Unako Ukububona Ubuhle Bendalo
XA IBETHWA ngumoya emaphandleni, inkoliso yethu idla ngokububona ubuhle bendalo. Isenokuba ziintyatyambo, iintaka ezimibalabala, umthi omkhulu, nayo nayiphi na into ebukekayo. Abantu abaninzi badla ngokuthi ezo zinto zintle zenziwe nguMdali okanye uMyili Olichule.
Usenokucinga ukuba zizazinzulu kuphela ezikwaziyo ukubona ubugocigoci bendalo. Noko ke, akukho mfuneko yokuba usebenzise ubugocigoci bezixhobo zenzululwazi ukuze ubone ubuhle bendalo. Kufuneka nje ube neliso elibukhali, usebenzise ingqondo, uze ukwazi ukubona into entle. Kusenokufuneka uziqwalasele kakuhle izinto oqhele ukuzibona kodwa unganikeli ngqalelo kangako kuzo.
Ezinye izinto ezintle zizinto ezispiral. Ubuhle bazo bunokubonwa kwizinto eziqhelekileyo ezenziwa ngabantu njengentambo elukiweyo okanye isixhobo sokuvula isiciko sebhotile (corkscrew). Noko ke, ubuhle bespirals bunokubonwa koonokrwece okanye kwiipinecones. Yaye xa uqwalasela ujongilanga, unokuzibona ispirals. Enye into eneespiral ongenakuzibona lula yirose nendlu yesigcawu.
Khawuqwalasele nje indlu yesigcawu. Isigcawu siqala ngokwenza imicu yokusekela indlu yaso, intsika ezimile okwerim yevili. Emva koko siqala embindini sidibanise ezi ntsika ngemisonto encangathi yesilika. Siyajikeleza de siyigqibe indlu yaso. Yile misonto ebonakala njengespiral.
Obunye ubuhle obuchukumisayo kwindalo bobo bamachokoza amahle abizwa ngokuba ziieyespot. La machokoza anokubonwa kwizinto ezininzi ezahlukahlukeneyo—kwiintsiba zentaka, kumaphiko ebhabhathane maxa wambi nakumaxolo entlanzi. Izazinzulu zithi la machokoza aluncedo xa imazi ifuna ukutsal’ ingqalelo yenkunzi okanye inkunzi ifuna ingqalelo yemazi, aluncedo ekuzikhuseleni nasekuzifihleni. Ipikoko yeyona yaziwa ngokuba nala machokoza, yaye indlela etsala ngayo ingqalelo yeqabane yenye yezinto ezimangalisayo kwindalo. UAleksandire Omkhulu wachukumiseka gqitha bubuhle bepikoko kangangokuba ebudeni bolawulo lwakhe wanyanzelisa ukuba le ntaka ikhuselwe.
Isangqa nezinto ezingqukuva zizinto eziqhelekileyo. Ukubukela ubuhle bokutshona kwelanga okanye inyanga epheleleyo kusoloko kuchukumisa ngeyona ndlela. Iintyatyambo ezininzi zedaisy zikhangeleka okwelanga, zimthubi embindini yaye zinamagqabi anemibala eyahlukahlukeneyo. Ezi ntyatyambo zikhula kwiindawo ezininzi yaye ‘embindini’ wazo kukho incindi ethandwa ngamabhabhathane kuhle okonxweme lutsala abakhenkethi.
Ekubeni izinto ezininzi zidla ngokufakwa kwizinto ezingqukuva, iziqhamo ezininzi zingqukuva yaye zinemibala eyahlukahlukeneyo. Imibala yazo eqaqambileyo itsala iintaka, ezithi zisasaze imbewu yazo xa zisitya.
Noko ke, ispirals, iieyespot, izangqa nezinto ezingqukuva zizinto nje ezimbalwa onokububona kuzo ubuhle bendalo. Nangona ezinye zikho ngenjongo ekhethekileyo, ezinye zikho ngenjongo yokuhombisa okanye yokuzinceda zingabonwa ubume bazo. Kungakhathaliseki ukuba zikho ngayiphi injongo, zikhangele ukuze uziyolise ngobuhle bazo.
[Umfanekiso okwiphepha 23]