IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 3/8 iphe. 20-22
  • Kuthekani Ukuba Ndidibana Nomntu Endifunda Naye?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuthekani Ukuba Ndidibana Nomntu Endifunda Naye?
  • Vukani!—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imbopheleleko Yokushumayela
  • Ucelomngeni Lokushumayela Koontanga
  • Ndingashumayela Njani Kwabo Ndifunda Nabo?
    Vukani!—2002
  • Kutheni Ndimele Ndithethe NgoThixo?
    Vukani!—1994
  • Lutsha—Yintoni Eniyisukelayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ndinganayo Njani Inkalipho Yokuba Ngowahlukileyo?
    Vukani!—1992
Khangela Okunye
Vukani!—2002
g02 3/8 iphe. 20-22

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Kuthekani Ukuba Ndidibana Nomntu Endifunda Naye?

“Kwakuba nzima ukubuyela esikolweni ngoMvulo. Ukuba ndikhe ndabonwa ngabahlobo bam, ndandingaphelelwa yinto yokuthetha ukuze ndibakhohlise. Ngokomzekelo, ndandidla ngokubaxelela ukuba bendiqokelela imali yoMbutho Wabasebenzi.”—UJames, waseNgilani.

“Esikolweni ndandidla ngokugculelwa ngabantu abaye bandibona. Kwakunzima ngokwenene.”—UDébora, waseBrazil.

KWAKUTHENI ukuze aba baselula boyike kangaka ukubonwa ngabahlobo babo? Ngaba babesenza okuthile okungekho mthethweni? Akunjalo, kunoko babebandakanyeke kowona msebenzi uxabisekileyo nobalulekileyo owenziwa emhlabeni wonke namhlanje. Babesenza umsebenzi uYesu awayalela ukuba wenziwe xa wathi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”—Mateyu 28:19, 20.

Ngokutsho kohlolisiso lweGallup olwenziwe eUnited States, abantu abakwishumi elivisayo abangaphezu kwama-90 ekhulwini bayakholelwa kuThixo. Malunga nesiqingatha siya ecaweni veki nganye. Yaye ngoxa abantu abaselula abaninzi bebandakanyeke kwizinto zokuzihlaziya ezixhaswa yicawa, njengokucula kwikwayala, bambalwa kakhulu abathethayo ngoThixo kwabo bafunda nabo. Noko ke, amaNgqina kaYehova aziwa ehlabathini lonke ngomsebenzi wawo wokushumayela kwindlu ngendlu. Amawaka amaNgqina aselula aba nenxaxheba kulo msebenzi.

Ukuba uliNgqina eliselula, ngokuqinisekileyo nawe sele uwenza lo msebenzi wokushumayela. Kodwa oku akuthethi kuthi kulula ukuwenza. Njengabo baselula abacatshulwe ekuqaleni, unokuyifumanisa inganyamezeleki ingcinga yokudibana nomntu ofunda naye ngoxa ukwinkonzo yasentsimini yendlu ngendlu. Oselula waseBritani ogama linguJennie wavuma: “Eyona nto ndingazange ndiyithande kukuba ndibonwe ngomnye endifunda naye ndinxibe isiketi, ndiphethe ibhegi yeencwadi—ndinxibe ngendlela endilisekileyo kunaleyo ndinxiba ngayo esikolweni.”

Uloyiko lokudibana nomntu ofunda naye lunokuba nzulu kakhulu kangangokuba amanye amaKristu aselula akhethe ukusebenzisa amaqhinga. Oselula ogama linguLeon uthi: “Kukho omnye oselula oliNgqina endimaziyo onxiba ibhatyi enomnqwazi xa ekubulungiseleli, ukuze azigqume ubuso ngawo xa edibana nomnye wabahlobo bakhe basesikolweni.” Ukanti abanye abaselula bakuphepha ngokupheleleyo ukushumayela kwiingingqi ezithile. Oselula ogama linguSimon uthi: “Ndikhumbula ndithandazela ukuba singasebenzi kwindlela ethile, kuba ndandisazi ukuba abafundi abaninzi endifunda nabo bahlala apho.”

Yinto eqhelekileyo ukoyika ukudibana nomntu omaziyo xa ushumayela. Noko ke, ukuvumela olo loyiko lukulawule kunokuba yingozi. Oselula waseJamani ogama linguAlicia uyavuma esithi: “Ndandinesimo sengqondo esibi ngokushumayela kangangokuba sachaphazela imeko yam yokomoya ngendlela engathandekiyo.”

Noko ke, kutheni umele ushumayele—ingakumbi ukuba kunzima ukwenjenjalo? Ukuze siphendule loo mbuzo, masihlolisise isizathu sokuba uThixo akunike le mbopheleleko. Siya kwandula ke sikubonise indlela onokuthi ngayo, ngomzamo nokuzimisela, uloyise olo loyiko.

Imbopheleleko Yokushumayela

Okokuqala, kunokukunceda ukwazi ukuba asinto intsha okanye ingaqhelekanga ukwabelana nabanye ngeenkolelo zakho. Mandulo phayaa, amadoda nabafazi aboyika uThixo benjenjalo. Ngokomzekelo, uNowa waziwa ngokwakha umkhombe omkhulu kakhulu. (Genesis 6:14-16) Kodwa ngokutsho kweye-2 kaPetros 2:5, kwangaxeshanye ‘wayengumshumayeli wobulungisa.’ UNowa waziva enyanzelekile ukuba alumkise abanye ngentshabalalo eyayisemnyango.—Mateyu 24:37-39.

Kamva, nangona amaYuda ayenganikwanga myalelo ungqalileyo wokuba ashumayele kwabo bangengomaYuda, uninzi lwawo lwabelana nabanye ngeenkolelo zawo. Ngaloo ndlela, uRute ongengomYuda wava ngoYehova. Enombulelo ongazenzisiyo kuninazala ongumYuda, uNahomi, uRute wathi kuye: “Abantu bakowenu baya kuba ngabantu basekhaya, noThixo wakho abe nguThixo wam.” (Rute 1:16) Kamva, uKumkani uSolomon wabonisa ukuba uninzi lwabo bangengomaYuda lwaluza kuva ‘ngegama likaYehova elikhulu’ luze lumnqule etempileni Yakhe.—1 Kumkani 8:41, 42.

Ngoko ukuba aba bakhonzi bakaThixo bamandulo bathetha nabanye—nangona kwakungekho myalelo ungqalileyo uthi bamele benjenjalo—amaKristu anamhlanje afanele azive enyanzelekile ukuba ashumayele! Ngapha koko, siyalelwa ukuba sishumayele ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 24:14) Sifana nqwa nompostile uPawulos, kuba ibekwe kuthi imfuneko yokuvakalisa iindaba ezilungileyo. (1 Korinte 9:16) Ukusindiswa kwethu kuxhomekeke ekwenzeni oku. AmaRoma 10:9, 10 athi: “Ukuba ulivakalisa esidlangalaleni elo ‘lizwi lisemlonyeni wakho,’ lokuba uYesu uyiNkosi, . . . uya kusindiswa. Ngentliziyo ubani ubonisa ukholo lobulungisa, kodwa ngomlomo wenza uvumo lwasesidlangalaleni losindiso.”

Unokulwenza phi “uvumo lwasesidlangalaleni”? Nangona ukushumayela ngokungacwangciswanga kunendawo yako, nanamhlanje ukushumayela kwindlu ngendlu kuyeyona ndlela iphumelelayo yokufikelela kwabanye. (IZenzo 5:42; 20:20) Ngaba wena akufanelanga uwenze lo msebenzi kuba uselula? Akunjalo. KwiNdumiso 148:12, 13 iBhayibhile inikela lo myalelo: “Nina bafana kwanani zintombi ezinyulu, nina madoda amakhulu kunye namakhwenkwe. Mabalidumise igama likaYehova.”

Ucelomngeni Lokushumayela Koontanga

Kuyavunywa ukuba, kunokubangela iintloni ukudibana nomntu ofunda naye ngoxa ukubulungiseleli. Ngapha koko, yinto eqhelekileyo ukufuna ukwamkelwa ngabanye. Akakho umntu ofuna ukwenziwa intlekisa, ukugculelwa okanye ukuthukwa. Yaye njengoko omnye oselula ogama linguTanya esitsho, “esikolweni abantwana basenokukugculela ngeyona ndlela!” Ngoko ngokuzenzekelayo unokuzibuza ngendlela abaya kusabela ngayo abanye abantwana ofunda nabo xa bekubona unxibe ngokundilisekileyo uphethe iBhayibhile. Ngokungathandabuzekiyo basenokukugculela. Oselula waseBrazil ogama linguFelipe ukhumbula oku: “Kwakukho inkwenkwe endandifunda nayo eyayihlala kwisakhiwo endandihlala kuso. Yayidla ngokuthi, ‘Ikwanguwe neBhayibhile! Usiphathele ntoni namhlanje?’”

Akukho mnandi ukwenziwa intlekisa ngolo hlobo. IBhayibhile isixelela ukuba uIsake, unyana ka-Abraham, wagculelwa ngokungathethekiyo ngumntakwabo, uIshmayeli. (Genesis 21:9) Umpostile uPawulos akazange ayithabathe njengento encinane loo mpatho-mbi. KumaGalati 4:29, ngokufanelekileyo lo mpostile wayibiza ngokuthi ‘yintshutshiso.’

Ngokufanayo, uYesu walumkisa ngelithi abantu abathile babeza kubaphatha kakubi abalandeli bakhe. Wathi: “Ukuba ihlabathi linithiyile, niyazi ukuba liye lathiya mna ngaphambi kokuba lithiye nina. Ukuba beniyinxalenye yehlabathi, ihlabathi beliya kukuthanda oko kukokwalo. Ke ngenxa yokuba ningeyonxalenye yehlabathi, kodwa ndininyulile mna naphuma kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.”—Yohane 15:18, 19.

Ngoko ke, njengomKristu ufanele ukulindele ukujamelana nentshutshiso ethile. (2 Timoti 3:12) Nokuba akuzange ukhe uthethe ngeBhayibhile noontanga bakho, bambi banokukutshutshisa ngenxa nje yokuba uphila ngemilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha yaye ungabandakanyeki kwizinto ezimbi abazenzayo. (1 Petros 4:4) Noko ke, uYesu wathetha la mazwi athuthuzelayo: “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam.” (Mateyu 5:11) Yintoni enokukwenza wonwabe xa usenziwa intlekisa naxa ugculelwa? Unokonwaba ngenxa yokwazi ukuba uvuyisa intliziyo kaYehova uThixo! (IMizekeliso 27:11) Yaye ngokukholisa uThixo, wenza ukuba ukulungele ukufumana ubomi obungenasiphelo!—Luka 10:25-28.

Okuvuyisayo kukuba, akunakwenzeka ukuba bonke—okanye inkoliso—yabo ufunda nabo bakugculele xa udibana nabo kubulungiseleli. Oselula waseBritani ogama linguAngela usikhumbuza oku: “Xa udibana nomntu ofunda naye kwindlu ngendlu, ngokuqhelekileyo woyika ngaphezu kokuba wena usoyika!” Eneneni, bambi banokude babe nomdla koko uza kukuthetha. Nokuba kuyintoni na, abantu abaselula abangamaKristu abaninzi bayayivuyela inkqubela abayenzayo xa beshumayela kwabo bafunda nabo. Inqaku elilandelayo kolu ngcelele liza kuxubusha ezinye iindlela onokukwenza ngazo oku.

[Umfanekiso okwiphepha 20]

Abantu abaselula abaninzi bayakoyika ukudibana nomntu abafunda naye xa bekubulungiseleli

[Umfanekiso okwiphepha 22]

Ungaze uvumele ukwenziwa intlekisa kukwenze ube neentloni ngeenkolelo zakho

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share