IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 67
  • Isuka Phi Iholide Ekuthiwa YiHalloween?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isuka Phi Iholide Ekuthiwa YiHalloween?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Impendulo yeBhayibhile
  • Imbali yeHalloween namasiko ayo
  • Ngaba kubalulekile ukuba siyazi imvelaphi yeHalloween?
  • Inyani NgeHalloween
    Vukani!—2013
  • Inyaniso Ngemibhiyozo Ethandwayo
    Vukani!—2001
  • Imibhiyozo Ethandwayo—Ngaba Kukuzonwabisa Okungenabungozi?
    Vukani!—2001
  • Isizathu Sokuba Ndingayibhiyozeli IHalloween
    Vukani!—2006
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 67
Abantwana abathathu banxibe izinto zeHalloween ibe bemi phambi kwendlu ehonjiswe ngezinto zeHalloween.

Isuka Phi Iholide Ekuthiwa YiHalloween?

Impendulo yeBhayibhile

IBhayibhile ayithethi ngeholide abantu abaninzi abayibhiyozelayo nge-31 kaOktobha qho ngonyaka ekuthiwa yiHalloween. Kodwa ke, imvelaphi namasiko ayo le holide ayaphikisana nento efundiswa yiBhayibhile.

Kweli nqaku

  • Imbali yeHalloween namasiko ayo

  • Ngaba kubalulekile ukuba siyazi imvelaphi yeHalloween?

  • Kutheni kusithiwa yiHalloween?

Imbali yeHalloween namasiko ayo

  • ISamhain: IThe World Book Encyclopedia ithi iHalloween isuka “kulo mbhiyozo wobuhedeni owawusenziwa ngabantu baseYurophu kwiminyaka eyi-2 000 eyadlulayo. Aba bantu babekholelwa ukuba abantu abaswelekileyo babekwazi ukuhamba phakathi kwabantu abaphilayo ngeli xesha. Xa bebhiyozela iholide ababesithi yiSamhain, babesithi abaphilayo bangakwazi ukuya kwabo baswelekileyo.”—Jonga ukuba “Kutheni kusithiwa yiHalloween?”

  • Izinto ezinxitywa ngeHalloween, iilekese, nokunxityiswa kwabantwana ukuze baqhathe umntu okanye banikwe ukutya: Enye imbekiselo ithi abanye abantu baseYurophu banxiba izinto ezimnyama nezoyikisayo ukuze abantu abaswelekileyo “baqhatheke bacinge ngabo” baze babayeke. Abanye banika abo abaswelekileyo iilekese ukuze bangacaphuki baze babonzakalise.a

    Ibhakethi efana nethanga iwile ibe kuyo kuphuma iilekese.

    Malunga no-500 C.E. ukuya kutsho ku-1500 C.E. eYurophu, abefundisi bamaKatolika baqalisa ukwenza amasiko obuhedeni asekuhlaleni. Babesenza abo bakhonza kwiicawe zabo banxibe ngendlela ekunxitywa ngawo xa kusenziwa loo masiko. Emva koko babehamba emizini becela izipho.

  • Iziporho, abantu abazijika babe ziingcuka, iivampire, amagqwirha: Kudala ezi zinto zadityaniswa needemon. Incwadi ekuthiwa yiHalloween Trivia ithi xa ithetha ngazo “zizidalwa ezinamandla angaqhelekanga, ezinento yokwenza nokufa, nabantu abaswelekileyo okanye nokoyika ukufa.”

  • Amathanga eHalloween okanye izibane abazisebenzisayo: Malunga no-500 C.E. ukuya kutsho ku-1500 C.E. eBritani, abantu “babengena emizini besithi bazothandazela abafileyo ukuba baphiwa ukutya.” Babephatha “iitheniphu ezisikiweyo ezifakwe amakhandlela alayitiweyo, ibe loo makhandlela ayemela umphefumlo ovalelwe esihogweni.” Ezinye iimbekiselo zithi ezi zibane zazenzelwe ukugxotha imimoya emdaka. EMntla Merika ngoo-1800, kwasetyenziswa amathanga endaweni yeetheniphu kuba wona ayemaninzi ibe kulula ukuwasika baze bawakrwele.

Ngaba kubalulekile ukuba siyazi imvelaphi yeHalloween?

Ewe. Nangona abantu besithi iHalloween lixesha nje lokuzonwabisa, izinto ezenziwayo xa ibhiyozelwa ziyaphikisana nezinto ezifundiswa yiBhayibhile. Isuka kwiinkolelo ezibubuxoki ngabantu abafileyo, izidalwa ezingabonakaliyo okanye iidemon.

Khawujonge ezi vesi zilandelayo ezibonisa indlela uThixo aziva ngayo ngezinto abantu abazikholelwayo xa besenza iHalloween:

  • “Makungabikho mntu kuni . . . oya egqirheni okanye kumntu ochaza izinto kwangaphambili, okanye obuza ebantwini abafileyo.”—Duteronomi 18:10-12.

    Le nto ithetha ukuba: UThixo akafuni ukuba abantu benze ngathi bazama ukuthetha nabantu abafileyo, okanye benze ngathi bayakwazi ukuthetha nabo.

  • “Abafileyo abazi nto kwaphela.”—INtshumayeli 9:5.

    Le nto ithetha ukuba: Kuba abafileyo bengazi nto, abanakukwazi ukuthetha nabantu abaphilayo.

  • “[Makungabikho] nto enidibanisa needemon. Aninakusela kwindebe kaYehova nakwindebe yeedemon.”—1 Korinte 10:20, 21.

    Le nto ithetha ukuba: Abantu abafuna ukuthandwa nguThixo bamele baphephe nantoni na enokwenza needemon.

  • “Nikwazi ukulwa namaqhinga kaMtyholi; kuba . . . silwa . . . nemikhosi yemimoya emibi.”—Efese 6:11, 12.

    Le nto ithetha ukuba: AmaKristu amele ayiphephe imimoya emibi, angayibhiyozeli.

a Jonga incwadi ethi iHalloween: An American Holiday, an American History, iphepha 4.

Kutheni kusithiwa yiHalloween?

Igama elithi Halloween lidityaniswa nombhiyozo wobuhedeni owawusenziwa ngabantu baseYurophu ekwakuthiwa yiSamhain. IWorld Book Encyclopedia ithi: “Igama elithi Samhain . . . lithetha ukuphela kwehlobo. Lo mbhiyozo wawubonisa ukuqala kobusika ibe wawusenziwa nge-1 kaNovemba. Ngo-700 C.E. ukuya kutsho ku-800 C.E., icawe yobuKristu yaqalisa iholide entsha eyayisithi yiAll Saints’ Day, ngalo mhla. Le holide intsha yayikhe yabizwa nangokuba yiAll Hallows’. Igama elithi Hallow lithetha ingcwele, okanye umntu ongcwele. Ubusuku obungaphambi kwale holide ekwakuthiwa yiAll Hallows’ babusaziwa ngokuba yiAll Hallows’ Eve, okanye iAll Hallow e’en. Emva kwexesha, eli gama lashunqulelwa kwathiwa yiHalloween.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share