Isizathu Sokuba Ndingayibhiyozeli IHalloween
KUNYAKA OPHELILEYO, ngoxa abamelwane bakhe babexakekile belungiselela iHalloween—kwamanye amazwe le yiholide ethandwayo ebhiyozelwa nyaka ngamnye enokuthanani nokusebenzelana nemimoya—uMichael waseKhanada oneminyaka eli-14 ubudala wayecinga ukwenza ezinye izinto. Ebhala isincoko uMichael wathi:
‘Obu bubusuku obungaphambi kweHalloween. Njengokuba ndibukele efestileni, ndiphawula ukuba onke amabala anengca abamelwane ahonjiswe ngamatye amangcwaba, amathambo namathanga aholo-holo akrolwe ubuso, impumlo, umlomo namehlo abekwe ngasefestileni yaye la mathanga anesibane ngaphakathi. Abazali balungisa iimpahla zabantwana; abantwana baphupha ngeelekese abaza kuzifumana ngomso.
‘Ekhaya sizenza ngendlela eyahlukileyo izinto. Ibala lasekhaya elinengca alihonjiswanga yaye ifestile ayinasibane. Abantu bandibuza isizathu sokuba ndingayibhiyozeli iHalloween. AmaNgqina kaYehova akayibhiyozeli ngenxa yemvelaphi yayo.a
‘Ndiyalithanda ixesha leHalloween. Usenokubuza ukuba “Kutheni?” Ngenxa yokuba eli xesha lindenza ndicinge. Lindenza ndicinge ngesizathu sokuba ndikhethe ukwenza ezinye izinto. Mntu ngamnye ufanele aphendule enoba imvelaphi yezinto azikholelwayo ibalulekile kusini na. Ndicinga ukuba ibalulekile imvelaphi yezinto esizikholelwayo. Ngokomzekelo, abantu abaninzi basenokucaphuka kuba abamelwane babo benxibe ngendlela yamaNazi. Ngoba? Ngenxa yemvelaphi yesinxibo samaNazi noko akwenzayo—abantu abaninzi abaye bakhubeke yimithetho yawo. Kuyandikhubekisa ukufumanisa ukuba umtyholi, imimoya engendawo namagqwirha amela okuthile yaye andifuni ukuzibandakanya nabantu abanjalo. Kuhle ukucinga ngokhetho esilwenzayo nezizathu zalo, nokwenza ukhetho olusekelwe kwimigaqo kunokwenza into eqhele ukwenziwa. Kungenxa yoko le nto ndilithanda eli xesha lo nyaka. Ndinelunda ngokuba ngumntu owahlukileyo nokuyimela into endiyikholelwayo.’
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona uVukani! kaOktobha 8, 2001, iphepha 19-24.