Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinokuyeka Njani Ukuzama Ukwenza Izinto Ngendlela Egqibeleleyo?
“Ndifuna ukwenza yonk’ into ngendlela egqibeleleyo.”—UCarly.
UKUFUNA ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo—inkolelo yokuba ubani ufanele angenzi mpazamo—kuchaphazela abantu abaselula abaninzi.
Incwadi ethi Perfectionism—What’s Bad About Being Too Good? ithi: “Kukho umahluko omkhulu phakathi kokufuna ukwenza izinto ngendlela ephum’ emagqabini nokuzibekela usukelo olungafikelelekiyo. Abantu abafuna ukwenza izinto ngendlela ephum’ emagqabini basenokulwela ukuba ngabalungeleleneyo yaye basenokuzibekela usukelo oluphakamileyo, kodwa bayazamkela iimpazamo zabo yaye bayakwazi ukuhlangabezana nazo. . . . Kwelinye icala, abantu abafuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo basoloko besoyika ukwenza iimpazamo. Bazibekela usukelo abangenako ukulufikelela.”
Ngaba nawe unjalo? Ukuzibekela usukelo ongenako ukulufikelela kunokukubangela uyeke ngokupheleleyo ukwenza izinto. Kunokukubangela uyeke ukwenza izinto ezintsha. Okanye unokuzibekela amangomso izinto ezibalulekileyo ngenxa yokoyika ukungakwazi ukuzenza. Usenokude ungabi nabahlobo ngenxa yokuba abanye abantu bengazenzi ngendlela ofuna ngayo izinto.
Ukuba unazo naziphi na iimpawu ezichazwe ngasentla, nceda uqwalasele amazwi eBhayibhile afumaneka kwiNtshumayeli 7:16 athi: “Musa ukuba lilungisa kakhulu, yaye ungazibonakalisi usisilumko ngokugqithiseleyo. Yini na ukuba uziphanzise?” Ewe, umntu ofuna ukugqibelela ‘usenokuziphanzisa!’ Eneneni, kuthiwa abantu abafuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo badla ngokukhathazwa zizigulo eziyingozi ezibangelwa kukungatyi ngendlela efanelekileyo njenge-anorexia nervosa ne-bulimia.a
Ngoko usenokuzibuza: ‘Ndinokuyeka njani ukufuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo?’ Kuyavunywa ukuba kusenokuba lucelo-mngeni ukutshintsha indlela ovakalelwa ngayo ngalo mbandela. Kodwa ngoncedo lukaThixo, unako ukuphumelela. Ngoko ke makhe siqwalasele indlela uThixo akujonga ngayo ukugqibelela.
Ukugqibelela—Ngaba Lusukelo Olufikelelekayo?
Ngaba unako ukugqibelela ngokupheleleyo? IBhayibhile ithi akunako, ithi: “Akukho mntu ulilungisa, nokuba abe mnye . . . Bonke abantu baphambukile, xa bebonke baye ababi nto yanto.” (Roma 3:10-12) La mazwi akwenza uzikis’ ukucinga, akunjalo? Abonisa ukuba nabani na ozama ukugqibelela akayi kuphumelela.
Cinga ngompostile uPawulos, ekucacileyo ukuba wamisela umzekelo njengomntu othanda izinto zokomoya. Sekunjalo, naye uPawulos wayezenza iimpazamo nangona wayekhonza uThixo. Wathi: “Xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum. Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi, kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono osemalungwini am.” (Roma 7:21-23) NguThixo kuphela owayenokunceda uPawulos abe ngumKristu othembekileyo.
Okuvuyisayo kukuba, uThixo akasinyanzeli ukuba sigqibelele. “Yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:14) Abantu baya kufezeka kuphela kwihlabathi likaThixo elitsha.
Tshintsha Isimo Sakho Sengqondo
Okwangoku, akukho ngqiqweni ukulindela ukwenza yonke into ngendlela egqibeleleyo. Eneneni, ufanele wazi ukuba ngamaxesh’ athile, uya kwenza iimpazamo. (Roma 3:23) Enyanisweni, ngamany’ amaxesha, siye singazi nokuba senze impazamo! INdumiso 19:12 ithi: “Akukho mntu ukwaziyo ukubona iimpazamo zakhe.” (Today’s English Version) UMatthew oselula uyibeka ngolu hlobo le meko: “Akugqibelelanga—akukho namnye umntu ogqibeleleyo apha eMhlabeni. Akusoze wonwabe ukuba ufuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo. . . . Akukho ngqiqweni ukufuna ukugqibelela yaye yinto engenakuze yenzeke.”
Ekubeni kunjalo, kutheni ungazami ukutshintsha isimo sakho sengqondo? Ngokomzekelo, ngaba wenza konke okusemandleni ukuze ugqwese kwinto ethile? IBhayibhile ithi umgudu wakho usenokuba ‘ngamampunge nokusukelana nomoya.’ (INtshumayeli 4:4) Inyaniso kukuba, bambalwa gqitha abantu abakwaziyo ukugqwesa kwinto abayenzayo. Yaye nokuba bathe bagqwesa, kudla ngokudlula nje ithuba elifutshane kubekho umntu oyenza bhetele kunabo loo nto.
Umpostile uPawulos wanikela eli cebiso: “Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngaphezu koko amelwe kukuzicingela ngako; kodwa makacinge khon’ ukuze abe nengqondo ephilileyo.” (Roma 12:3) Yenza izinto ngendlela esengqiqweni! Yazi ukuba kukho izinto onobuchule bokuzenza ukanti zikho nongenakukwazi ukuzenza. Zama ukwenza izinto ngendlel’ ephum’ emagqabini kungekhona ngendlela egqibeleleyo. Zibekele usukelo onokulufikelela.
Ngokomzekelo, uPawulos wakhuthaza uTimoti ukuba abe ‘ngumsebénzi ongenazintloni nganto, oliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Timoti 2:15) Ewe, uPawulos wayemkhuthaza ukuba enze izinto ngendlela ephum’ emagqabini, kungekhona ngendlela egqibeleleyo. Ngokufanayo, zibekele usukelo olusengqiqweni. Yaye ukuba akuqinisekanga ukuba luyintoni usukelo “olusengqiqweni,” xubusha ngalo mbandela nabazali bakho okanye nomntu omdala onokumthemba.
Abanye bacebisa ukuba wenze izinto ongenabuchule bokuzenza, njengokudlala umdlalo omtsha okanye isixhobo somculo. Liyinyaniso elokuba, xa ufunda ukwenza into entsha, uza kwenza iimpazamo ezininzi. Kodwa akukho nto iphosakeleyo ngokwenza iimpazamo. Mhlawumbi oko kuya kukunceda ubone ukuba xa umntu efunda wenza iimpazamo.
Kungakhathaliseki ukuba yintoni na ofuna ukuyenza—umsebenzi wesikolo okanye ukuba yincutshe ekudlaleni i-piano—nceda uqwalasele elinye icebiso likampostile uPawulos elithi: “Musani ukutshivela emsebenzini wenu.” (Roma 12:11) Ewe, musa ukuzibekela amangomso izinto kuba nje usoyika ukuba akuyi kukwazi ukuzenza.
Omnye oselula waziqhelisa ukuwubekela amangomso umsebenzi wesikolo ngelithi “usalungiselela.” Yinto entle ukuba ngumntu olungeleleneyo, kodwa lumka, oko akufanelanga kukwenze uzibekele amangomso izinto. Le ntwazana yafumanisa ukuba, “kunokuba uwugcine kuwe umsebenzi wakho wesikolo, kubhetele uwudlulisele kumfundisi-ntsapho nokuba akwanelisekanga yindlela owenze ngayo.”
Ziphephe Iingcinga Ezingakhiyo!
Kuyavunywa ukuba, kusenokuba nzima ukuyamkela into yokuba akukwazi ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo. Kusenokwenzeka ukuba usoloko ucinga ngezinto ezingakhiyo. Yintoni onokuyenza? Inyaniso kukuba, ukusoloko ucinga ngezinto ezingakhiyo kuyingozi. Ngoko zama ukwahlukana nalo mkhwa. Zihleke iimpazamo zakho. Ngapha koko, ‘likho ixesha lokuhleka.’ (INtshumayeli 3:4) Kwakhona khumbula ukuba uYehova akakufuni ukutshabhisa—nokuba utshabhisa wena siqu.—Efese 4:31.
Kunokuba usoloko uzigxeka, sebenzisa la mazwi afumaneka kwiMizekeliso 11:17 athi: “Umntu onobubele bothando uqhubana ngokunomvuzo nomphefumlo wakhe, kodwa umntu okhohlakeleyo uyizisela ishwangusha inyama yakhe.” Ngoko zibuze, Ngaba ukuba nemilinganiselo ephakame kakhulu kubangela ukuba ndibafumane lula abahlobo? Mhlawumbi akunjalo. Kusenokwenzeka ukuba akunabahlobo ngenxa nje yokuba abanye abantu bengazenzi ngendlela egqibeleleyo izinto. Yintoni ke onokuyenza?
Sebenzisa lo myalelo weBhayibhile: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye.” (Kolose 3:13) Ewe, ukuba nolindelo olusengqiqweni kuya kubangela ukuba ukunandiphe ngakumbi ukuba nabahlobo!
Usenokuzibuza: ‘Yintoni enokubangela ukuba abantu bandiphephe xa ndifuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo?’ Khawucinge ngendlela ebebeya kusabela ngayo abanye xa besiva ukuba ufuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo. Incwadi ethi When Perfect Isn’t Good Enough ithi: “Xa abahlobo bakho abasebenze nzima baze bafumana amanqaku angaphantsi kwawakho bebona ukuba uyakhalaza ngamanqaku akho, baya kuvakalelwa kukuba uphoxisa ngabo.” Ngoko kuphephe ukuba ngumntu othanda ukugxeka nozingcayo. Oku kuya kubangela ukuba abantu bakunandiphe ukunxulumana nawe.
UCarly oselula uwushwankathela ngale ndlela lo mbandela: “Ndidla ngokuzixelela ukuba kufuneka ndahlukane nokufuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo.” Yintoni enokukunceda nawe ube naloo mbono? Kukucinga ngendlela uThixo avakalelwa ngayo ngaloo mbandela. Ukuba ukufumanisa kunzima ukuba nembono elungeleleneyo, thetha nabazali bakho okanye nomKristu oqolileyo kwibandla okulo. Thandaza kuThixo ucele ukuba akuncede utshintshe isimo sakho sengqondo. Umthandazo unokukunceda uyeke ukufuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo.—INdumiso 55:22; Filipi 4:6,7.
Khumbula ukuba uYehova akalindelanga sigqibelele; ekuphela kwento ayifunayo kukuba sithembeke kuye. (1 Korinte 4:2) Ukuba uzabalazela ukuthembeka, uya kuyamkela into yokuba akunako ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo.
Ukuba ungayivuyela inkcazelo engakumbi okanye ungathanda ukuba uthile eze ekhayeni lakho ukuze akuqhubele isifundo seBhayibhile sesisa, nceda ubhale, uthumele igama nedilesi ohlala kuyo kule dilesi, AmaNgqina KaYehova, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Kutheni Ndivakalelwa Kukuba Ndifanele Ndenze Izinto Ngendlela Egqibeleleyo?” kwinkupho yethu ka-Agasti 8, 2003.
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Ukoyika ukungakwazi ukwenza into ethile, kunokukubangela uyeke ukuyenza ngokupheleleyo
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ukufunda ukwenza izinto ezintsha kunokukunceda uzamkele iimpazamo zakho