nabanqolobi bezoqoqosho” abasebenzisa iintsholongwane zekhompyutha eziyingozi.
NgoAgasti 2000: Ingcaphephe yekhompyutha yangena kwiWeb site yaseburhulumenteni neyamagunya aseUnited Kingdom.