IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 11/8 iphe. 8-11
  • Ngaba UGawulayo Uya Kuze Oyiswe? Ukuba Kunjalo, Uya Koyiswa Njani?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UGawulayo Uya Kuze Oyiswe? Ukuba Kunjalo, Uya Koyiswa Njani?
  • Vukani!—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Inkqubela Kwezonyango
  • Imiqobo Kwezonyango
  • Ukoyiswa KukaGawulayo
  • Inkqubela Ekulweni NoGawulayo
    Vukani!—2004
  • UGawulayo—Indlela Yokumlwa
    Vukani!—1998
  • Wasebenzise Ngobulumko Amayeza
    Vukani!—1996
  • Ngaba Umlo Nxamnye Neziyobisi Unokuphunyelelwa?
    Vukani!—1999
Khangela Okunye
Vukani!—2002
g02 11/8 iphe. 8-11

Ngaba UGawulayo Uya Kuze Oyiswe? Ukuba Kunjalo, Uya Koyiswa Njani?

KANGANGEXESHA elithile kumazwe amaninzi aseAfrika, abantu bebesoloko bengafuni ukusamkela isibakala sokuba kukho isifo esinguGawulayo. Abanye abantu bebengafuni nokuthetha ngesi sifo. Noko ke, kutshanje kuye kwenziwa amalinge okufundisa abantu ngesi sifo ingakumbi ulutsha, yaye abantu baye bakhuthazwa ukuba bathethe ngokuphandle ngaso. Le migudu ayikhange iphumelele kuyaphi. Ekubeni abantu benezithethe namasiko endeleyo, kunzima ukubaguqula.

Inkqubela Kwezonyango

Izazinzulu ziye zafunda okuninzi ngentsholongwane iHIV zaza zenza amayeza aye anceda abantu abaninzi bakwazi ukuphila nesi sifo ixesha elide. Kuye kwasetyenziswa iindidi ezintathu zala mayeza okulwisana nale ntsholongwane, yaye zigqalwa njengezona zisebenza ngokuphumelelayo.

Nangona la mayeza engasinyangi esi sifo, ayalinciphisa inani labantu ababulawa yintsholongwane iHIV, ngokukodwa abo bakumazwe ahambele phambili. Abantu abaninzi bathi kubalulekile ukuba abantu abakumazwe asakhasayo bawafumane la mayeza. Noko ke, la mayeza abiza imali eninzi yaye kwinkoliso yala mazwe bambalwa kakhulu abantu abanokukwazi ukuwathenga.

Oku kuye kwavusa imbambano: Ngaba imali ibaluleke ngaphezu kobomi babantu? Oku kwaphawulwa nangumalathisi weBrazil’s program on HIV/AIDS, uGqr. Paulo Teixeira owathi: “Asinakuwashiy’ enyanyeni amawaka abantu singawaniki amayeza anokuwanceda achache, kuba nje sijonge ingeniso engaphaya kwengqondo.” Wongezelela wathi: “Ndiyakhathazeka kakhulu kukubona ukuba kuxatyiswe imali ngaphezu kobomi babantu.”

Aliqela amazwe aye afikelela kwisigqibo sokuba ayeke ukuthenga amayeza kwiinkampani ezinkulu ezenza amayeza, aze azenzele okanye azithengele la mayeza kumazwe angaphandle ngexabiso eliphantsi.a Ngokutsho kolunye uhlolisiso, “ixabiso lala mayeza [enziwe ziinkampani ezahlukileyo] lingaphantsi ngama-82% kwixabiso lawo elamkelekileyo eUnited States,” itsho njalo iSouth African Medical Journal.

Imiqobo Kwezonyango

Emva kwexesha elithile, iinkampani ezinkulu ezenza amayeza alwisana noGawulayo zaqalisa ukuthengisela amazwe asakhasayo la mayeza ngexabiso eliphantsi. Ithemba yayikukuba abantu abangakumbi baya kukwazi ukuwafikelela loo mayeza. Noko ke, kukho imiqobo emininzi emele yoyiswe ukuze loo mayeza afumaneke ngokulula kumazwe asakhasayo. Omnye wayo lixabiso lawo elingafikelelekiyo. Nangona ixabiso lawo liye lahliswa kakhulu, basebaninzi abantu abangakwaziyo ukuwafikelela.

Enye ingxaki kukuba akulula ukusebenzisa la mayeza. Iipilisi ezininzi zifanele ziselwe yonke imihla, ngamaxesha athile. Ukungaziseli ngomlinganiselo ofanelekileyo okanye ngexesha elililo kunokubangela ukuba ezi pilisi zingakwazi ukulwisana nentsholongwane iHIV. Ngenxa yokunqongophala kokutya, amanzi okusela acocekileyo namaziko ezonyango eAfrika, kunzima ukuqinisekisa ukuba abantu abanesi sifo bawasela kakuhle la mayeza.

Ukongezelela, abo basebenzisa la mayeza bafanele babebekw’ esweni. Ukuba la mayeza akasebenzi, bafanele banikwe awahlukileyo. Kufuneka kubekho abasebenzi bezonyango abanamava bokwenza lo msebenzi, yaye ukuxilonga aba bantu kubiza imali eninzi. Kwakhona, la mayeza abangela ezinye iingxaki nto leyo ebangela ukuba angakwazi ukulwisana nale ntsholongwane.

NgoJuni 2001, kwintlanganiso ekhethekileyo yeUN General Assembly ephathelele uGawulayo, kwagqitywa ekubeni kusekwe iGlobal Health Fund ukuze kuncedwe amazwe asakhasayo. Kwathelekelelwa ukuba kuza kufuneka imali emalunga nee-$7 zamawaka ezigidi ukusa kwii-$10 zamawaka ezigidi. Ukuza kuthi ga ngoku, imali ekukho ithemba lokuba iza kufumaneka ayikafikeleli kuleyo ifunekayo.

Izazinzulu zinethemba lokuba ziza kulifumana iyeza elinokuthintela le ntsholongwane, yaye maninzi asele evavanywa kumazwe awahlukahlukeneyo. Kwanokuba le mizamo inokuphumelela, kuya kuthabatha iminyaka ukwenza loo mayeza nokuwavavanya ukuze kubonwe enoba angasetyenziswa ngabantu kusini na.

Kwamanye amazwe, njengaseBrazil, eThailand naseUganda kuye kwasetyenziswa iinkqubo ezithile zonyango ezibe yimpumelelo. KwelaseBrazil, kuye kwenziwa iyeza lokulwisana nale ntsholongwane eliye lawuhlisa umlinganiselo wabantu ababulawa nguGawulayo. Kwilizwe elincinane laseBotswana nelimi kakuhle ngokwemali, kwenziwa unako-nako wokuba abantu bakwazi ukufumana iyeza lokulwisana nale ntsholongwane yaye kuzanywa nokuba kubekho amaziko afanelekileyo ezonyango.

Ukoyiswa KukaGawulayo

Kukho into enye ebalulekileyo eyenza uGawulayo ahluke kwezinye izifo ezingubhubhani: Esi sifo sinokuphetshwa. Xa abantu bezimisele ukunamathela kwimigaqo yeBhayibhile esisiseko, ngandlel’ ithile okanye ngokupheleleyo, banokukuphepha ukwasulelwa sesi sifo.

IBhayibhile inikela imigaqo ecacileyo yokuziphatha. Abantu abangatshatanga abafanele babe neentlobano zesini. (1 Korinte 6:18) Abantu abatshatileyo bafanele bathembeke kumaqabane abo, bangakrexezi. (Hebhere 13:4) Ukuthobela isiluleko seBhayibhile sokuzikhwebula egazini kuyamkhusela umntu.—IZenzo 15:28, 29.

Abo sele benale ntsholongwane banokuvuya baze bathuthuzeleke kukufunda ukuba uThixo uthembisa ukuba kuza kubakho ihlabathi elingenazifo kwikamva elingekude, kwakhona banokuvuyiswa nakukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo.

IBhayibhile iqinisekisa ukuba kungekudala, ziza kuphela zonke izinto ezenza abantu babandezeleke, kuquka izifo. Kwincwadi yeSityhilelo sifumana esi sithembiso: “Ngako oko ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: ‘Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.’”—ISityhilelo 21:3, 4.

Esi sithembiso asiyi kuzaliseka kwabo banemali yokuthenga amayeza abiza imali eninzi kuphela. Esi sithembiso kwaprofetwa ngaso kwiSityhilelo isahluko 21 siqinisekiswa kuIsaya 33:24: “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” Ngoko ke bonke abantu abasemhlabeni baya kuphila ngokuvisisana nemithetho kaThixo yaye baya kunandipha ubomi obufezekileyo. Ngaloo ndlela, uGawulayo ogqugqisileyo—nazo zonke ezinye izifo—uya koyiswa ngonaphakade.

[Umbhalo osemazantsi]

a La mayeza sithetha ngawo ngamayeza afana nalawo enziwa ziinkampani ezinkulu ezenza amayeza kodwa wona enziwa ziinkampani ezahlukileyo yaye abiza imali encinane. Amazwe angamalungu eWorld Trade Organization anelungelo elisemthethweni lokuzenzela la mayeza xa efuneka ngokungxamisekileyo.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 9, 10]

OLU LOLONA NYANGO NDANDILUFUNA

Ndihlala kumazantsi eAfrika, yaye ndineminyaka engama-23 ubudala. Ndikhumbula mhla ndafumanisa ukuba ndinentsholongwane iHIV.

Ndandikunye nomama kwigumbi likagqirha xa wandixelela ezo ndaba. Yayizezona ndaba zibuhlungu ndakha ndaziva ebomini bam. Ndandingazi nokuba mandithini. Ndandingakholelwa. Ndandicinga ukuba yimpazamo. Ndandingayazi neyona nto mandiyenze. Kwakuthi mandikhale, kodwa kwakungaphumi nyembezi. Ugqirha wachazela umama ngamayeza endandinokuwasebenzisa ukulwisana nale ntsholongwane, kodwa kangangendlela endandothuke ngayo andizange ndimve nokuba uthini.

Ndicinga ukuba le ntsholongwane ndayifumana kumntu endandifunda naye eyunivesithi. Ndandinqwenela ukuzityand’ igila kumntu owayenokuyiqonda imeko yam, kodwa akuzange kubekho mntu uthi qatha engqondweni yam ngelo xesha. Ndaziva ndingento yanto. Nangona intsapho yam yayindixhasa, ndasuka ndaphelelwa lithemba, ndanoloyiko. Njengaye nawuphi na umntu osemtsha, zazininzi izinto endandinqwenela ukuzenza. Kwakusele iminyaka emibini nje kuphela ndifumane isidanga kwezenzululwazi, kodwa loo maphupha aphelel’ emoyeni.

Ndaqalisa ukusebenzisa amayeza okulwisana nale ntsholongwane ndaza ndaya nakwabo bacebisa ngoGawulayo, kodwa andizange ndiyeke ukudandatheka. Ndathandaza kuThixo, ndicela ukuba andincede ndifumane unqulo lwamaKristu okwenyaniso ngaphambi kokuba ndife. Ndandililungu lenye yeecawa zoMoya, kodwa akukho nalinye ilungu lecawa elakha laza kundibona. Ndandifuna ukwazi ukuba ndiza kuyaphi emva kokuba ndifile.

Ekuqaleni kuka-Agasti 1999, ngenye intsasa ndankqonkqozelwa ngamaNgqina kaYehova amabini. Ndandigula gqitha ngaloo mini, kodwa ndakwazi ukuvuka ndihlale. Loo manenekazi mabini azazisa kum yaye andixelela ukuba anceda abantu ekufundisiseni iBhayibhile. Ndavuya kakhulu kuba ekugqibeleni umthandazo wam wawuphendulwe. Kodwa ngenxa yendlela endandibuthathaka ngayo ndandingakwazi ukufunda okanye ukuphulaphula ixesha elide.

Sekunjalo, ndawaxelela ukuba ndiyafuna ukufundisisa iBhayibhile, yaye enza amalungiselelo okubuyela. Ngelishwa, lathi lingekafiki elo xesha, ndasiwa kwisibhedlele sengqondo ngenxa yokudandatheka. Ndaphuma esibhedlele emva kweeveki ezintathu yaye ndavuya kukufumanisa ukuba loo maNgqina ayengandilibalanga. Elinye lawo lalisoloko liqhagamshelana nam lifuna ukuqonda imeko yam. Ndachacha, yaye ngasekupheleni kwaloo nyaka ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile. Noko ke, akuzange kube lula kuba imeko yam yayiguquguquka. Kodwa umntu endandifundisisa naye wayeyiqonda imeko yam yaye wayenomonde.

Ukufunda eBhayibhileni ngoYehova neempawu zakhe, ngeengenelo zokumazi nangethemba lobomi obungunaphakade kwandichukumisa gqitha. Ndatsho ndasazi nesizathu sokubandezeleka kwabantu. Kwandivuyisa gqitha ukufunda ngoBukumkani bukaThixo, obuya kuthabathel’ indawo bonke oorhulumente babantu kungekudala. Oko kwandishukumisela ukuba ndiyitshintshe ngokupheleleyo indlela endandiphila ngayo.

Olu lolona nyango ndandilufuna. Hayi indlela ekwandithuthuzela ngayo ukwazi ukuba uYehova uyandithanda yaye undikhathalele! Ngaphambili, ndandicinga ukuba uThixo undithiyile yaye ndandicinga ukuba kungenxa yoko le nto ndinesi sifo. Kodwa ndafunda ukuba ngothando uYehova wenze ilungiselelo lokuxolelwa kwezono ngedini lentlawulelo likaYesu Kristu. Ndatsho ndaqonda ukuba uThixo usikhathalele, njengoko eyoku-1 kaPetros 5:7 isitsho: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”

Ndenza konke okusemandleni ukuze ndisondele kuYehova, ngokufundisisa iBhayibhile yonk’ imihla nokuya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani. Ngoxa kungasoloko kulula, ndiphalaza imbilini yam kuYehova ngomthandazo ndicele ukuba andomeleze aze andithuthuzele. Kwakhona ndifumana inkxaso kumalungu ebandla yaye oko kuyandonwabisa.

Ndisoloko ndisiba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela kunye nebandla endikulo. Ndifuna ukunceda abanye bakheke ngokomoya, ingakumbi abo bakwimeko efana neyam. Ndabhaptizwa ngoDisemba 2001.

[Umfanekiso]

Kwandivuyisa gqitha ukufunda ngoBukumkani bukaThixo

[Umfanekiso okwiphepha 8]

Iqela labantu abanikela amacebiso ngokuphathelele uGawulayo eBotswana

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Kumhlaba oyiParadesi, bonke abantu baya kunandipha ubomi obufezekileyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share