Ubhubhane Osehlabathini Lonke Wentiyo
KUKHO igongqongqo elidakasayo—gongqongqo elo elibizwa ngokuba yintiyo. Yaye liyagaba emhlabeni wonke.
KwiiBalkans elinye iphondo lisagcuma ngamanxeba ephulo lakutshanje lokubulawa kwezinye iintlanga. Inzondo ebikho kangangeenkulungwane iye yaphumela ekubulaweni kwabantu abaninzi, ukudlwengula, ukugxothwa kwabantu, ukutshiswa nokuphangwa kwamakhaya neelali, ukutshatyalaliswa kwezityalo nemfuyo, nendlela. Kuzele izigcayiseli apho.
KwiMpuma Timor, ekuMzantsi-mpuma Asia, abantu aboyikayo abangama-700 000 kuye kwafuneka ukuba ngenxa yokoyika babaleke ukubulawa, ukubethwa, ukudutyulwa nje okweempukane nokugxothwa. Baye bashiya umhlaba ungcoliswe yimikhosi engekho mthethweni. Elinye ixhoba lakhala ngelithi: “Ngathi ndisisilwanyana esi sizingelwayo.”
EMoscow esinye isakhiwo sabethwa sayingqushu yibhombu yabanqolobi. Izidumbu zabantu abamsulwa abangama-94—phakathi kwazo kukho nezabantwana—zashiywa ziqungquluzile kolo dubulo. Kwenzakala abantu abangaphezu kwe-150. Emva kwentlekele enjalo, abantu bayabuza ukuba, ‘Azi ngubani oya kulandela?’
ELos Angeles, eKhalifoniya, indoda enobuhlanga yajolisa ilopisi kwiqela labantwana abangamaYuda abafunda kwisikolo sabasaqalayo yaza kamva yabulala unoposi wakwiiPhillipines.
Kufanele ukuthiwa intiyo ngubhubhane osehlabathini lonke. Phantse suku ngalunye, iingxelo zeendaba zidiza okuye kwenzeke xa inzondo yobuhlanga, eyobuzwe, okanye eyonqulo ixutywe nolwaphulo-mthetho. Sibona iintlanga nabantu neentsapho ziqhekeka. Sibona amazwe ebandakanyeke ekubulaleni. Sibona izenzo ezibulwanyanarha zisenziwa ebantwini kuba abantu “bengafani.”
Ukuze libe nokuvalelwa igongqongqo eliyintiyo, kufuneka siqonde imvelaphi yogonyamelo olubangelwa yintiyo. Ngaba intiyo ikwimizila yemfuza yomntu? Ngaba yinto efundwayo? Ngaba kunokwenzeka ukuba iphele intiyo?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
Kemal Jufri/Sipa Press