IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 9/8 iphe. 3-5
  • Siphila Kwihlabathi Elinenkunkuma Eninzi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Siphila Kwihlabathi Elinenkunkuma Eninzi
  • Vukani!—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Sikho Isicombululo?
    Vukani!—2002
  • Iziqulatho
    Vukani!—2002
  • Indlela Onokuphila Ngayo Phakathi Kwabantu Abathanda Ukulahla
    Vukani!—2002
  • Izinambuzane Eziziingcungela Zokucoca
    Vukani!—2002
Khangela Okunye
Vukani!—2002
g02 9/8 iphe. 3-5

Siphila Kwihlabathi Elinenkunkuma Eninzi

ABANTU abahlala kumazwe ahambele phambili balahla imfumba yenkunkuma. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngenkunkuma elahlwa eUnited States nyaka ngamnye. Kuthiwa “inokuzalisa amaqula emidlalo yeeOlimpiki angama-68 000.” Kwiminyaka edluleyo, kuye kwaqikelelwa ukuba abemi besiXeko saseNew York kuphela babelahla inkunkuma enokugqumelela iCentral Park enkulu yalapho ngeemitha ezi-4 nyaka ngamnye!a

Akumangalisi ukuba kuthiwe iUnited States “ngumzekelo olumkisa ihlabathi liphela” ngokuba lilizwe “elinabantu abathanda ukuthenga nelinenkunkuma eninzi.” Kodwa asiyiyo yodwa ekule meko. Kuqikelelwa ukuba nyaka ngamnye inkunkuma elahlwa ngabantu baseJamani inokumzalisa nje lula uloliwe womthwalo, omde kangangokusuka kwikomkhulu lalapho, iBerlin, ukuya kuma ngonxweme lwaseAfrika, mgama lowo omalunga neekhilomitha ezili-1 800. Yaye kwakha kwathiwa, eBritani, intsapho eqhelekileyo enamalungu amane, ilahla amaphepha anokwenziwa ngemithi emithandathu nyaka ngamnye.

Namazwe asakhasayo anayo imfumba yenkunkuma. Iphephandaba elaziwayo lithi: “Iindaba ezibuhlungu zezokuba, inkoliso yabantu abahlala kwesi sijikelezi-langa abangamawaka ezigidi ezi-6, ilandela ekhondweni leUnited States namanye amazwe asele ehambele phambili, ngokuba nenkunkuma eninzi.” Ewe, luthanda lungathandi, uninzi lwethu namhlanje luyinxalenye yehlabathi elinenkunkuma eninzi.

Kambe ke, ayikho ntsha into yokulahlwa kwenkunkuma. Ukutya okusezinkonkxeni nakwiipakethe kwanezinye izinto ezithengiswayo zixhaphake gqitha ngoku kunokuba kwakunjalo kwiminyaka eyadlulayo, nto leyo ebangela ukuba kulahlwe iipakethe ezininzi. Ezinye izinto ezixhaphake kakhulu ngamaphephandaba, amaphephancwadi, amaphepha ezibhengezo nolunye uncwadi.

Enye into eze nohlobo olutsha lwenkunkuma, yinkqubela yehlabathi kwezoshishino nakwezenzululwazi. Iphephandaba laseJamani iDie Welt lithi “zimalunga nezigidi ezisithoba iinqwelo-mafutha ezilahlwayo kwiEuropean Union minyaka le.” Akuyonto ilula ukuzilahla. Kanti eyona ngxaki kukuphendula umbuzo othi, Yiyiphi indawo ekhuselekileyo yokulahla inkunkuma yenyukliya okanye eyemichiza? Emva phayaa ngowe-1991, kuthiwa iUnited States “yayinemfumba yenkunkuma enemitha yeathom yaye kwakungekho ndawo isisigxina yokuyigcina.” Kwanikelwa ingxelo yokuba kukho iinkonkxa ezisisigidi zezinto eziyingozi ezigcinwe kwindawo yokwexeshana ukanti kusoloko kukho “ingozi yokuba zinokulahleka, zibiwe okanye zonakalise imeko-bume ngenxa yokuphathwa ngendlela engeyiyo.” Ngowe-1999 kuphela, imizi-mveliso emalunga nama-20 000 eUnited States, yalahla inkunkuma eyingozi engaphezu kweetoni ezingama-40 ezigidi.

Enye into enegalelo ngabemi behlabathi, abaye banda gqitha kule nkulungwane idluleyo. Xa abantu bebaninzi, iba njalo nenkunkuma! Yaye uninzi lwabantu lutyekele kakhulu ekuthengeni. Kutshanje iWorldwatch Institute igqibe ngelithi: “Siye sasebenzisa izinto ezingakumbi ukususela ngowe-1950 kunalo naliphi ixesha kwimbali yabantu.”

Liyinyaniso elokuba, yimbinana nje yabo baphila kumazwe asele ehambele phambili enokuvuma ukwahlukana “nezo zinto.” Ngokomzekelo, khawucinge nje ngendlela ekulula ngayo ukufika evenkileni, uthabathe izinto ezisele zisezipakethini ugoduke nazo, uziphethe ngeebhegi ezenziwe ngephepha okanye iiplastiki zasevenkileni. Ukuba abantu bebenokusuka bahluthwe elo lungelo lokusebenzisa iipakethe zale mihla, bebeya kukhawuleza baqonde indlela ebezibanceda ngayo. Yaye njengoko zikhusela izinto ekungcoleni, ezo pakethe zinegalelo ekuphuculeni impilo.

Noko ke, ekubeni kukho iingenelo ezinjalo, ngaba simele sizixhalabise ngobuninzi benkunkuma esehlabathini? Kuyabonakala ukuba ikho, kuba iindlela ezahlukeneyo eziye zasetyenziswa ngelokuzama ukuhlangabezana nale ngxaki yenkunkuma eninzi azincedanga nto. Into ede yambi nangakumbi kukuba, indlela ejongwa ngayo le ngxaki yenkunkuma eninzi ibangele iinkathazo ezingakumbi.

[Umbhalo osemazantsi]

a Le paki iziihektare ezingama-341, okanye ithabatha malunga nesi-6 ekhulwini sedolophu yaseManhattan.

[Umfanekiso okwiphepha 4]

Kulucelomngeni olunzima ukulahla inkunkuma eyingozi kwindawo ekhuselekileyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share