Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinganayo Njani Inkalipho Yokuba Ngowahlukileyo?
“Maxa wambi ingcinezelo yoontanga indikhokelela ekwenzeni oko ndivakalelwa kukuba kuphosakele, kodwa ekubeni ukungayenzi ikukungalandeli, ndisuka ndithi ewe.”—UJohn.
“INGCINEZELO yoontanga ihlasela zonke iinkalo zobomi bethu.” Utsho njalo umbhali uLesley Jane Nonkin. Oontanga bazama ukulawula indlela onxiba ngayo. Bakubekela imigaqo yendlela omawuhambe, uthethe yaye uzichaze ngayo iinwele zakho. Abayinyamezeli into yokuba ube ngowahlukileyo. Fana nabanye—okanye unyamezele ukuchaswa!
Phofu ke, ulutsha lwamaKristu alungomakhoboka okufuna ukufana nabanye. Lulandela umgaqo owamiselwa nguYesu kuYohane 15:19, ‘aluyonxalenye yehlabathi’ labantu abangahloneli Thixo.a Noko ke, ukuba sehlabathini kodwa ungeyonxalenye yalo kulucelomngeni. Kufana nokubhexa iphenyane kulwandle olungazolanga. Usemanzini yaye urhangqwe ngamanzi, kodwa ukuze uphile uzama ukuba amaninzi kangangoko kunokwenzeka abe ngaphandle kwephenyane lakho! Ngokufanayo, ulutsha oluphakathi kwamaNgqina kaYehova luzama ukuba ukungahloneli uThixo kwehlabathi kungangeni kubomi balo.
Phofu ke, oku akusoloko kulula. Qwalasela ingqina eliselula uEiichiro waseJapan. Ingcinezelo yokwenza izinto njengabanye iqatha kwelo lizwe, phakathi kolutsha nakubantu abakhulu. UEiichiro ukhumbula oku: “Esikolweni ngenxa yesazela ndandingathabathi nxaxheba kwimibhiyozo ebandakanya imifanekiso neengoma zobuzwe. Ngaphezulu, ndandingabufundi ubugcisa bokulwa obabuqheliselwa njengezemidlalo, njengoko oko kwakuchasene nemigaqo yeBhayibhile.” (Bona iEksodus 20:4, 5 noLuka 4:8; Isaya 2:4 noLuka 10:27.) Oku kwamenza uEiichiro wahluka—mhlawumbi ngendlela ebangela iintloni—phakathi koontanga bakhe.
Ulutsha olungamaNgqina ehlabathini jikelele lujongene neemeko ezifanayo. Omnye umKristu oselula uthi: “Iiholide zezona zinzima. Bonke abantwana bayabuza, ‘Kutheni ungabhiyozi?’” Kwenye intombazana ekwishumi elivisayo eyona mbambano iqatha yile “yokwenza amadinga.” Kanti omnye umKristu okwishumi elivisayo ukhala ngengcinezelo yokwenza ubuhlobo uthi: “Abantu bayakubuza lonke ixesha, ‘Akuyi na ethekweni?’” Olunye ulutsha olungamaNgqina luye lwagculelwa ngenxa yokwala ukuqhwesha esikolweni okanye ukuqhatha kwiimviwo. Ngoko, kulula ukubona ukuba ukwahluka kufuna inkalipho enkulu gqitha, yaye asilulo lonke ulutsha olucinga ukuba lunayo.
Omnye oselula wabhala: “Ndiphila ubomi obumbaxa—obunye esikolweni nobunye ekhaya. Esikolweni ndihamba nabantwana behlabathi. Kodwa aba bantwana umlomo bawuvula ngezithuko, yaye nam ndiba njengabo. Ndifanele ndenze ntoni?” Impendulo icacile: Yiba nenkalipho yokuba ngowahlukileyo! Kodwa njani?
Umthombo Wenkalipho Yokwenene
Inkalipho ngamandla engqondo okanye okuziphatha okumelana nengozi, uloyiko okanye ubunzima. Asingabo bonke abanayo, ukanti inokufumaneka. Umpostile uPawulos uyachaza: “UThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.” (2 Timoti 1:7) Ewe, uThixo unako ukukunika amandla afunekayo okumelana noontanga bakho.—Filipi 4:13.
Kodwa uwafumana njani la mandla? Enye indlela kukuwacela nje. “Celani, niya kwamkela,” uYesu wathembisa oko kuYohane 16:24. Ngokukodwa xa ujongene nesilingo sokulalanisa umthandazo umele ube semilebeni yakho. Omnye umKristu oselula uthi, “Ndithandaza kuYehova ukuze ndikwazi ukulawula ingqondo nentliziyo yam.”
Ulutsha Olwalukhaliphile Ngamaxesha Angaphambili
Ukufunda nokucamngca ngeengxelo zeBhayibhile ezithetha ngabakhonzi bakaThixo ababekhaliphile yenye indlela yokukunceda ukhulise ukungoyiki. Ngokomzekelo, ngaba uneentloni zokwazisa abanye ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova? Ngoko funda ingxelo ekweyesi-2 yooKumkani 5:1-5. Ibalisa ngentombazana yakwaSirayeli eyayithinjiwe eyaba nenkalipho yokuvakalisa ngokholo lwayo phambi kwabanye. Enye ingxelo echwayitisayo ibhalwe kwiZenzo 4:20. Apho abapostile ngenkalipho baxelela abachasi: “Kuba singenako thina ukuthi singazithethi izinto esazibonayo, esazivayo.” Ukufunda ezi ngxelo kunokukushukumisela ekubeni ubonakalise inkalipho efanayo ekuthetheni.
Elinye ibali elibangel’ umdla lelo likaDaniyeli namaqabane akhe aselula amathathu uShadraki, uMeshaki noAbhede-nego. Olu lutsha lwaluphakathi kweqela lolutsha olukhethiweyo lwamaYuda olwaluthinjiwe lwaza lwasiwa eBhabhiloni. Ukumkani waseBhabhiloni wayenenjongo yokuluqeqesha olu lutsha ukuze lusebenze kwizikhundla zaseburhulumenteni. Ukulunceda luphile ngendlela efana neyaseBhabhiloni, olu lutsha lwatshintshwa amagama alo obuYuda lwaza lwafundiswa ulwimi neendlela zamaBhabhiloni. Abathimbi balo bazama ngokubhekele phaya ukululumla kwizenzo zobuYuda ngokulondla “ngokudla kokumkani.”—Daniyeli 1:7, 8.
NgokwaseBhabhiloni, ukudla okunjalo kwakuluncuthu kwiingcaphephe zokudla. KumaYuda oyika uThixo, ukudla kwaseBhabhiloni kwakulisikizi ngokonqulo. Kanti, uninzi lolutsha olwaluthinjiwe kubonakala ukuba lwanikezela kweso sihendo—bonke ngaphandle koDaniyeli namaqabane akhe. Khawucinge ngengcinezelo ekunokuba bayifumana koontanga babo abangamaYuda! Olu lutsha lwasabela njani kwezo ngcinezelo? Zifundele ingxelo eyomeleza ukholo kuDaniyeli isahluko sokuqala. Mhlawumbi iya kukunceda ube nenkalipho yokwala xa kunokwenzeka omnye akunike iziyobisi ezingekho mthethweni okanye utywala!
“Khalipha”
Ukufunda nje ngenkalipho akwanele. Ukuze ube nenkalipho eya kukunceda umelane nengcinezelo yoontanga, mihla le umele ulandele icebiso uPawulos awalinika amadoda nabafazi kwibandla laseKorinte: “Hlalani niqinile elukholweni; khaliphani yomelelani.”—1 Korinte 16:13, The Jerusalem Bible.
Ngokomzekelo, xa ungabonwa ngabazali bakho namalungu ebandla lamaKristu, ngaba uyasitshintsha isinxibo sakho nendlela ochaze ngayo iinwele zakho ukuze ufane nolutsha lwehlathi? Okanye ngaba ngokungalalanisiyo unamathela kwimilinganiselo yobuKristu? Enye intombazana engumKristu ekhaliphileyo ithi, “Ndiyala ukulandela sonke isimbo esifikayo.”
Omnye umbuzo: Ngaba ukhaliphe ngokwaneleyo ukwazisa abo ufunda nabo ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova? Ukuba kuvumelekile esikolweni sakho, ngaba uyayiphatha iBhayibhile noncwadi lwakho lweBhayibhile? Ukuba eklasini kuphakama imbambano ebandakanya indaleko, iinkonzo zokuthand’ izwe okanye utofelo-gazi, ngaba ‘uyaziphendulela kumntu wonke obuzayo kuwe ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kuwe’? (1 Petros 3:15) Okanye ngaba uhlala kwidesika yakho uthe cwaka unxunguphele? UYesu Kristu wathi: ‘Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, nam ndoba neentloni ngaye.’—Marko 8:38.
Endaweni yokuba abe neentloni, umKristu okhaliphileyo uneqhayiya ngethemba lakhe elisekelwe eBhayibhileni! (Thelekisa amaHebhere 3:6.) UEiichiro, oselula waseJapan okhankanywe ngaphambilana, wafunda ukwenza oko. Wayebuzwa ngokufuthi isizathu sokuba engathabathi nxaxheba kwiinkonzo zokuthand’ izwe okanye kubugcisa bokulwa. Ngaba kukho into eyamphosayo ngenxa yokuba ngowahlukileyo? Uthi, “Hayi, ndakujonga njengocelomngeni konke oku. Uyabona, kwakufuneka ndilungiselele iimpendulo zokukhusela izenzo zam yaye kwakufuneka ndithembele ngoncedo lukaYehova. Ngoko ekugqibeleni, ndangenelwa kuloo mava angathandekiyo.”
Kwakhona zifundise ukuzithethelela xa ujamelene nesilingo. IMizekeliso 1:10 -15 ithi: “Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, uze ungavumi ke. Ukuba bathe, Hamba nathi . . . Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo; lunqande unyawo lwakho emendweni wabo.” Kambe ke, oku akuthethi ukuba unyanzelekile ukwenza intshumayelo. Kwincwadi yakhe ethi How to Say No and Keep Your Friends, umcebisi uSharon Scott uphawula ukuba maxa wambi usengafuna nje ukuhamba, usilandule isimemo—okanye ungasikhathaleli. Kodwa maxa wambi, usengangabi nandlela yimbi ngaphandle kokuba uzithethelele uze ubazise abanye isizathu sokuba ungenakubathelela. Umcebisi uScott uncomela ukuba uqine: “Zama ukungabi nguthobela sikutyele . . . Bajonge emehlweni. . . . Thetha ngelizwi eliqinileyo nelicacisayo.”
Usengaqhulwa okanye ugculelwe ngokuma kwakho. Kodwa, abaninzi nangona benomona baya kukuncoma. Omnye okwishumi elivisayo, uMike, uthi: “Amakhwenkwe amaninzi ayazi ukuba ndiliNgqina, yaye ayandihlonela. Ukuba aza kuxubusha ngento embi, aye athi, ‘Mike, sifuna ukuthetha ngoku, ngoko ukuba ufuna ukuhamba, hamba.’” Asilulo lonke ulutsha oluya kukunika intlonelo enjalo. Kodwa ngokuqinisekileyo uThixo uya kuvuyiswa likhondo lakho. (1 Petros 4:3-6) Ngaloo ndlela omnye umKristu oselula uthi: “Musa ukuzikhathaza ngento ecingwa lolunye ulutsha ngawe!” Into ebalulekileyo luluvo lukaThixo. Yaye uya kukusikelela ngenxa yokuba uye wanenkalipho yokuba ngowahlukileyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Kutheni Ndimele Ndibe Ngowahlukileyo?” elikwinkupho yethu kaJuni 8, 1992.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Xa amathuba okuchaza ukholo lwakho evela, ngaba uyazithethelela?