IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 9/8 iphe. 9-11
  • Indlela Onokuphila Ngayo Phakathi Kwabantu Abathanda Ukulahla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Onokuphila Ngayo Phakathi Kwabantu Abathanda Ukulahla
  • Vukani!—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kuphephe Ukuba Nenkcitho
  • Kuphephe Ukubawa
  • Funda Ukwabelana Nabanye
  • Yanela Zizinto Ezingundoqo
  • Ngaba Sikho Isicombululo?
    Vukani!—2002
  • Iziqulatho
    Vukani!—2002
  • Siphila Kwihlabathi Elinenkunkuma Eninzi
    Vukani!—2002
  • Yaneliseka Zizinto Onazo
    Vukani!—2025
Khangela Okunye
Vukani!—2002
g02 9/8 iphe. 9-11

Indlela Onokuphila Ngayo Phakathi Kwabantu Abathanda Ukulahla

“KWINDALO . . . akukho nto ilahlwayo.” Ngokutsho kwephephancwadi iTime, loo mazwi athethwa yingcali ehloniphekileyo yokutshintsha izinto. Yayibhekisela kwindlela emangalisayo izinto ezifileyo okanye ezilahliweyo eziluncedo ngayo kwezinye. Kuthiwa kwale ngcali inye, ivakalelwa kukuba “abantu banokuyilinganisa le ndlela yendalo yokungabi nankcitho, kodwa loo nto iya kufuna kuveliswe ubugcisa obutsha baze nabantu batshintshe indlela abazijonga ngayo izinto.”

Mhlawumbi uninzi lwethu alunakuba nagalelo kangako ekuvelisweni kobugcisa bezi mini. Kodwa ke, sinokuyitshintsha indlela esizijonga ngayo izinto! Yaye ukuba nesimo sengqondo esifanelekileyo ngemigaqo esisiseko yokuziphatha kuya kusinceda sikwazi ukumelana neengxaki ezinokubangelwa kukuphila phakathi kwabantu abathanda ukulahla.

Kuphephe Ukuba Nenkcitho

Umntu omnye kwabahlanu emhlabeni ulala engatyanga. Oku kufanele kusincede siqonde ukubaluleka kokutya, size siphephe ukudlala ngako. Esinye isibini esabuyela eYurophu emva kweminyaka engama-28 singabavangeli basemazweni eAfrika, sathi eyona nto kwakunzima ukuyiqhela kwilizwe laso lokuzalwa “kukubukela abantu belahla ukutya.”

Abazali abalumkileyo bafundisa abantwana babo ukuba baphake ukutya abaza kukugqiba. Oko kunokunciphisa inkunkuma nenkcitho. Kubhetele ukuba uqale uphake kancinane, uze ucele okunye xa unganelanga. Kambe ke, abazali bamele babe ngumzekelo kule nkalo. UYesu wasimisela umzekelo omhle ngokubonisa uxabiso ngamalungiselelo kaThixo, okwenyama nawokomoya. IBhayibhile ibonisa ukuba uYesu wayekuphepha ukulahla ukutya—nangona wayenze kwabakho intabalala yokutya ngokungummangaliso!—Yohane 6:11-13.

Lo mgaqo wokuphepha ukuba nenkcitho usenokusebenza nasezimpahleni, kwifanitshala nakoomatshini. Ukugcina izinto zikwimeko entle nokuzisebenzisa ixesha elide kangangoko kunokwenzeka, kubonisa ukuba sinoxabiso ngezinto esinazo. Asifanele silukuhlwe zizibhengezo zehlabathi ezisenza singaneliseki zizinto esinazo, ngokusibonisa izinto ezinkulu, ezibonakala zibhetele, ezenza izinto ngokukhawuleza nezomeleleyo. Kambe, sisenelungelo lokutshintsha izinto esizisebenzisayo. Kodwa ngaphambi kokuba senjenjalo, kusenokufuneka sihlolisise indlela esicinga ngayo nesizathu sokuba senjenjalo.

Kuphephe Ukubawa

Njengoko ayenqumla intlango esiya kwiLizwe Lesithembiso, amaSirayeli alungiselelwa ukutya okuyimana. Ngokutsho kwengxelo yeBhayibhile, ayefumana imana eyaneleyo. Noko ke, amaSirayeli axelelwa ukuba aphephe ukubawa; ayefanele athabathe ukutya okuwalingeneyo. Lawo angazange athobele afumanisa ukuba ukubawa akuwancedi nganto, kuba imana eseleyo yaba neempethu yaza yaqalisa ukunuka. (Eksodus 16:16-20) Licacile elokuba, iBhayibhile ikugweba ngokuqatha nangokuphindaphindiweyo ukubawa.—Efese 5:3.

AsiyoBhayibhile kuphela ethetha ngoku. Ngokomzekelo, uSeneca, isithandi sobulumko kwanombhali wemidlalo yeqonga ongumRoma wenkulungwane yokuqala, wakha wayitsho into yokuba umntu obawayo akaze anele. Wathi: “Umntu obawayo ungamnika ihlabathi lonke, anganeli.” UErich Fromm, isithandi sobulumko senkulungwane yama-20 safikelela kwisigqibo esifanayo: “Umntu obawayo akaneli, nto leyo ebangela ukuba awe evuka ezama ukwanelisa umnqweno wakhe ongapheliyo.” Ngaphandle kokuphepha ukubawa nokuba nenkcitho, kukho amanyathelo aluncedo abaninzi abaye bawathabatha.

Funda Ukwabelana Nabanye

Kunokulahla izinto ezikwimeko entle, cinga ngabantu abanokukuvuyela ukuzisebenzisa. Ngokomzekelo, xa abantwana bengasalinganwa ziimpahla zabo, kutheni bengazambuleli abanye nje? Ngaba akunakwenza into efanayo ngezinto ezisekwimeko entle kodwa ongasazisebenzisi kangako? Umntu omphayo unokukuvuyela ukuzisebenzisa, njengokuba kwakunjalo nakuwe. Umbhali nerharha laseMerika uMark Twain, wabhala wathi: “Ukuze wonwabe ngokupheleleyo, ufanele wabelane nabanye.” Mhlawumbi nawe uye wafumanisa ukuba xa usabelana nabanye, uba novuyo olungaphaya kwengqondo. Kambe ke, xa usabelana nabanye, iyaphela nala nto yokuthanda ukulahla.

IBhayibhile ikukhuthaza kakhulu ukwabelana nabanye. (Luka 3:11; Roma 12:13; 2 Korinte 8:14, 15; 1 Timoti 6:18) Khawufan’ ucinge ukuba bekuya kuba njani ehlabathini, ukuba wonke umntu ubekulungele ukwabelana nabanye!

Yanela Zizinto Ezingundoqo

Umntu onolwaneliseko wonwaba gqitha. Nokuba ungaya phi na, uya kufika kunjalo. Iqhalo lesiGrike lithi: “Umntu onganelisekiyo zizinto ezimbalwa anazo, akanakuze aneliseke.” Kanti elaseJapan lithi: “Umntu onganelisekiyo uhlala elihlwempu.” NeBhayibhile iyakuncoma ukwaneliseka. Kuyo sifunda oku: “Phofu ke, iyinene yona into yokuba, uzinikelo lobuthixo kunye nokwanela, kuyinzuzo enkulu. Asingenanga nanto ehlabathini, ngoko ke asinakuphuma nanto. Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.”—1 Timoti 6:6-8; Filipi 4:11.

Noko ke, ukuze saneliseke zizinto esinazo kufuneka ‘sitshintshe indlela esizijonga ngayo izinto.’ Kutshanje ibhinqa eliselula elinguSusanne liye laqonda ukuba kufuneka lenjenjalo. Lathi: “Ndaqonda ukuba, njengoko ndingenakuba nayo yonke into endiyinqwenelayo, ndimele ndizifundise ukuthanda ezi ndinazo. Ngoku ndonwabile kwaye ndanelisekile.”

Ngokwenene ukwaneliseka kuzisa uvuyo. UNjingalwazi Argir Hadjihristev, isazi ngemibandela ephathelele ukwaluphala eBulgaria, uthi: “Ingxaki yokuqala, kukunganeliseki nguloo mnconwana unawo.” Ethetha ngeengenelo ezibangelwa kukwaneliseka, uthi: “Umntu ongakhuphisani nommelwane wakhe, nongasoloko efuna ukuba nezinto ezingakumbi, uphila ubomi obumnandi nobungenazingxaki. Uba noxolo lwengqondo.”

Ewe, abantu abathanda ukulahla abasokuze bonwabe ngokupheleleyo. Ingakumbi abo bakuthanda egazini ukulahla! Kubonakala ngathi baya besiba baninzi abantu abayiqondayo le nto. Ngaba kunjalo nangawe?

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Abantwana bafanele bafunde ukungadlali ngokutya

[Umfanekiso okwiphepha 9]

UYesu wamisela umzekelo omhle wokungabi nankcitho

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Kutheni ungaziphi abanye nje izinto ongasazisebenzisiyo kunokuba uzilahle?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share