Kutheni Isanda Nje Le Ngxaki?
UBUSAZI ukuba ukushishina ngabantu kukwindawo yesithathu ehlabathini lonke xa kuthelekiswa nezinye iintlobo zorhwebo, ngaphandle kokushishina ngeziyobisi nezixhobo? Ngokutsho kweUnited Nations Educational, Scientific, and Cultural Organization, ziya zisanda iindlela zokushishina ngoonongogo.
ICongressional Committee of Inquiry yathi kwelinye ilizwe elikwiLatin-America, kukho abantwana abangamantombazana abangoonongogo abangaphezu kwama-500 000 nangona ukuba ngunongogo kuyinto engekho mthethweni kwelo lizwe.
Kwelinye ilizwe, kukho abantwana abangoonongogo abamalunga nama-300 000, ingakumbi kwiindawo ekuthengiswa kuzo iziyobisi.
Kuthiwa kumazwe aseAsia amantombazana aselula amalunga nesigidi enziwa oonongogo yaye aphethwe ngokungathi ngamakhoboka. Ukanti kuthiwa kukho amazwe abantu abanokuya kuwo ngenjongo yokulala nabantwana abangoonongogo nokubukela amanyala enziwa ngabantu.
Njengoko emaninzi amathuba okwasulelwa zizifo ezidluliselwa ngesini, njengoGawulayo, abantu ababa neentlobano zesini noonongogo bakulungele ukuhlawula ixabiso eliphakamileyo ukuze balale nabantwana ekucingelwa ukuba abazange bakhe babe neentlobano zesini yaye abanazo ezi zifo. ULuíza Nagib Eluf osebenza kwiSebe Lezobulungisa eBrazil uthi: “Enye into efak’ isandla kule ngxaki kukuba amadoda ayakoyika ukwasulelwa nguGawulayo yaye loo nto ibangela ukuba afune ukulala namantombazana namakhwenkwe amancinane. Ukuxhatshazwa ngokwesini kwamantombazana nabantwana abakwishumi elivisayo yeyona ngxaki inkqenkqeza phambili kumabhinqa angamahlwempu eBrazil.”
Ubuhlwempu Nokwenziwa Kwabantwana Oonongogo
Ukwenziwa kwabantwana oonongogo kuxhaphake kakhulu kwiindawo ezithwaxwa lusizi nobuhlwempu. Ngokutsho kwelinye igosa likarhulumente, ukuxhatshazwa kwabantwana nokwenziwa kwabo oonongogo kwilizwe elihlala kulo “kuphenjelelwa kukuqhekeka kweentsapho, usizi nendlala.” Abanye abazali bathi bubuhlwempu obubangele ukuba banyanzele abantwana babo ukuba babe ngoonongogo. Abantwana abahlala esitratweni baba ngoonongogo kuba becinga ukuba le kuphela kwendlela abanokuphila ngayo.
Iphephandaba iO Estado de S. Paulo lithi intombazana inokude ibe ngunongogo xa ikwiqela labantwana abahlala esitratweni. Ukuze ifumane into eya ethunjini, inokuba lisela ize ngamathub’ athile ithengise ngomzimba wayo. Ekugqibeleni iba ngunongogo.
Maxa wambi, abantwana abakwishumi elivisayo bathunyelwa kwamanye amazwe ngenjongo yokuba babe ngoonongogo. IUNESCO Sources ithi: “Imali ethunyelwa ngoonongogo abakwamanye amazwe idla ngokuba luncedo kakhulu kwiintsapho zabo ezithwaxwa bubuhlwempu eAsia naseAfrika. Nakula mazwe abantu bakhuthazwa ukuba babe ngoonongogo yaye abakhenkethi abavela kumazwe afumileyo bayazifikisela ‘kwinkonzo’ eyenziwa ngabantwana kunye neentsana.”
Lichaza iingozi abajamelana nazo abantwana abangoonongogo kwesinye isixeko esikwiLatin-America, iphephancwadi iTime lathi: “Abanye oonongogo baneminyaka eli-12 kuphela ubudala. Njengoko bephuma kwiintsapho eziqhekekileyo, emini balala naphi na apho banokufumana khona indawo yokufihla intloko baze ebusuku baye kwiidisco nakwiindawo zokuphumla oomatiloshe.”
Ngenxa yempembelelo yeziyobisi, umntwana ongunongogo unokwenza izinto ebengenakuzenza phantsi kweemeko eziqhelekileyo. Ngokomzekelo, ngokutsho kwephephancwadi iVeja, amapolisa afumana iividiyo ezingama-92 ezibonisa ugqirha esenza zonke iintlobo zokungcola kumabhinqa angaphezu kwama-50 yaye amanye kuloo mabhinqa ngabantwana abancinane.
Nangona ezi ngxelo zisothusa ngolu hlobo, omnye unongogo oselula wathi: “Ukuba ndinokufuna umsebenzi, andinakuze ndiwufumane onokundihlawula imali eyaneleyo yokutya ngenxa yokuba andifundanga. Intsapho yakowethu iyazi ngobomi endibuphilayo yaye andifuni ukwahlukana nabo. Ngumzimba wam lo yaye ndenza nantoni na endiyifunayo ngawo.”
Sekunjalo, la mantombazana ayengazimiselanga kuba ngoonongogo. Ngokutsho komnye unontlalontle, oonongogo abaselula abaninzi “bafuna ukutshata” yaye banqwenela ukutshata “neNzwana Engenasiphako.” Nangona kukho izizathu ezahlukahlukeneyo ezibangela ukuba babe ngoonongogo, omnye umphengululi uthi: “Eyona nto yothusayo kukuba abaninzi kubo badlwengulwa kumakhaya abo.”
Ngaba Kuya Kuze Kuphele Ukwenziwa Kwabantwana Oonongogo?
Likho ithemba kubantwana abazibona bekule meko. Oonongogo abangalinganiyo ngeminyaka baye balitshintsha ikhondo labo lobomi. (Bona ibhokisi ethi “Abantu Banako Ukutshintsha,” kwiphepha 7.) ILizwi likaThixo iBhayibhile liye lanceda izigidi zabantu ehlabathini lonke ukuba zibe ngabamelwane abalungileyo zize zinyaniseke kwiintsapho zazo. Ngokuphathelele abantu ababekade behenyuza, bekrexeza, bengamasela bebawa nababekade bengamanxila, sifunda oku: “Abanye kuni babenjalo kanye. Kodwa niye nahlanjwa nahlambuluka, niye nangcwaliswa, niye navakaliswa ningamalungisa egameni leNkosi yethu uYesu Kristu nangomoya kaThixo wethu.”—1 Korinte 6:9-11.
Nanamhlanje, njengakumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, bakho abantu abaye batshintsha baza baphila ubomi obubhetele. Sekunjalo, kusekuninzi okufanele kwenziwe ukulwisana nomkhwa wokuxhatshazwa kwabantu ngokwesini. Abanye oorhulumente nemibutho ethile balwisana nomkhwa wokukhenketha ngenjongo yokubukela amanyala enziwa ngabantu nokulala nabantwana abangoonongogo. Kodwa yinyaniso ukuba abantu abanako ukuluphelisa usizi nobuhlwempu. Abantu abamisela imithetho abanako ukutshintsha isimo sengqondo sabantu abakuthand’ egazini ukuziphatha okubi.
Noko ke, ngaphandle kwemizamo yabantu, kukho enye indlela ezinokuconjululwa ngayo zonke ezi ngxaki—uBukumkani bukaThixo. Inqaku elilandelayo liza kunaba ngalo mbandela.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
Ubuhlwempu yenye into edla ngokubangela ukuba abantwana benziwe oonongogo
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Imiphumo Ebuhlungu
Xa wayeneminyaka emithandathu kuphela ubudala, uDaisy waxhatshazwa ngokwesini ngomnye umntakwabo. Ngenxa yoko, wahlala nomntwakwabo omdala yaye wathi xa wayeneminyaka eli-14 ubudala wasebenza kwinightclub. Emva kweentsuku ezimbalwa, uDaisy wagula. Emva kokuba echachile, abaqeshi bakhe bamxelela ukuba ubatyala imali baza bamnyanzela ukuba abe ngunongogo. Kwisithuba esingangonyaka emva koko, wayesantyumpa-ntyumpeka kwelo tyala yaye kwakubonakala ngathi akasokuze akwazi ukulihlawula aligqibe. Noko ke, omnye umntu osebenza ezinqanaweni walihlawula elo tyala waza wamsa kwesinye isixeko, apho wafika wamphatha ngokungathi likhoboka. Wamshiya yaye kamva waya kuhlala nenye indoda kangangeminyaka emithathu yaye emva koko bazimanya ngeqhina lomtshato. Ngenxa yeengxaki zomtshato ezininzi, wazama ukuzibulala izihlandlo ezithathu.
Ekugqibeleni, yena nendoda yakhe baqalisa ukufundisisa iBhayibhile. Kodwa uDaisy wayeziva engakufanelekeli ukuba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Emva kokuba eboniswe ngokusuka eBhayibhileni ukuba uYehova uThixo uyabamkela abantu abaguqukayo, wazahlulela kuye. UDaisy wenza konke okusemandleni ukuze enze izinto ngendlela efanelekileyo, kodwa wayevakalelwa kukuba oko akwanele yaye loo nto yayimenza adandatheke kakhulu maxa wambi. Noko ke, okuvuyisayo kukuba uye walwamkela uncedo lokumenza ahlangabezana nemeko yakhe edandathekisayo ebangelwa kukuxhatshazwa kwakhe ngokwesini nokuba ngunongogo kwakhe eselula yaye ngoku uphila ubomi obulungeleleneyo.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
Abantu Banako Ukutshintsha
Ngoxa wayelapha emhlabeni, uYesu Kristu waba nosizi ngabantu abaxhwalekileyo nabanesono. Wayesazi ukuba oonongogo, kungakhathaliseki ukuba badala kangakanani, banako ukulitshintsha ikhondo labo lobomi. UYesu wada wathi kwiinkokeli zonqulo: “Inene ndithi kuni banihambela phambili abaqokeleli berhafu namahenyukazi ukungena ebukumkanini bukaThixo.” (Mateyu 21:31) Nangona babecekiswa ngenxa yendlela abaziphethe ngayo, abo bantu bantliziyo zilungileyo baxolelwa ngenxa yokuba benokholo kuNyana kaThixo. Aboni abaguqukayo babezimisele ukuyeka ukuba ngoonongogo ukuze bafumane iintsikelelo zoBukumkani bukaThixo. Emva koko babephila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo yobulungisa. Nanamhlanje, abantu abahlukahlukeneyo bayayamkela inyaniso yeLizwi likaThixo baze baguquke.
Khawucinge ngoko kwenzeka kuMaria, uCarina noEstela ekuthethwe ngabo kwinqaku lokuqala. UMaria wayixhathisa ingcinezelo kanina owayefuna ukuba aqhubeke engunongogo, yaye wazama ngamandla ukwahlukana nomkhwa wokusebenzisa kakubi iziyobisi. Uthi: “Ndandisebenzisa iziyobisi ngelokuzama ukulwa nokuziva ndingento ngenxa yokuba ngunongogo.” Ebalisa ngendlela awamkelwa ngayo kwibandla lamaKristu lamaNgqina kaYehova, uMaria uthi: “Ndachukunyiswa luthando lwamalungu ebandla. Onke—abantwana nabadala—andiphatha ngentlonelo. Ndaphawula ukuba amadoda atshatileyo anyanisekile kubafazi bawo. Kwandivuyisa gqitha ukundamkela kwabo njengomhlobo.”
Xa wayeneminyaka eli-17 ubudala, uCarina watyelelwa ngamaNgqina kaYehova. Waqalisa ukufundisisa iBhayibhile, nangona wakha waqhubeka engunongogo kangangethuba elithile. Ngokuthe ngcembe, waqalisa ukuyiqonda inyaniso yeBhayibhile waza wayixabisa. Ngoko wagqiba kwelokuba afudukele kwisixeko esikude, yaye ngoxa wayelapho waba ngomnye wamaNgqina kaYehova.
UEstela owaba ngunongogo eselula, ethanda iimbutho zolonwabo esela notywala ngokugqithiseleyo waba nomdla eBhayibhileni. Noko ke, wagqiba kwelokuba uThixo akanakuze amxolele. Kodwa ekuhambeni kwexesha, wayazi into yokuba uYehova uThixo uyabaxolela abo baguqukayo. Ngoku, uEstela ulilungu lebandla lamaKristu, utshatile yaye unabantwana abathathu, uthi: “Ndivuya gqitha yaye ndiyambulela uYehova ngokundikhupha kubugxwayiba ebendikubo aze andamkele kwintlangano yakhe ecocekileyo.”
Ezi ngxelo zingqinelana namazwi eBhayibhile athi uThixo uthanda ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.”—1 Timoti 2:4.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Abantwana abangoonongogo badla ngokusebenzisa iziyobisi
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 5]
© Jan Banning/Panos Pictures, 1997