IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g25 No. 1 iphe. 10-11
  • Yaneliseka Zizinto Onazo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yaneliseka Zizinto Onazo
  • Vukani!—2025
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • KUTHENI KUBALULEKILE UKWANELISEKA ZIZINTO ONAZO?
  • INTO ONOKUYENZA
  • Ngaba ‘Sowuyifundile Indlela’ Yokwanela?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Ngaba Unako Ukwaneliseka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Izinto Ezinokukuncenda Waneliseke
    Vukani!—2021
  • Indlela Onokuphila Ngayo Phakathi Kwabantu Abathanda Ukulahla
    Vukani!—2002
Khangela Okunye
Vukani!—2025
g25 No. 1 iphe. 10-11

UNGAMELANA NJANI NOKUNYUKA KWAMAXABISO?

Yaneliseka Zizinto Onazo

Abantu abanelisekileyo baye bavuyiswe bubomi babo. Njengoko iimeko zabo zitshintsha baye bayitshintshe indlela abaphila ngayo ukuze bakwazi ukuphila ngemali abayifumanayo ngenyanga.

KUTHENI KUBALULEKILE UKWANELISEKA ZIZINTO ONAZO?

UGqirha wengqondo uJessica Koehler uye waphawula ukuba abantu abanelisekileyo badla ngokucinga ngendlela efanelekileyo. Uye wafumanisa nokuba abafane babamonele abanye abantu. Ayothusi ke into yokuba, abantu abanelisekileyo badla ngokuba ngabantu abonwabileyo nabangenastres kakhulu. Kangangokuba, abanye babona bantu bonwabe kakhulu ngabantu abangenazinto zininzi. Le nto yinyani, ingakumbi abo bahoye ezona zinto zibalulekileyo ebomini ezingenakuthengwa ngamali, ezinjengovuyo olufumaneka xa uchitha ixesha nentsapho kunye nabahlobo.

“Ukuba sinokutya nento yokunxiba, masaneliswe zezo zinto.”​—1 Timoti 6:8.

INTO ONOKUYENZA

Kuphephe ukuzithelekisa nabanye abantu. Ukuba uthelekisa izinto ezimbalwa onazo nezinto ezininzi abanye abantu ababonakala benazo, unganganeliseki ude ube nawo nomona. Enye into, abo uzithelekisa nabo basenokungabi yile nto ocinga ukuba bayiyo. Usenokucinga ukuba abantu abanezinto ezininzi eziduru banemali eninzi, kanti abanye babo bathe gabhu ematyaleni. UNicole, ohlala eSenegal, uthi: “Andidingi izinto ezininzi ukuze ndonwabe. Ukuba ndanelisekile, ndinokonwaba nangona abanye benezinto ezininzi kunam.”

Khawuzame le nto: Kuphephe ukujonga iinkqubo zentengiso okanye izinto ezifakwe kwiiwebhsayithi zokuncokola ezibonisa imali abanayo abanye abantu okanye izinto zabo eziduru.

“Kuba nokuba umntu unezinto ezininzi, ubomi bakhe abuxhomekekanga kwizinto anazo.”​—Luka 12:15.


Yiba nombulelo. Abantu abanombulelo badla ngokwaneliseka yaye ngokuqhelekileyo abacingi ukuba badinga okanye bafanelwe kukuba nezinto ezininzi. URoberton waseHaiti uthi: “Ndiye ndiziphe ixesha ndicinge ngobubele abaye balubonisa abanye kum nakwintsapho yam. Emva koko, ndiye ndixelele abo bantu indlela endibabulela ngayo ngento abasenzele yona. Ndiye ndifundise nonyana wam oneminyaka eyi-8 ukuthi enkosi kwinto yonke ayifumanayo.”

Khawuzame le nto: Suku ngalunye bhala phantsi into onombulelo ngayo. Isenokuba yimpilo entle, intsapho esondeleneyo, abahlobo bokwenene okanye indlela elibalihle ngayo ilanga xa litshona.

“Onentliziyo evuyayo uhlala enetheko.”​—IMizekeliso 15:15.

Ngamanye amaxesha, kuye kubenzima kuthi sonke ukuba saneliseke zizinto esinazo. Kodwa xa sizama sifumana imiphumo emihle! Xa sikhetha ukwaneliseka, sikhetha nokonwaba ibe imali ayinakuyithenga loo nto.

“Intsapho yethu iye yafunda ukwaneliseka, loo nto iye yaba yintsikelelo enkulu kuthi. Ngenxa yokuba singasaxakekanga ngendlela esasikade sixakeke ngayo, ngoku sinexesha elininzi esilichitha kunye ibe sonwabela izinto esinazo.” ​—UErik waseU.S.A.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share