Izinambuzane Eziziingcungela Zokucoca
KWIMINYAKA nje engaphezu kwe-150 eyadlulayo, abantu baye benza inkqubo zogutyulo nezokucoca ezikumgangatho ophezulu. Kodwa ke, yayisele ikho ingcungela yokucoca—imbovane encinane efumaneka kwiindawo zaseMerika ezikwitropiki.
Kukho umkhosi weembovane ezinamandla ezihlala ngaphantsi komhlaba ezimalunga nesigidi ezitya amagqabi. Lungu ngalinye kulo mkhosi linomsebenzi walo. Ezinye iimbovane ziqokelela imvuthuluka yamagqabi, ngoxa kukho iqela elicola le mvuthuluka. Iqela elinyamekela umhlaba lisebenzisa le mvuthuluka icoliweyo lenze ukutya kwindlwana yeembovane. Likhupha nantoni na enokusasaza izifo, njengezinto ezingundileyo, iimbovane ezifileyo okanye esele ziza kufa kwanezinto ezibolileyo. Kodwa iimbovane ziyilahla njani le nkunkuma?
Iphephandaba iThe Independent lithi izazinzulu zaseBritani kwiUniversity of Sheffield ziye zafumanisa ukuba kwenzeka njani oko. Kufuphi nendawo ezenzela kuyo ukutya kwazo kukho indawo ezigcina kuyo inkunkuma. Iimbovane ezisebenza ngenkunkuma zihlala apho ziguquguqula le nkunkuma de ibe ngumgquba, onceda ekubulaleni iintsholongwane ezibangela izifo. Iimbovane ezinyamekela umhlaba azingeni kwindawo yokulahla inkunkuma. Zenza umngxuma ziyifake apho le nkunkuma, zize ezo zisebenza ngenkunkuma zize kuyiqokelela. Le ndlela yokulahla inkunkuma yenza ukuba kungasasazeki izifo yaye yenza iimbovane zihlale zisempilweni.
UYehova uThixo akazange aphelele nje ekudaleni izinambuzane ezinethuku, kodwa kwiminyaka engaphezu kwama-3 500 eyadlulayo wanika amaSirayeli imigaqo eluncedo yococeko. Ukusebenzisa le migaqo kwakuya kuthintela ukungcola kokutya namanzi, kuthintele ukusasazeka kwezifo ezasulelayo, yaye kwakuya kuqinisekisa ukuba ukungcola kulahlwa kwindawo efanelekileyo. Cinga nje ngendlela ebekuya kuncipha ngayo ukubandezeleka nokufa ukuba benokulandelwa le migaqo!—Levitikus 11:32-38; Numeri 19:11, 12; Duteronomi 23:9-14.