IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 3/8 iphe. 24-27
  • Ukwenza Indawo Osebenza Kuyo Ikhuseleke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukwenza Indawo Osebenza Kuyo Ikhuseleke
  • Vukani!—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphaphela Iingozi
  • Amanyathelo Anokuthatyathwa
  • Izinto Ezenza Indawo Yokusebenza Ibe Yingozi
    Vukani!—2002
  • Ukubethana Kwezimvo Ngomsebenzi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Amabhinqa AngamaKristu—Agcina Ingqibelelo Kw
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • UYehova Ufuna ‘Unqabiseke’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
Vukani!—2002
g02 3/8 iphe. 24-27

Ukwenza Indawo Osebenza Kuyo Ikhuseleke

NGAPHANDLE nje kwemithetho yezempilo nokhuseleko emsebenzini, kwanangoku iingozi nokufa emsebenzini ziyeyona ngxaki inkqenkqeza phambili. Ngokucacileyo ngoko, ukhuseleko emsebenzini asinto inokubakho ngenxa nje yokumiselwa kwemithetho. Imele ibe yimbopheleleko yabaqeshi nabasebenzi ukuqinisekisa ukuba bona kunye nabanye bakhuselekile.

Ngoko ke, bonke abantu abasemsebenzini bafanele ngobulumko bahlolisise indawo abasebenza kuyo nemikhwa yabo yokusebenza. Ngokomzekelo, ngaba ukhe wayihlolisisa indawo osebenza kuyo ukuze ubone enoba ukhuselekile ngokwenene? Ngaba usebenza ngezinto ezinetyhefu? Ukuba kunjalo, ngaba ukhuseleke ngomlinganiselo ofanelekileyo? Ngaba usoloko uxinezelekile? Ngaba umsebenzi owenzayo ufanele uwugqibe ngexesha elingaphantsi kwelo livumelekileyo ngokwasemthethweni?

Iimpendulo kwimibuzo enjengale zinokubonisa indlela okhuseleke ngayo emsebenzini.

Ukuphaphela Iingozi

Ukuzama ukulandela ucwangciso lomsebenzi olungekho ngqiqweni kunokuba yingozi. Emva kokuqwalasela iziphumo zohlolisiso olwenziwa kubasebenzi abazizigidi ezisisi-3,6 neendawo zokusebenza ezingama-37 200, uNjingalwazi uLawson Savery weAustralia’s Curtin University, ekunye nomnye umphandi, wapapasha ingxelo yohlolisiso eyayinomxholo othi “Long Hours at Work: Are They Dangerous and Do People Consent to Them?” Impendulo kule mibuzo mibini yaba nguewe.

Eneneni, abasebenzi abadiniweyo abawenzi ngokuphumelelayo umsebenzi wabo yaye benza iimpazamo ezininzi. Njengoko kuchazwe kwiphephandaba laseOstreliya iThe Sun-Herald, uNjingalwazi uSavery wathi: “Iinkampani ezininzi ziye zakhuthaza ukusebenza iiyure ezininzi yaye ziye zaqesha abantu abasebenza ezo yure zininzi zaza zabahlawula ngokwenjenjalo.” Imiphumo iba mibi ngeyona ndlela. Mhlawumbi le ngxaki iphawuleka lula kwishishini lwezothutho, apho abaqhubi bakhuthazwa okanye bade banyanzelwe ukuba baqhube iiyure ezininzi bengakhange baphumle—nto leyo engekho mthethweni kweminye imimandla.

Enye ingozi yimikhwa yokusebenza emibi esenokuquka ukungalungelelani nokungabikho kococeko. Ukushiya izixhobo zokusebenza zithe saa emgangathweni okanye ukushiya iintambo zombane zingagqunywanga ngokufuthi kubangela iingozi, yaye maxa wambi iintlekele ezihlasimlis’ umzimba. Kuyafana nokutyeshela imiqathango yokhuseleko xa umntu esebenzisa izixhobo zombane noomatshini. Omnye unobangela weengozi kwanokufa kukungazosuli izinto ezichithekileyo—ingakumbi eziyityhefu. Iingozi ezininzi ziye zabangelwa kukutyibilika kwabasebenzi kumgangatho oneoli okanye omanzi. Ngoko kunokutshiwo ukuba owona mthetho uphambili kumsebenzi omhle lucoceko nokulungelelana.

Sekunjalo, abaninzi badla ngokulingeka baze batyeshele imithetho yokhuseleko. Ulindixesha iMonthly Labor Review wathi: “Uxinezeleko emsebenzini lunokubangela abantu bacinge ukuba kufuneka bathabathe iindlela zokwenza izinto ezilula ukuze bahlangabezane noko kufunekayo.” Bambi banokude bacinge oku ngemithetho yokhuseleko, ‘Akuzange kukhe kubekho ngxaki xa siyityeshele.’ Ebhekisela kulo mbandela, omnye umphathi womzi-mveliso onamava wathi: “Enye yezona zinto zimbi onokuzenza emsebenzini kukutyeshela imithetho yokhuseleko uze ukwazi ukubhungca!” Ngoba? Ngenxa yokuba oku kubangela uzithembe ngokugqithisileyo uze ungakhathali, nto leyo ekhokelela kwiingozi ezingakumbi.

Udubulo olwenzeka kumzi-mveliso waseChernobyl eUkraine ngowe-1986 kuthiwa lwaba “yeyona ngozi yenyukliya ihlasimlis’ umzimba ehlabathini lonke.” Yabangelwa yintoni loo ngozi? Ingxelo ngale ntlekele ithi, phakathi kwezinye izinto, “kukusebenza ngokungakhathali kunye nokutyeshela imithetho yokhuseleko ngokuphindaphindiweyo.”

Umqeshi nomsebenzi banokubambisana ekuqwalaseleni izinto ezinokuba yingozi. Umzekeliso wobulumko weBhayibhile uthi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.” (IMizekeliso 22:3) Ewe, onobulumko uyakubona oko kunokuba yingozi aze afune iindlela zokukhusela yena nabanye.

Xa abaqeshi besenza oku, bayangenelwa kuquka nabasebenzi. Ngokomzekelo, inkampani eyaguqula ukuma kweofisi yayo ukuze inciphise “izinto ezibeka impilo esichengeni” yafumanisa ukuba kungekudala emva koko, kwabakho ulwando kwimveliso yaye abasebenzi abaninzi baneliseka. Kwakhona bafumanisa ukuba baba mbalwa abantu ababa kwikhefu lokugula. Ukucingela impilo yabanye akupheleli nje ekwenzeni ukuba umqeshi nabasebenzi bonwabe kodwa, njengoko sibonile kwezi meko, kunokuba neengenelo ezininzi kwezoqoqosho.

Njengoko sibonile kwinqaku elandulelayo, ugonyamelo sele luyinto exhaphakileyo emsebenzini. Yintoni onokuyenza ukuze uzikhusele?

Amanyathelo Anokuthatyathwa

Kuye kwafunyaniswa ukuba ugonyamelo olubonakala lungeyongozi kwiindawo zokusebenza luphumela ekuxhatshazweni ngendlela enganyamezelekiyo. IHarvard Business Review inikela eli cebiso lisengqiqweni: “Xa ufuna ukuphelisa ugonyamelo kwindawo yokusebenza, khumbula ukuba abantu abenza ugonyamelo olungephi bagqibela ngokuba nogonyamelo oluthe chatha.”

Kusenokwenzeka ukuba asiyonjongo yebhinqa ukutsala ingqalelo yabo lisebenza nabo, kodwa ngesinxibo, ngeentetho zalo okanye ngokuziphatha ngendlela engenasidima, abanye banokucinga ukuba linemilinganiselo yokuziphatha ephantsi. Kutshanje, ukwenza izinto ungazimiselanga ukutsala ingqalelo engafanelekanga kuye maxa wambi kwabangela iingxaki ezinkulu, eziquka ukuzama ukwenzakalisa omnye umntu, ukudlwengula okanye kwanokubulala. Ngoko ke yazi indlela isinxibo nehambo yakho ezibachaphazela ngayo abanye. Thobela icebiso leBhayibhile elithi: ‘Zihombiseni ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo.’—1 Timoti 2:9.

IMonthly Labor Review yachaza enye into enokuba yingozi xa yathi: “Bayaxhalabisa abasebenzi abasebenza bodwa ebusuku kwiindawo ezifihlakeleyo.” Ngoko cinga ngoku: Ngaba kububulumko ukuzibeka esichengeni seengozi ezidla ngokubakho xa usebenza wedwa, ingakumbi ezinzulwini zobusuku? Ngaba imali ibaluleke gqitha kangangokuba ndingade ndizibeke engozini ngale ndlela?

Kwakhona kubalulekile ukuqwalasela indlela esisabela ngayo kwizinto ezicaphukisayo nezinogonyamelo ezenziwa ngabantu abaxinezelekileyo esisebenza nabo. Yintoni enokwenziwa ukuze siphephe ukwenza izinto zibe mbi nangakumbi kwimeko ebonakala iyingozi? Umzekeliso weBhayibhile unikela eli cebiso: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.” (IMizekeliso 15:1) Ewe, ngokucombulula izinto ngobubele nangentlonelo, uya kuba wenza into entle eya kubangela ukuba kungabikho ukujongana ngezikhondo zamehlo uze uphephe ingxabano.

Kwiindawo zokusebenza ezibangela uxinezeleko namhlanje, ukucaphuka nokuba nomsindo yinto eqhelekileyo. Ngoxa kusenokubonakala ngathi kujoliswe kuthi, kusenokwenzeka ukuba umntu ucatshukiswe zizinto zakhe. Kusenokwenzeka ukuba sidibane naye ngelo xesha acaphuke ngalo. Ngoko indlela esisabela ngayo ibalulekile. Inokuwudambisa umsindo wakhe okanye iwuphembelele.

Noko ke, mhlawumbi kunokwenzeka ukuba kukho ukungaboni ngasonye. Incwadi ethi Resolving Conflicts at Work inikela eli cebiso lisebenzisekayo: “Xa sicaphukile, . . . asifane siyichaze ngokucacileyo eyona ndlela sivakalelwa ngayo.” Sinokuba yintoni isizathu soko? Le ncwadi ihlabela mgama isithi: “Iingxabano zethu ziyasidida zize zibonakale zisongamela kakhulu kangangokuba siye sikholelwe ukuba ekuphela kwendlela esinokuzicombulula ngayo lugonyamelo.”

Kanti sinokuyicombulula njani le ngxaki? NGOKUPHULAPHULA! Incwadi ecatshulwe ngasentla ithi: “Ukubaphulaphula ngenyameko abantu esingavisisani nabo . . . , kusinika ithuba lokuba sidambise umsindo wethu size ngaloo ndlela sifumane isicombululo.” Elo licebiso elihle elinokubangela ukuba ukungavisisani okanye ukungaqondani kungabi ziingxabano ezinkulu.

Ngoko ke, ngobulumko sebenzisa ingqiqo xa ufuna ukukhuseleka. Oku kuya kuquka ukuyilandela ngenzondelelo imithetho yokhuseleko yasekuhlaleni. Ukwenza oku kuba yingenelo ekwenzeni indawo yokusebenza ikhuseleke.

Kwakhona kunokutshiwo ukuba isimo sengqondo sethu ngobomi, umsebenzi nexesha lokuzihlaziya siya kuba nempembelelo kuhlobo lomsebenzi esifuna ukuwenza nendlela esilujonga ngayo ukhuseleko. Inqaku elilandelayo liza kusinceda senze izigqibo ezilungileyo kule nkalo.

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Yisule kakuhle ioli echithekileyo

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Impendulo enobulali inokuwudambisa umsindo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share