Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Kutheni Ndinengxaki Ngomntu Endihlala Naye?
“Ndiyithanda gqitha into ecocekileyo. Kodwa xa ndingena endlwini, ndifika umntu endihlala naye ecambalele ebukele umabonwakude—phantsi kuthe saa amaphepha nogcado. Qho xa kufuneka ndigodukile, ndize ndicinge ngento endiza kufika ndiyibone, kubakho into ethi, ‘Hlala ungagoduki.’”—UDavid.
“Umntu endihlala naye ukhule efekethiswa. Mhlawumbi wayecinga ukuba sihlala nomntu amqeshileyo oza kumenzela yonke into. Yaye wayesoloko efuna ukuba izinto zenziwe ngendlela athanda ngayo.”—URenee.a
INQAKU leU.S.News & World Report lathi: “Ukunyamezela izinto eziphazamisayo ezenziwa ngomnye umntu kunokukufundisa . . . ukuba bhetyebhetye nokukwazi ukwamkela izinto ongenakuzijika. Kodwa asiyonto ilula leyo.” Abo bakha bahlala ngababini baya kuyivuma loo nto.
Abafundi abaninzi baseyunivesithi bahlala ngababini ukuze banciphise iindleko. Abanye abantu abaselula baye bakhetha ukuhlala ngababini ngenxa yokuba bengafuni ukuba phantsi kwabazali. Amanye amaKristu aselula aye akhetha ukuhlala emabini ngenjongo yokuphumeza usukelo lokomoya. (Mateyu 6:33) Afumanisa ukuba ukuncedisana ngeendleko kuyawanceda akwazi ukukhonza njengabashumayeli bexesha elizeleyo. Maxa wambi abavangeli basemazweni kunye nabo bakhonza kwiiofisi zamasebe ezahlukahlukeneyo zamaNgqina kaYehova bahlala ngababini.b
UVukani! uthethe nabafana namabhinqa aselula akhe ahlala ngamabini. Bonke bayavuma ukuba ukuhlala nomnye umntu akuphelelanga nje ekuncedisaneni ngemali yerente—umntu ohlala naye unokuba liqabane kuwe, nincokole nize nenze kunye izinto. ULynn uthi: “Sasidla ngokuhlala sincokole ezasetyhini okanye sibukele imifanekiso eshukumayo.” URenee uthi: “Umntu ohlala naye unokukukhuthaza. Maxa wambi xa uphangela, ukuze uhlawule iindleko, kwangaxeshanye ushumayele, kumnandi ukuba nomntu ohlala naye oza kukukhuthaza.”
Sekunjalo, ukuhlala nomnye umntu—ingakumbi ongaqhelananga naye—kunokuba lucelomngeni. IU.S.News & World Report yathetha oku ngokuhlala ekholejini: “Nakuba izikolo ezininzi ziye zizame ukuhlalisa abantu ababonakala benokukulungela ukuhlala kunye, zidla ngokuba ninzi iingxaki.” Eneneni, iingxabano phakathi kwabantu abahlala kunye ekholejini zidla ngokuphelela kwimilo enogonyamelo! Kuye kwakho amajelo eInternet avumela abafundi ukuba bathethe ekuhleni ngeengxaki abanazo nabantu abahlala nabo. Yintoni ebangela ukuba ukuhlala nomnye umntu kube nzima kangaka?
Ukuhlala Nomntu Ongaqhelananga Naye
UMark uthi: “Ukuhlala nomntu ongaqhelananga naye kunokubangel’ umdla. Akumazi ukuba ungumntu onjani.” Eneneni, ingcamango yokuhlala nomntu owenza izinto ngendlela eyahlukileyo kweyakho inokukuphazamisa. Liyinyaniso elokuba, amaKristu afanele abe nezinto ezininzi afana ngazo nezinto ezininzi anokuncokola ngazo. Sekunjalo, uDavid uthi: “Ndandikoyika ukuhlala nomnye umntu.”
Kwathi kanti uDavid nomntu aza kuhlala naye bakhulele kwindawo efanayo. Kodwa abasoloko befana ngolo hlobo abantu abahlala kunye. UMark uthi: “Umntu wokuqala endandihlala naye wayengesosithethi. Xa uhlala nomntu egumbini, kufuneka nincokole. Kodwa yena wayesuka athi cwaka. Oku kwakundicaphukisa gqitha.”
Kwakhona ukukhula ngeendlela ezahlukahlukeneyo kunokubangela uxinezeleko neengxaki. ULynn uthi: “Xa uqala ukuzihlalela, ufuna ukwenza izinto ngendlela othanda ngayo. Kodwa kungekudala uye ubone ukuba ufanele ucingele nabanye abantu.” Eneneni, xa ubuhlala nentsapho yakowenu, unokumangaliswa kukubona indlela abantu abazijonga ngokwahlukileyo ngayo izinto.
Ukukhula Ngeendlela Ezahlukahlukeneyo, Nokwenza Izinto Ngokwahlukileyo
Yonke le nto ixhomekeke ekubeni waqeqeshwa na okanye akuzange uqeqeshwe ngabazali bakho. (IMizekeliso 22:6) UFernando oselula uthi: “Ndingumntu oyithandayo into ecocekileyo yaye umntu endandihlala naye wayelixelegu. Ngokomzekelo, cinga ngendawo esibeka kuyo iimpahla: Ezakhe wayeziphosa nje kuyo yonk’ indawo. Ukanti mna ndandithanda ukuzixhoma kakuhle.” Maxa wambi yahluka gqitha indlela esizenza ngayo izinto.
URenee uthi: “Igumbi lomntu endandihlala naye lalingathi yindlu yehagu! Kwakhona ndikhe ndahlala nabantu abangayiqoqoshiyo itafile xa begqiba ukutya okanye abashiya izitya zimdaka kangangeentsuku ezimbini okanye ezintathu.” Amazwi eMizekeliso 26:14 athi: “Ucango lujinga kwiihenjisi zalo, linjalo nevila phezu kwesingqengqelo salo,” ayinyaniso kwabanye abantu ngokuphathelele umsebenzi wasendlwini.
Kwelinye icala, kwanokuhlala nomntu ococeke gqitha kunokungabi mnandi. Xa lithetha ngomnye umntu elakha lahlala naye, ibhinqa eliselula elinguLee lithi: “Wayefuna sicoce yure nganye. Ndisitsho nje andiloxelegu, kodwa kwakukhe kwenzeke ndishiye incwadi okanye enye nje into ebhedini yam. Yaye wayevakalelwa kukuba ufanele andikhumbuze rhoqo.”
Kwakhona abantu abahlala kunye banokukujonga ngeendlela ngeendlela ukucoceka. UMark uthi: “Umntu endihlala naye uvuka kade. Uvuka angqale esinkini, amanzise nje intloko, umkile ke emva koko.”
Ukukhula ngeendlela ezahlukahlukeneyo nobuntu benu obungafaniyo bunegalelo kwindlela enizonwabisa nenizihlaziya ngayo. Xa ethetha ngomntu ahlala naye, uMark uthi: “Asithandi mculo ufanayo.” Noko ke, ukuba niyahlonelana, ninokungenelwa kuloo mahluko, ibe unganinceda nifunde ezinye izinto. Kodwa loo mahluko udla ngokuxabanisa. UFernando uthi: “Ndithanda umculo waseSpeyin, kodwa umntu endihlala naye usoloko ewugxeka.”
Enye Ingxaki Kukusebenzisa Umnxeba
Eny’ into enokuvusa uqhushululu kukusetyenziswa komnxeba. UMark uthi: “Ndiyabuthanda ubuthongo. Kodwa umntu endihlala naye uhlala emnxebeni de kube sebusuku. Unokude ucaphuke ekugqibeleni.” Ngokufanayo uLynn uthi: “Abahlobo bomntu endandihlala naye babekhe bamtsalele umnxeba ngentsimbi yesithathu okanye yesine ngentseni. Xa engekho, kwakuye kufuneke ndivuke ndize ndiphendule loo mnxeba.” Bayicombulula njani le ngxaki? Uthi: “Sagqiba kwelokuba umntu abe nomnxeba wakhe.”
Noko ke, asingabo bonke abantu abaselula abakwaziyo ukuba neminxeba yabo, yaye abaninzi bayanyanzeleka ukuba basebenzise umnxeba omnye. Oku kunokubangela kujonganwe ngezikhondo zamehlo maxa wambi. URenee uthi: “Omnye umntu endandihlala naye wayesenza amadinga, yaye wayechitha iiyure ethetha emnxebeni. Ngenye inyanga ityala lakhe lomnxeba laba ngaphezu kwe-R1 000. Ekubeni sasigqibe ukuba silihlawule ngokulinganayo ityala lomnxeba, wayelindele ukuba senze okufanayo nakweli.”
Enye ingxaki kukungacingelani xa nisebenzisa umnxeba. ULee uthi: “Ndandihlala nomntu omdala kunam. Yaye sasinomnxeba omnye. Ndandisoloko ndisemnxebeni kuba ndandinabahlobo abaninzi. Wayengakhalazi. Ndandicinga ukuba uya kutsho xa efuna ukusebenzisa umnxeba. Ngoku ndiyaqonda ukuba ndandingamcingeli.”
Akukwazi Ukukhe Ube Wedwa
UDavid uthi: “Akakho umntu ongafuniyo ukukhe abe yedwa. Maxa wambi ndifuna nje ukukhe ndingqengqe ndiphumle.” Noko ke, kunokuba nzima ukukhe ube wedwa xa uhlala nomnye umntu. UMark uyavumelana noku, uthi: “Ndiyakuthanda ukuba ndedwa. Ndiyakhathazeka xa ndingakwazi ukulifumana elo thuba. Mna nomntu endihlala naye senza izinto ezifanayo ngexesha elinye. Ngoko kunzima ukufumana ixesha lokuba wedwa.”
KwanoYesu Kristu wayekufuna ukuba yedwa ngamathuba athile. (Mateyu 14:13) Ngoko kunokuba yingxaki ukuphazanyiswa ngumntu ohlala naye xa ufuna ukufunda, ukufundisisa okanye ukucamngca. UMark uthi: “Kunzima ukufunda kuba kusoloko kukho isiphazamiso. Ukuba akamemanga abahlobo bakhe, usemnxebeni, ubukele umabonwakude okanye uphulaphule unomathotholo.”
Sekunjalo, nangona kunokuba lucelomngeni ukunyamezela umntu ohlala naye, amawakawaka abantu abaselula akwazile ukwenjenjalo. Kumanqaku alandelayo kuza kuxutyushwa ngeendlela eziluncedo ezinokukwenza uhlale nomnye umntu ngempumelelo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Abanye asingomagama abo la.
b Nangona kuthethwa nabantu abaselula, kodwa nabo bakhulileyo ekuye kwanyanzeleka ukuba baye kuhlala ngababini ngenxa yokutshintsha kweemeko, njengokufelwa liqabane banokungenelwa.
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Ukuthanda umculo ongafaniyo kunokuba lucelomngeni
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukungacingelani kunokuba yingxaki