IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 3/8 iphe. 12-13
  • Ukufundisa—Ulwaneliseko Novuyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufundisa—Ulwaneliseko Novuyo
  • Vukani!—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukhe Wababulela Abafundisi-ntsapho Bakho?
  • Ukufundisa—Ilahleko Neengozi
    Vukani!—2002
  • Kutheni Besiba Ngabafundisi-ntsapho?
    Vukani!—2002
  • Ndinokusebenzisana Njani Notitshala Wam?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Abafundisi-ntsapho—Kutheni Beyimfuneko Nje Kuthi?
    Vukani!—2002
Khangela Okunye
Vukani!—2002
g02 3/8 iphe. 12-13

Ukufundisa—Ulwaneliseko Novuyo

“Yintoni endigcina ndiqhubeka? Nangona ukufundisa kunokuba nzima yaye kuthez’ amandla, xa ndibona abantwana bekuthanda ukufunda kwaye ndibona inkqubela yabo yeyona nto indikhuthazela ukuba ndiqhubele phambili.”—ULeemarys, umfundisi-ntsapho wesiXeko saseNew York.

PHEZU kwalo nje lonke ucelomngeni nezinto ezidanisayo, izigidi zabafundisi-ntsapho ehlabathini lonke ziyanyamezela kulo msebenzi ziwukhethileyo. Yaye yintoni ekhuthaza amawakawaka abafundi ukuba bazabalazele ukufaneleka njengabafundisi-ntsapho nangona besazi ukuba basenokungagqalwa ngendlela efanelekileyo? Yintoni ebagcina beqhubeka?

UInna, umfundisi-ntsapho waseRashiya wathi: “Kuba mnandi gqitha xa ubona abantwana owawubafundisa sele bekhulile, ubeve bekuxelela ukuba laa nto wawubafundisa yona yabanceda. Kukhuthaza gqitha ukubeva besithi kuba mnandi xa bekhumbula iminyaka abayichitha kunye nawe.”

UGiuliano, umfundisi-ntsapho ocatshulwe kumanqaku angaphambili wathi: “Enye yezona zinto zanelisayo kukuqonda ukuba uye waphumelela ekuvuseleleni umdla wabafundi kwisifundo eso. Ngokomzekelo, emva kokuba ndicacise ingongoma ethile kwezembali, abanye abafundi bathi: ‘Ungayeki. Sixelele ngakumbi!’ Amazwi anjalo anokukwenza uzive kamnandi ngentsasa engentle esikolweni ngenxa yokuqonda ukuba uye wavuselela umdla wabafundi kwizinto ezintsha kubo. Wonwaba gqitha xa ubona ulwaneliseko lubhaliwe ebusweni babo ngenxa yokuqonda isifundo.”

UElena, ofundisa eItali, wathi: “Ndicinga ukuba ubukhulu becala ulwaneliseko lufumaneka kwizinto ezincinane zemihla ngemihla, kwimpumelelo yabafundi, kunakwizinto ezinkulu, ezingafane zibekho.”

UConnie, waseOstreliya okwiminyaka engama-30 ubudala, wathi: “Kubangela uvuyo gqitha xa umfundi eniye nakha ubudlelane naye ezipha ithuba lokubhala ileta yombulelo ngemigudu yakho.”

UOscar, waseMendoza, eArgentina, uvakalelwa ngendlela efanayo: “Ndiyixabisa gqitha into yokuba xa abafundi bedibana nam esitratweni okanye kwenye nje indawo bebonisa uxabiso ngezinto endibafundise zona.” UAngel, waseMadrid eSpeyin wathi: “Eyona nto indanelisayo, njengoko ndiye ndanikela inxalenye yobomi bam kulo msebenzi umangalisayo nonzima kwangaxeshanye, kukuba ndibone abantwana endandibafundisa besiba ngamadoda namabhinqa aziphethe kakuhle, ubuncinane ngenxa yemizamo yam.”

ULeemarys, ocatshulwe ekuqaleni, wathi: “Ngokwenene ndivakalelwa kukuba abafundisi-ntsapho ngabantu abakhethekileyo. Andiyazi ukuba kwakutheni ukuze sithabathe umsebenzi onembopheleleko enkulu kangaka. Kodwa ukuba unokwenza utshintsho—enoba kukubantwana abalishumi okanye omnye—uwenzile owakho umsebenzi, ayikho imvakalelo eyodlula leyo. Uwenza ngovuyo.”

Ukhe Wababulela Abafundisi-ntsapho Bakho?

Enoba ungumfundi okanye umzali, ngaba ukhe wambulela umfundisi-ntsapho, ngexesha, umgudu nomdla awawubonisayo? Okanye mhlawumbi wathumela iphetshana okanye ileta yombulelo? UArthur, waseNairobi, eKenya, wavelisa le ngongoma ibalulekileyo: “Abafundisi-ntsapho baphila ngokunconywa. Urhulumente, abazali nabantwana bafanele bababulele gqitha kunye nomsebenzi abawenzayo.”

Umbhali okwangumfundisi-ntsapho, uLouAnne Johnson wabhala wathi: “Xa ndifumana ileta ethetha kakubi ngomfundisi-ntsapho, ndifumana nezilikhulu ezincomayo, nto leyo eqinisekisa ukucinga kwam ukuba baninzi gqitha abafundisi-ntsapho abalungileyo kunabangalunganga.” Okubangel’ umdla kukuba, abantu abaninzi badla ngokuqesha umcuphi “oza kubanceda bakhangele umntu owayesakuba ngumfundisi-ntsapho. Abantu bakhangela abafundisi-ntsapho babo ukuze bababulele.”

Abafundisi-ntsapho babeka isiseko esihle semfundo yomntu. Kwanabona njingalwazi baphum’ izandla abakwiiyunivesithi ezinamagama amakhulu babamba ngazibini kubafundisi-ntsapho abathabatha ixesha nomgudu wokuhlakulela umnqweno wabo wokufunda, ulwazi nokuqonda. UArthur, waseNairobi, uthi: “Bonke abaqulunqi bemithetho kumaziko kawonke-wonke nawabucala baye bafundiswa ngumfundisi-ntsapho ngaxa lithile ebomini babo.”

Hayi indlela esifanele sibe nombulelo ngayo kuloo madoda namabhinqa awavuselela ukufuna kwethu ukwazi, awavuselela ingqondo nentliziyo, awasibonisa indlela yokwanelisa ukunxanelwa kwethu ulwazi nokuqonda!

Hayi indlela esifanele sibe nombulelo ngakumbi ngayo kuMfundisi Omkhulu, uYehova uThixo, owaphefumlela la mazwi akwiMizekeliso 2:1-6: “Nyana wam, ukuba uya kuwamkela amazwi am uze uyigcine kuwe imiyalelo yam, khon’ ukuze unikele ingqalelo kubulumko ngendlebe yakho, ukuba uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; ukuba uthe, ngaphezu koko, wabiza ukuqonda, nelizwi lakho walisa ekuqondeni, ukuba uyaqhubeka ubufuna njengesilivere, ubuphande njengobuncwane obufihliweyo, uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo. Kuba uYehova unika ubulumko; emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.”

Phawula imo yoxhomekeko eboniswa ligama elithi “ukuba” elivela izihlandlo ezithathu kwesi sibhalo sixhokonxa intliziyo. Khawucinge nje, ukuba sikulungele ukwamkela olo celomngeni, ‘siya kufumana ukumazi uThixo’! Leyo ngokwenene yeyona mfundo isemgangathweni kunazo zonke.

[Ibhokisi ekwiphepha 13]

Umzali Onoyolo

Le leta ilandelayo yathunyelwa kumfundisi-ntsapho wesiXeko saseNew York:

“Ndithanda ukukubulela ngokusuka emazantsi entliziyo yam nangomphefumlo wam wonke ngoko ukwenzele abantwana bam. Ngenxa yenkathalo, ububele nobuchule, ubathabathe waya kubabeka emanqwanqweni endicinga ukuba ngebengafikelelanga kuwo ukuba ubungekho. Undenze ndanelunda gqitha ngabantwana bam—into endingasokuze ndiyilibale. Ozithobileyo, S. B.”

Ngaba ukho umfundisi-ntsapho onokumkhuthaza?

[Umfanekiso okwiphepha 12]

‘Wonwaba gqitha xa ubona ulwaneliseko lubhaliwe ebusweni babafundi ngenxa yokuqonda isifundo.’—UGIULIANO, EITALI

[Imifanekiso ekwiphepha 13]

‘Kubangela uvuyo gqitha xa umfundi ezipha ithuba lokubhala ileta yombulelo.’—UCONNIE, EOSTRELIYA

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share