IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 11/8 iphe. 16-18
  • Ngaba Ndimele Ndibe Necellular phone?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ndimele Ndibe Necellular phone?
  • Vukani!—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Bala Iindleko’
  • “Idla Ixesha Elininzi”
  • Unxibelelwano Olufihlwayo
  • Zibekele Imida
  • Icell Phone—Ngaba Iluncedo Okanye Iyingozi?
    Vukani!—2005
  • Ibhokisi Yemibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Ukusebenzisa Ezobugcisa Ngendlela Efanelekileyo Nelinganiselweyo
    Vukani!—2009
  • Ngaba Ziluncedo Okanye Ziyingozi?
    Vukani!—2009
Khangela Okunye
Vukani!—2002
g02 11/8 iphe. 16-18

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ngaba Ndimele Ndibe Necellular phone?

“Xa ndingaphathanga ‘cellular phone’ ndiziva ndinganqabisekanga yaye ndicaphuka.”—UAkiko.a

KUMAZWE amaninzi zixhaphakile iicellular phone. Kuyingenelo ukuba nayo. Abahlobo nabazali bakho banokunxibelelana nawe nanini na, naphi na—nawe ngokunjalo. Kwezinye iintlobo zeecellular phone uyakwazi ukubhalelana nabanye abantu, yaye “le sele iyeyona ndlela banxibelelana ngayo abantu abaselula,” yatsho njalo iThe Times yaseLondon. Kwezinye iicellular phone unokukwazi ukunxibelelana nabantu nge-Internet, iiWeb site ezahlukahlukeneyo ne-E-mail.

Kusenokwenzeka ukuba sele unayo okanye uceba ukuyithenga. Enoba kuyintoni na, umele ucinge ngesi saci: “Yonke into entle ineengxaki zayo.” Kunokuba yingenelo kakhulu ukuba necellular phone. Noko ke, kusenokufuneka ucinge nangezinye iingxaki ezinokuvela, kuba kwanokuba uceba ukuyithenga, ukuqonda ukuba ibangela ezinye iingxaki kuya kukunceda uyisebenzise ngobulumko.

‘Bala Iindleko’

UYesu wasinika umgaqo wobulumko wokuba ubani ufanele “abale iindleko” ngaphambi kokuba aqalise umsebenzi obalulekileyo. (Luka 14:28) Ngaba loo mgaqo unokusetyenziswa nakwiicellular phone? Ngokuqinisekileyo. Liyinyaniso elokuba unokuyithenga ngexabiso eliphantsi kakhulu, okanye unokuyifumana simahla. Noko ke, uHenna oneminyaka eli-17 ubudala wafumanisa ukuba, “umntu unokuzibona sele enetyala elikhulu gqitha.” Kwakhona unokuziva unyanzelekile ukuba uthenge icellular phone ebiza imali eninzi nenezinto ezingakumbi onokuzisebenzisa. Ngeso sizathu, uHiroshi uthi: “Ndenza umsebenzi wesingxungxo yaye ndizibekela imali yokuthenga uhlobo olutsha lwecellular phone nyaka ngamnye.” Luninzi ulutsha olwenza loo nto.b

Kwanokuba abazali bakho baza kukuhlawulela ityala lakho, kubalulekile ukubala iindleko. Omnye umlungiseleli ongumKristu ohambahambayo waseJapan uthi: “Ukongezelela kumsebenzi wabo wempangelo, abanye oomama baba nomsebenzi wesingxungxo ukuze bafumane imali yokuhlawulela abantwana babo ityala lecellular phone, ekusenokwenzeka ukuba akukho nemfuneko yokuba babe nayo.” Ngokuqinisekileyo ubungethandi ukuthwalisa abazali bakho olo xanduva!

“Idla Ixesha Elininzi”

Nakuba abaninzi beyisebenzisa kakuhle icellular phone, baye bafumanise ukuba idla ixesha elininzi—yaye iyabaphazamisa kwizinto ezibalulekileyo. UMika wayedla ngokuchitha ixesha elininzi nentsapho yakowabo kwisidlo sangokuhlwa. Uthi: “Ngoku xa sigqiba ukutya sithabatha [iicellular phone] zethu siye kumagumbi ethu okulala.”

IThe Guardian yaseLondon ithi: “Omnye kwabathathu kulutsha oluneminyaka ephakathi kweli-16 nengama-20 ubudala ukhetha ukubhalelana nabanye ngecellular phone kunazo zonke iintlobo zembalelwano.” Ukubhalelana ngecellular phone kunokubiza imali encinane kunokuncokola ngokoqobo emnxebeni, kodwa ukubhala kuthabatha ixesha elide. UMieko uthi: “Ukuba umntu uyandibhalela athi ‘ulale kamnandi,’ nam ndiye ndiphendule ndithi ‘ulale kamnandi.’ Emva koko, siye siphendulane kangangeyure. Sincokola ngezinto nje ezingenamsebenzi.”

Abantu abaninzi abasebenzisa iicellular phone banokumangaliswa xa benokubala lonke ixesha abalichithayo ngenyanga. Intombazana eneminyaka eli-19 ubudala, uTeija uthi: “Kubantu abaninzi, icellular phone idla ixesha elininzi, kunokuba ilonge.” Enoba unesizathu esivakalayo sokuba necellular phone, kubalulekile ukuba ulilumkele ixesha olichithayo.

Intombazana engumKristu oselula egama linguMarja yathi: “Kwiindabano zamaKristu, ulutsha oluninzi lubhalelana kwiicellular phone luncokola ngezinto nje ezingenamsebenzi. Yinto exhaphakileyo leyo!” Olunye ulutsha luyayenza loo nto naxa lukubulungiseleli bamaKristu. IBhayibhile icebisa amaKristu ukuba azongele ixesha lokwenza izinto zokomoya. (Efese 5:16) Imbi kakhulu into yokuba ixesha elibaluleke kangako lichithelwe ekuncokoleni ngeecellular phone!

Unxibelelwano Olufihlwayo

UMarie uchaza enye ingxaki: “Ekubeni lo mnxeba usiza kumntu wawo ngokuthe ngqo, kungekhona ekhaya, abazali basenokungabazi abantu abanxibelelana nabantwana babo okanye basenokungazi naxa besemnxebeni.” Ngenxa yoko, olunye ulutsha lunxibelelana nabantu besini esahlukileyo abazali balo bengakwazi oko. Abanye baye bayityeshela imilinganiselo abadla ngokuyisebenzisa xa bencokola nabanye abantu. Njani?

IThe Daily Telegraph yaseLondon ithi: “Xa [abantu abaselula] bebhalelana kwicellular phone akukho mntu uyaziyo into abayincokolayo.” Ukunxibelelana nomntu ongamboniyo okanye ongalivayo ilizwi lakhe kunokuba nempembelelo enkulu. UTimo uthi: “Abanye bavakalelwa kukuba ukubhalelana kwicellular phone yeyona ndlela ilula yokunxibelelana. Bambi babhala izinto ebebengenakuzithetha xa bejongene naloo mntu.”

UKeiko, intombazana engumKristu eneminyaka eli-17 ubudala, wathi akuba necellular phone wanika abahlobo bakhe abaninzi inombolo yakhe. Kungekudala waqalisa ukubhalelana nenkwenkwe esebandleni lakhe. UKeiko uthi: “Ekuqaleni sasincokola nje ngezinto eziqhelekileyo, kodwa ekuhambeni kwexesha saqalisa ukubaliselana ngeengxaki esinazo. Iicellular phone zethu zasenza sasondelelana ngakumbi.”

Okuvuyisayo kukuba, abazali bakhe nabadala abangamaKristu bamnceda ngaphambi kokuba angene engxakini. Ngoku uthi: “Ngaphambi kokuba bandinike icellular phone abazali bam bandilumkisa ngeengozi zokubhalelana nomntu wesini esahlukileyo, kodwa sekunjalo ndandibhalelana nale nkwenkwe yonke imihla. Leyo yayingeyondlela ifanelekileyo yokusebenzisa icellular phone.”c

IBhayibhile isibongoza ukuba ‘sibe nesazela esilungileyo.’ (1 Petros 3:16) Njengokuba uKoichi esitsho, oku kuya kuthetha ukuba xa usebenzisa icellular phone, uyaqiniseka ukuba ‘akunazintloni nganto,’ kwanokuba kukho omnye umntu onokukubona oko ukubhalileyo okanye ave oko ukuthethayo. Khumbula ukuba akukho nto ifihlakeleyo kuBawo wethu wasezulwini. IBhayibhile ithi: “Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni [kaThixo], kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.” (Hebhere 4:13) Yintoni ke ebangela ukuba unxibelelane nomntu othile ngokufihlakeleyo?

Zibekele Imida

Ukuba uceba ukuthenga icellular phone, kutheni ungaqali uhlolisise imeko yakho ubone enoba kuyimfuneko kusini na ukuba ube nayo? Xubusha nabazali bakho ngalo mbandela. Abanye bavakalelwa njengoJenna oselula, uthi: “Abantu abaninzi abaselula abakwazi kusebenzisa icellular phone.”

Kwanokuba ugqiba kwelokuba uyithenge icellular phone, kubalulekile ukuyisebenzisa ngendlela efanelekileyo. Njani? Zibekele imida esengqiqweni. Ngokomzekelo, musa ukubusebenzisa bonke ubugocigoci balo mnxeba okanye nciphisa ixesha nemali oyichitha kwicellular phone. Ekubeni iinkampani ezininzi ezenza iimfonomfono zimnika umntu ingxelo ngendlela ayisebenzise ngayo imfonomfono, mhlawumbi ngamathub’ athile uya kuthanda ukuhlolisisa elo tyala nabazali bakho. Abanye baqala bathenge ikhadi lecellular phone ukuze bangabi natyala yaye loo nto iyabanceda bayisebenzise ngendlela efanelekileyo.

Kwakhona yenza isigqibo ngendlela oza kuyisebenzisa ngayo icellular phone yakho. Zibekele imida esengqiqweni. UShinji uthi: “Ndihlola imiyalezo ebhaliweyo kwicellular phone yam kanye ngosuku, yaye ndiye ndiphendule umyalezo obalulekileyo kuphela. Ngenxa yoko, abahlobo bam abasandithumeleli miyalezo ingabhadlanga. Ukuba kukho into engxamisekileyo, banditsalela umnxeba.” Okona kubaluleke ngakumbi kukuba, ufanele ubakhethe abantu onxibelelana nabo. Kulumkele ukunika nabani na inombolo yakho yecellular phone. Sebenzisa imilinganiselo odla ngokuyisebenzisa ngokuphathelele unxulumano olwakhayo.—1 Korinte 15:33.

IBhayibhile ithi: “Yonke into inexesha layo elimisiweyo, . . . kukho ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” (INtshumayeli 3:1, 7) Ngokucacileyo, kukho ixesha lokuba necellular phone ‘ithi cwaka.’ Iintlanganiso nobulungiseleli bethu bamaKristu ‘lixesha elimisiweyo’ lokunqula uThixo, kungekhona elokusebenzisa icellular phone. Abaphathi beevenkile zokutyela nabeeholo zemiboniso badla ngokucela ukuba zingasetyenziswa iicellular phone kwezo ndawo. Ngokuzithoba siye senze ngokuvumelana nezo zicelo zabo. Ngokuqinisekileyo, uMongami wendalo iphela sifanele simhlonele ngaphezu koko!

Xa bengalindelanga mnxeba ungxamisekileyo, abantu abaninzi bayazicima iicellular phone zabo, okanye xa besenza umsebenzi obalulekileyo badla ngokuzenza zingakhali. Abanye babeka iicellular phone zabo kwindawo engekho kufuphi nabo. Ngapha koko, ngaba inkoliso yemiyalezo ayinakuhlolwa ngelinye ixesha?

Ukuba ugqiba kwelokuba uthenge icellular phone, yenza isigqibo ngendlela oza kuyisebenzisa ngayo. Ingongoma kukuba, kufuneka ulumke icellular phone yakho ingaphazamisani nemicimbi ebalulekileyo. IBhayibhile iyasikhuthaza: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” (Filipi 4:5) Ukuba ugqiba kwelokuba uthenge icellular phone, bonisa ukuba unengqiqo ngendlela oyisebenzisa ngayo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Abanye asingomagama abo la.

b Ngokuphathelele ingxubusho emalunga nempangelo emva kokuphuma kwesikolo, nceda ufunde inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza—Yintoni Ephosakeleyo Ngokuzenzela Imali?” kwinkupho kaVukani! kaOktobha 8, 1997.

c Ukusoloko uthetha okanye ubhalelana nomntu wesini esahlukileyo kwicellular phone kuyafana nokwenza amadinga. Nceda ufunde inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza—Yintoni Ephosakeleyo Ngokuncokolisana?” kwinkupho kaVukani! kaSeptemba 8, 1992.

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

Olunye ulutsha lunxibelelana nabantu abathile nge-“cellular phone” abazali balo bengakwazi oko

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share