ULUTSHA LUYABUZA
Ngaba Ndingumntu Olindela Ukuba Kungenzeki Nanye Impazamo?
Ngaba
ulindela ukupasa kakhulu kuyo yonke into?
awuzenzi izinto ezintsha kuba usoyika ukungazenzi kakuhle?
xa kukho izinto ekuthiwa awuzenzi kakuhle uye ucinge ukuba kugxekwa ubuntu bakho?
Ukuba kunjalo, loo nto isenokubonisa ukuba ulindele ukuba ungenzi nenye impazamo. Kodwa ngaba loo nto yingxaki?
Yintoni erongo ngokulindela ukuba kungenzeki nanye impazamo?
Akhonto irongo ngokuzimisela xa usenza into. Kodwa incwadi ethi Perfectionism—What’s Bad About Being Too Good? ithi: “Kukho umahluko omkhulu phakathi kokuzama ukwenza izinto kakuhle nasekuzameni ukwenza izinto ngendlela engasoze ifikeleleke negqithiseleyo.”
NeBhayibhile iyayixhasa lento. Ithi: “Akukho mntu ulilungisa emhlabeni ohlala esenza okulungileyo.” (INtshumayeli 7:20) Ngamanye amaxesha, izinto awuzukuzenza kakuhle ngendlela ofuna ngayo kuba unesono.
Ngaba kunzima ukuyamkela loo nto? Ukuba kunjalo, khawujonge iingxaki eziyi-4 ezinokwenzeka ukuba awufuni kwenzeke nenye impazamo.
Indlela ozijonga ngayo. Abantu abalindele ukuba bangenzi nenye impazamo bazilungiselela nje ukuphoxeka, kuba baye bafune ukwenza izinto ngendlela ephezulu kakhulu engasoze ifikeleleke. UAlicia uthi: “Xa sithetha inyani akhomntu unokukwazi ukuzenza kakuhle zonke izinto, ibe ukuba sizijongela phantsi ngenxa yaloo nto siza kuyeka ukuzithemba. Loo nto inokusenza singonwabi.”
Indlela oziva ngayo xa ucetyiswa. Abantu abacinga ukuba bazenza kakuhle zonke izinto abakuthandi ukucetyiswa, kuba baye bacinge ukuba bayagxekwa. Umfana ekuthiwa nguJeremy uthi: “Xa ndilungiswa ndiye ndikhathazeke kakhulu. Ukucinga ukuba zonke izinto uzenza kakuhle kukwenza ungazazi izinto ongakwaziyo ukuzenza, ibe ungalwamkeli noncedo oludingayo.”
Indlela obajonga ngayo abanye. Abantu abacinga ukuba izinto bazenza kakuhle bayakuthanda ukugxeka abanye ibe ayisothusi loo nto. UAnna uthi: “Xa ungalindelanga ukwenza nenye impazamo, nabanye abantu awulindeli ukuba benze iimpazamo. Xa bengazenzi izinto kakuhle, uza kusoloko uziva ingathi bayakuphoxa.”
Indlela abakujonga ngayo abanye. Ukuba ulindele ukuba abanye benze izinto ngendlela engenakufikeleleka, ungothuki xa bekuphepha! Elinye ibhinqa elinguBeth lithi: “Ukuzama ukwenza izinto ngendlela efunwa ngumntu ocinga ukuba zonke izinto uzenza kakuhle kuyadinisa. Akakho umntu ofuna ukuhlala nomntu onjalo!”
Ngaba ikhona indlela ebhetele yokwenza izinto?
IBhayibhile ithi: “Abantu mababone ukuba nibhetyebhetye.” (Filipi 4:5) Abantu ababhetyebhetye baye bafune ukwenza izinto ezifikelelekayo ibe abalindelanga ukuba abanye benze izinto ezingafikelelekiyo.
“Kobu bomi zininzi izinto ezifuna senze izinto esingenakukwazi ukuzifikelela. Ngoko kutheni uzenzela ingxaki ngokungafuni ukwenza nenye iimpazamo kwizinto ozenzayo. Uzongezela umthwalo!”—UNyla.
IBhayibhile ithi: “Uhambe ngokuthobeka noThixo wakho!” (Mika 6:8) Abantu abathobekileyo bayazazi izinto abangakwaziyo ukuzenza. Abazenzi izinto eziza kubaxaka okanye basebenzise ixesha labo elide abangenalo besenza into enye.
“Ukuze ndiqiniseke ukuba zonke izinto ndizenza kakuhle, ndiye ndenze ezimbalwa. Andenzi yonke into le.”—UHailey
IBhayibhile ithi: “Nantoni na okwaziyo ukuyenza ngesandla sakho, yenze ngamandla akho onke.” (INtshumayeli 9:10) Ngoko eyona nto inokunceda umntu azenze kakuhle izinto kukukhuthala. Oko kukhuthala kufanele kuhambisane nezinye iimpawu ezifana nokuthobeka nokuba bhetyebhetye.
“Ndiye ndizame ukuwenza ngamandla am onke umsebenzi endiwenzayo. Ndiyayazi ukuba ngamanye amaxesha ndiza kuzenza iimpazamo, kodwa ndiye ndivuye kuba ndisazi ukuba ndizame ngamandla am onke.”—UJoshua.