Imibhiyozo Ethandwayo—Ngaba Kukuzonwabisa Okungenabungozi?
PHAKATHI KUOKTOBHA, kwizixeko ezithile zaseFransi kubakho utshintsho olungaqhelekanga. Iifestile zeevenkile zizala amathanga, amathambo nezindlu zezigcawu. Kwiivenkile zasekuhlaleni, abo bathengisayo banxiba iminqwazi emnyama etsolo. Ukuqukumbela yonke loo nto, abantwana abancinane behla benyuka ezitratweni, benkqonkqoza ezindlwini yaye besoyikisa ngokuba baza konakalisa ukuba abazinikwa “izimuncu-muncu” abazifunayo.
Onke la masiko angaqhelekanga ayinxalenye yombhiyozo othandwayo obizwa ngokuba yiHalloween. Nangona ngaphambili yayijongwa ubukhulu becala njengeholide yaseMerika, iHalloween iye yanwenwela ehlabathini lonke, ithandwa gqitha ngabantwana nabantu abasele bekhulile. IFransi ibonakala iyamkele ngezandla ezishushu iHalloween. Ngokutsho kolunye uhlolisiso, zimalunga nesinye kwisithathu iintsapho zamaFrentshi eziye zabhiyozela esi siganeko kunyaka ophelileyo. Iphephandaba lamihla le laseItali iLa Repubblica lithetha ngesi simbo sixhaphakileyo “njengomkhukula” ogugutha usingasiqithi waseItali. Iphephandaba iNordkurier lithi “abemi [baseJamani] abaninzi kunanini na ngaphambili abafuni kuphoswa koku kuziyolisa kuhambis’ umzimba.”
AsiyoYurophu yodwa ethe ti yiHalloween. Ukusuka kwiiBahamas ukuya kuma ngeHong Kong, abantu bahamba ngezantya bebhiyozela iHalloween. I-International Herald Tribune inikela ingxelo yokuba kunyaka ophelileyo elinye iziko likanomathotholo laseSri Lanka laba nokhuphiswano “lweyona ndlela yokubhiyozela iHalloween ihlathuzelisa amanwele nesona sikhalo sikrakra somntu obulawayo.” Kanti naseJapan iHalloween iyathandwa, apho amawakawaka abantu ‘evuthisa amathanga’ kulo lonke elaseTokyo.
Kwanakwiindawo zehlabathi apho iHalloween ingathandwayo, kudla ngokubakho imibhiyozo efana nayo. NgoBusuku beGuy Fawkes eBritani, uya kubona amaqela abantwana abanyuka besihla becela imali yaye bedlala imidlalo efana neyeHalloween. ETaiwan, kukho iLantern Festival enoburhocorhoco. Abantwana abancinane bahlisa benyusa izitrato bephethe izikhanyiso ezimilise okweentaka nezilwanyana. EMexico kukho iDia de los Muertos, okanye iMini Yabafi, umbhiyozo ophume eMexico waya kutsho eUnited States. Ngokutsho kukaCarlos Miller ongumbhali, abanye abantu baseMexico abaseMerika “basanxiba izigqubuthelo ezifana nokakayi olwenziwe ngeplanga ezibizwa ngokuba yicalacas baze badanise benika imbeko kwizalamane zabo ezifileyo.”
Abantu abaninzi basenokuyijonga imibhiyozo enjalo njengokuzonwabisa okungeyongozi—isizathu sokuba abantwana nabantu abasele bekhulile banxibe nje nanjani na. Noko ke, uluvo olunjalo lubonisa ukungasiphapheli kwabo isibakala sokuba ngokungathandabuzekiyo le mibhiyozo inemvelaphi yobuhedeni. Ngokomzekelo, iLantern Festival yaseTaiwan, yaqalisa xa abantu bakhanyisa izibane bezama ukubona imimoya ababekholelwa kukuba izulazula esibhakabhakeni. IMini Yabafi yaseMexico isuka kwisithethe sama-Aztec sokunika imbeko kwabafileyo.
Abanye basenokuma ngelithi imvelaphi yemibhiyozo efana nale ayibalulekanga. Kodwa zibuze, ‘Ngaba imibhiyozo enemvelaphi embi ngolo hlobo ngokwenene inokujongwa njengengenabungozi?’ Abaxhasi bezentengiso bale mibhiyozo ngokuqinisekileyo abakhathali. Ngokuphathelele iHalloween, omnye ummeli weCultural Institute of Barcelona, eSpeyin, wathi: “Ngumbhiyozo oqalwe kucingwa ngezorhwebo.” Kaloku, kunyaka ophelileyo, imali echithwe kwiHalloween iqikelelwa kwii-R55 zamawaka ezigidi eUnited States kuphela. EFransi enye inkampani eyenza izinxibo zeHalloween iye yabona ishishini layo lihambela phambili ngokuphindwe kalikhulu kwiminyaka nje emithathu.
Kodwa ngaba ufanele ube nenxaxheba kwimibhiyozo enjalo kuba nje ithandwa okanye inengeniso? Ngelokuphendula lo mbuzo, siza kukhe siqwalasele umbhiyozo weHalloween.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukhakhayi olwenziwe ngeswekile olusetyenziswa kwiMini Yabafi YaseMexico
[Inkcazelo]
SuperStock, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
EBritani, uBusuku beGuy Fawkes bubhiyozelwa ngamadangatye emililo
[Inkcazelo]
© Hulton Getty Archive/gettyimages