Kutheni Abantu Bezishiya Iicawa Zamandulo?
IICAWA EZITHI zisekele iimfundiso zazo kwezikaYesu Kristu zinamarhamente amalunga ne-1,7 samawaka ezigidi. Kuthiwa iNgqobhoko lolona nqulo lukhulu ehlabathini, yaye lodlula ezona nkonzo zithandwayo njengobuBhuda, ubuHindu nobuSilamsi. Noko ke, iingxelo zidiza ukuba kumazwe amaninzi aziwa njengawobuKristu, iNgqobhoko iphulukana namarhamente.
Abantu abavela kwiindawo ezahlukahlukeneyo bayazishiya iicawa zabo. URonald F. Inglehart, umphengululi kwiYunivesithi yaseMichigan nomalathisi weWorld Values Survey, wathi, unqulo luyabhanga kumazwe ahambele phambili. Iphephancwadi iBible Review limcaphula esithi: “Akuhlanga nje inani labantu abeza ecaweni veki nganye kuphela, kodwa ngoku amazwe aseLatin America athumela abavangeli ngelokusindisa abo babesakuba ngabakhi bamathanga.” Uthi “ukubhanga konqulo” kothusa gqitha kwamanye amazwe akumantla eYurophu. ENorway naseDenmark, ngabemi aba-5 ekhulwini kuphela abaya rhoqo ecaweni. ESweden bangaphantsi kwelo nani, ngabemi aba-4 ekhulwini yaye eRashiya ngaba-2 ekhulwini.
Iingxelo ezisuka eJamani zibonisa ukuba phakathi kowe-1984 nowe-1993, inani lamarhamente aya rhoqo ecaweni kumaKatolika abhalisiweyo lehla ukusuka kubantu abangama-25,3 ekhulwini laya kutsho kwabali-19 ekhulwini. Ngowe-1992, yayingamaKatolika ama-4 ekhulwini kuphela awayesiya rhoqo enkonzweni ngeCawa. Ngowe-1999, iChristianity Today yathi: “Ngumntu omnye kwabalishumi eJamani oya ecaweni veki nganye.”
Ngokuphathelele ukuhla kwenani lamakholwa eBritani, iphephandaba iThe Guardian lithi: “UbuKristu abuzange bube kwimeko emaxongo ngolu hlobo.” Eli nqaku lithi “unyaka we-1950-2000 ibe sesona siqingatha senkulungwane sinzima kubefundisi namagosa.” Libhekisela kwingxelo eyayithetha ngonqulo eUnited Kingdom, eli phephandaba libonisa ukuba asingobantu baselula kuphela abaphelelwa ngumdla kwiicawa kodwa kukwanjalo nangabantu abakhulileyo. Lithi: “Abantu baphelelwa ngumdla kuThixo njengoko bekhula. Uphengululo olusandul’ ukwenziwa olungqina oku luya kuzishiya zibamb’ ongezantsi iityalike eziwohlokayo zaseBritani ebezisoloko zinethemba lokuba abantu abakhulileyo ngabona baxhasi bazo baphambili.”
Kunjalo ke nakumazwe angaphandle kweYurophu. Ngokomzekelo, iphephancwadi laseKhanada iAlberta Report lithi kweliya laseKhanada “iinkolelo nonqulo lwamandulo luyawohloka” yaye “abantu baseKhanada abaphindwe kathathu bakhetha ukunqula uThixo ngeyabo indlela kunokuba balandele iimfundiso ezaziwayo.”
Abantu abaninzi abaziva bakhekile ngokomoya okanye bekhanyiselwe ngokuya ecaweni. Ngokutsho kwephephancwadi laseKhanada iMaclean’s, amaYuda namaKatolika ekwadliwan’ indlebe nawo kwiashram ekwiiHimalaya okanye itempile yonqulo yamaHindu, avakalisa uluvo lwawo ngolu hlobo: “Sasingasachukunyiswa zizithethe ezingabangeli mdla.” Eneneni, kwanasemva kweminyaka emininzi behamba icawa rhoqo, abanye baba nale mibuzo, ‘Yintoni ngokwenene endiyifunde ecaweni? Ngaba indenza ndisondele kuThixo?’ Akafane nje umbhali uGregg Easterbrook wathi, “kungokunje, eNtshona abantu bahlwempuzeke kakhulu ngokomoya kunokuba benjalo ngokwezinto eziphathekayo.”
Kambe ke, kumazwe amaninzi abantu basaya ngobuninzi ecaweni. Noko ke, ukuya ecaweni akusoloko kubonisa ukuba abantu bayazithobela iimfundiso zayo. Ngokomzekelo, iphephandaba laseOstreliya iThe Age lithi eNtshona, “umlinganiselo wamaKristu aphila ngokuvisisana nonqulo lwawo wehla ngokukhawuleza. Kwiindawo ezininzi eAfrika, eAsia naseLatin America, abantu basithela ngobuKristu kanti bathe qhushe iinkolelo zesithethe ezingenanto yakwenza neemfundiso zantlandlolo zobuKristu, nezayekwa kudala.”
Kutheni abantu abaninzi kangaka, abakhulileyo nabancinane, bezishiya nje iicawa zabo? Kubonakala ukuba, eyona nto iphambili kukudimazeka.
Imbali Elusizi Yonqulo
IThe Guardian igqabaza ithi: “Kwinkulungwane yama-20 icawa yamaRoma Katolika iye yaduma kakubi ngokuzidibanisa nobufasi, ukususela ngethuba eyathi ngalo yancoma uNjengele Franco emva kwemfazwe yamakhaya yaseSpeyin, de kwalixesha lakutshanje apho ibincedisana noNjengele Pinochet.” Kwakhona iGuardian yathi uPopu Pius XII, ubhishophu owayexhasa imfazwe “wayekulungele ukwenza isivumelwano [noHitler] ukuze azikhuphe kwihlazo lokugxeka ukuBulawa Kwabantu Ngokumanyumnyezi.”
IThe Age ithi: “Amaxesha amaninzi unqulo luye lwaxoka. AmaKristu oyisiwe kukuhlala enoxolo nomanyano phakathi kwawo. . . . Oku kunokubonwa kwiimfazwe ezininzi ekuye kwaphangwa kuzo ngenjongo yokuguqulela abantu kuKristu. Nangona ukholo, ithemba nothando izezona mpawu ziphambili zamaKristu, kodwa nabo kufane kuthiwe banazo ezo mpawu basenokufana nje nabantu abangengomaKristu, ngokudimazeka nokungabi nasisa. . . . UkuBulawa Kwabantu Ngokumanyumnyezi kwaqala kwilizwe lobuKristu, yaye nemfazwe yeathom nxamnye neJapan yaqalwa lelinye ilizwe lobuKristu.”
Abanye basenokuthi iNgqobhoko ibisoloko ifundisa ngobulumko, inkalipho, ulungelelwano nokusesikweni. Noko ke, iThe Age ithi: “Kambe ke, ngokuqhelekileyo amaKristu aseYurophu, kuMntla Merika naseOstreliya aqhubeka erhwaphiliza ubutyebi boMhlaba yaye akubetha ngoyaba ukuxhatshazwa, ukucinezelwa nokonakaliswa kwemeko-bume yamazwe asakhasayo aselumelwaneni ukuze nje anelise iminqweno yawo.”
Ngokuphathelele ikamva leNgqobhoko, iThe Age ihlabela mgama isithi: “Ngaphandle kokuba bube nesiseko esifanelekileyo akukho themba lokuba ubuKristu bungaphinda bube nempembelelo ebantwini, njengoko babunjalo kwiinkulungwane ezadlulayo. Loo nto isenokubakhathaza abanye abantu, ngoxa kwabanye kusenokungabikho nento le ithi thiki. Kodwa le yinto eza kwenzeka kubuKristu kwiminyaka ezayo.”
Ngenxa yoko kuwohloka kweecawa ehlabathini lonke, abaninzi bayazishiya iicawa zamandulo. Kodwa ngaba izinto ababhenela kuzo ziyazanelisa iimfuno zabo? Ngaba zisisicombululo?
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Iinkonzo ezinobucukubhede zishiya abaninzi benganelisekanga ngokomoya
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Abaninzi bayazishiya iicawa zamandulo ngenxa yokuxhasa kwazo iimfazwe noorhulumente bezobupolitika abacinezelayo
[Inkcazelo]
foto: age fotostock