IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g01 8/8 iphe. 3
  • Ubhubhane Osehlabathini Lonke Wentiyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubhubhane Osehlabathini Lonke Wentiyo
  • Vukani!—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubhubhani Oyintiyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ekuphela Kwendlela Yokushenxisa Intiyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Unobangela Wentiyo
    Vukani!—2001
  • Kutheni Abantu Becaphukelana Kangaka?—Ithini IBhayibhile?
    Imixholo Engakumbi
Khangela Okunye
Vukani!—2001
g01 8/8 iphe. 3

Ubhubhane Osehlabathini Lonke Wentiyo

KUKHO igongqongqo elidakasayo—gongqongqo elo elibizwa ngokuba yintiyo. Yaye liyagaba emhlabeni wonke.

KwiiBalkans elinye iphondo lisagcuma ngamanxeba ephulo lakutshanje lokubulawa kwezinye iintlanga. Inzondo ebikho kangangeenkulungwane iye yaphumela ekubulaweni kwabantu abaninzi, ukudlwengula, ukugxothwa kwabantu, ukutshiswa nokuphangwa kwamakhaya neelali, ukutshatyalaliswa kwezityalo nemfuyo, nendlela. Kuzele izigcayiseli apho.

KwiMpuma Timor, ekuMzantsi-mpuma Asia, abantu aboyikayo abangama-700 000 kuye kwafuneka ukuba ngenxa yokoyika babaleke ukubulawa, ukubethwa, ukudutyulwa nje okweempukane nokugxothwa. Baye bashiya umhlaba ungcoliswe yimikhosi engekho mthethweni. Elinye ixhoba lakhala ngelithi: “Ngathi ndisisilwanyana esi sizingelwayo.”

EMoscow esinye isakhiwo sabethwa sayingqushu yibhombu yabanqolobi. Izidumbu zabantu abamsulwa abangama-94—phakathi kwazo kukho nezabantwana—zashiywa ziqungquluzile kolo dubulo. Kwenzakala abantu abangaphezu kwe-150. Emva kwentlekele enjalo, abantu bayabuza ukuba, ‘Azi ngubani oya kulandela?’

ELos Angeles, eKhalifoniya, indoda enobuhlanga yajolisa ilopisi kwiqela labantwana abangamaYuda abafunda kwisikolo sabasaqalayo yaza kamva yabulala unoposi wakwiiPhillipines.

Kufanele ukuthiwa intiyo ngubhubhane osehlabathini lonke. Phantse suku ngalunye, iingxelo zeendaba zidiza okuye kwenzeke xa inzondo yobuhlanga, eyobuzwe, okanye eyonqulo ixutywe nolwaphulo-mthetho. Sibona iintlanga nabantu neentsapho ziqhekeka. Sibona amazwe ebandakanyeke ekubulaleni. Sibona izenzo ezibulwanyanarha zisenziwa ebantwini kuba abantu “bengafani.”

Ukuze libe nokuvalelwa igongqongqo eliyintiyo, kufuneka siqonde imvelaphi yogonyamelo olubangelwa yintiyo. Ngaba intiyo ikwimizila yemfuza yomntu? Ngaba yinto efundwayo? Ngaba kunokwenzeka ukuba iphele intiyo?

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]

Kemal Jufri/Sipa Press

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share