Ziza Kuphela Iingxaki Ezithwaxa Amafama
“XA BEBONA imeko yamafama, abanye abantu basenokuba bayazibuza isizathu sokuba aqhubeke nomsebenzi wawo,” utsho uRodney ongowesizukulwana sesithathu ukuba ngumfama kwintsapho yakowabo. Sekunjalo, ehlabathini lonke izigidi zamafama ziyaqhubeka nomsebenzi wazo. Ukwenza lo msebenzi kunokunceda iintsapho ezihlala kumazwe asakhasayo apho kunqongophele imisebenzi ukuba zingalali zingatyanga.
Ngapha koko, abanye abantu abaninzi bavakalelwa kukuba ukuba ngumfama asingomsebenzi nje wokuziphilisa, kodwa ngumsebenzi obalulekileyo. Abantu abaye baqhubeka nalo msebenzi phezu kwazo nje iimbalela, izifo, ukudodobala kwezoqoqosho nezinye iingxaki babonisa ukuba bayawuthanda lo msebenzi yaye amafama anako ukuphumelela. Ngaphambi kokuba sihlolisise isicombululo seengxaki zamafama, makhe sibone indlela ancedwe ngayo amanye amafama.
Indlela Amanye Ahlangabezana Ngayo Neengxaki
Kukho iingxaki angenakukwazi ukuziphepha amafama. Akanakukwazi ukuziphepha iingxaki ezibangelwa yimozulu, ukudodobala kwezoqoqosho nezinye izinto ezininzi. Ingxelo eyapapashwa yiNorth Carolina Cooperative Extension Service ithi: “Isifundo ekufuneka asifunde amafama amaninzi kukuba ukusebenza nzima akusoloko kumenza aphumelele ubani. Indlela afundiswe ngayo amafama isenokungasebenzi ngamany’ amaxesha. Mfama ngamnye unezinto ezingaphaya kwamandla akhe.” Omnye umfama osele ekhulile uchaza into eyamncedayo wahlala onwabile, uthi: “Ndiye ndafunda ukuba kukho izinto ezingaphaya kwamandla am.”
Iqhalo lamandulo lithi: “Olinda umoya akayi kuyihlwayela imbewu; nokhangela amafu akayi kuvuna.” (INtshumayeli 11:4) Ukuba mathidala kunokubangela ukuba uphelelwe ngamandla okwenza izinto. Ukucinga ngezinto ezakhayo kunokukunceda ungazikhathazi ngokungeyomfuneko.
Ukutya ngendlela efanelekileyo, ukuphumla ngokwaneleyo nokwenza umthambo kunokukunceda. IThe Western Producer ithi amafama azigcina esempilweni “enza izigqibo ezilungeleleneyo.” UEugene ongumfama nenkosikazi yakhe uCandace bathi kuVukani!: “Ukuphumla ngokwaneleyo kunokukunceda xa uxinezelekile. Xa uphumle ngokwaneleyo zibonakala zincinane iingxaki yaye kulula nokuzicombulula. Kwakhona, ukutya ngendlela efanelekileyo kunokuba luncedo, ingakumbi ukutya kunye njengentsapho.” Oku kuyavumelana noko kutshiwo yiBhayibhile, ithi: “Wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.”—INtshumayeli 3:13.
Ukuxhasa Intsapho
Omnye umfama wathi kuVukani!: “Kuye kwanyanzeleka ukuba amafama amaninzi afune imisebenzi yengqesho ukuze akwazi ukuxhasa iintsapho zawo. Nangona ezama ukuphucula imeko yawo yezoqoqosho, asenokuphelelwa lulwalamano lwawo oluhle nabanye abantu. Oku kuye kwabangela ukuba zingavisisani ezinye iintsapho zamafama ezazikade zisondelelene.” Zinokuhlangabezana njani nale meko ezi ntsapho?
Kwiminyaka emalunga nama-2 700 eyadlulayo, kwabongozwa iintloko-ntsapho kwathiwa: ‘Lungisani umsebenzi wenu ngaphandle, yaye nizilungiselele entsimini. Nandule ukwakha izindlu zenu.’ (IMizekeliso 24:27) URandy, ubawo onabantwana ongowesizukulwana sesine ukuba ngumfama kwintsapho yakowabo uthi: “Kubalulekile ukubonisa intsapho yakho ukuba uyalixabisa igalelo layo. Lungu ngalinye lifuna inkxaso nothando. Amazwi nezenzo zobubele zibangela ukuba wonk’ ubani azive ebalulekile yaye exabisekile.”
Abantwana bafuna uthando olungakumbi xa kutshintsha iimeko. Intlungu abayivayo emva kokuvalwa kwefama yentsapho ifaniswa naleyo yabantwana abanabazali abaqhawule umtshato okanye nentlungu yeenkedama. Kufuneka abantwana bazi ukuba asingabo ababangele iingxaki yaye kufuneka baqinisekiswe ukuba intsapho iza kuhlala imanyene.
Indlela Abanokunceda Ngayo Abanye
Amafama axinezelekileyo asenokungathandi ukuba phakathi kwabantu, aphephe kwanabahlobo. (IMizekeliso 18:1) Noko ke, xa umntu exinezelekile kokukhona efuna inkxaso!
Ngaba unabahlobo okanye abamelwane abachatshazelwa ziingxaki zamafama? Unokubanceda ngokuba novelwano. URon ongumfama uthi: “Ukwazi ukuba abahlobo bethu bayazi xa sijamelene neengxaki kuyasithuthuzela.” Ewe, batyelele abahlobo bakho uze uphulaphule ngenyameko xa bechaza indlela abavakalelwa ngayo.
Amatyelelo anjalo ayemnceda uJack. Uthi: “Ndikhumbula ukuba abahlobo bam babedla ngokufika baze bandomeleze xa bebona ukuba ndixinezelekile.” Akunyanzelekanga ukuba ube nolwazi oluphangaleleyo ngomsebenzi wamafama ukuze ukwazi ukuwaxhasa. URodney ocatshulwe ekuqaleni uthi: “Ukwazi nje ukuba abahlobo bam bayaqonda ukuba ndenza umsebenzi omninzi kuyandomeleza yaye kubangela ukuba ndizibhokoxe.” Oku kusikhumbuza amazwi eBhayibhile athi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”—IMizekeliso 17:17.
Isicombululo Esiya Kuhlala Sihleli
Iingxaki ezithwaxa amafama zibonisa ukuba abantu abakwazi ukuwuphatha kakuhle umhlaba nezinto ezikuwo. Umprofeti uYeremiya wathi: “Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Ngokucacileyo, abantu bafuna uncedo lukaThixo. Yaye qiniseka ukuba sele kumbovu ukuba lufike olo ncedo.
Ingxelo yeBhayibhile ithi: “Wandula ke uYehova uThixo wamthabatha umntu waza wambeka emyezweni wase-Eden ukuba awulime aze awunyamekele.” (Genesis 2:15) Ewe, nguMdali wethu owayalela ukuba kulinywe! Kwiinkulungwane zeminyaka kamva, uThixo wangenisa abantu bakhe amaSirayeli kwilizwe lamaKanan. Ngokuphathelele elo lizwe, ingxelo ephefumlelweyo ithi: “Lisela amanzi emvula yasemazulwini; lilizwe alinyamekelayo uYehova uThixo wakho. Ahlala ekulo amehlo kaYehova uThixo wakho, ukususela ekuqaleni konyaka kuse ekupheleni konyaka.” (Duteronomi 11:11, 12) Kwakhona uYehova wawanika imithetho eyayiza kuqinisekisa ukuba iLizwe Lesithembiso liyalondolozwa. Ngokomzekelo, kwakufuneka ukuba ngonyaka wesixhenxe, amaSirayeli angalimi kumasimi, kwisidiliya nakwigcume lomnquma wawo. (Eksodus 23:10, 11) Oku kwakusenza ukuba umhlaba uhlale uchumile.
Sinokuqiniseka ukuba kwixa elizayo, phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo—urhulumente olawulwa nguYesu Kristu—umhlaba uya kuchuma ngendlela engenakuthelekiswa. (Isaya 35:1-7) Ngoxa wayesemhlabeni, umLawuli onyuliweyo wobu Bukumkani, uYesu Kristu wabonisa ukuba unako ukulawula amandla emvelo achaphazela ezolimo. (Marko 4:37-41) INdumiso 72 isixelela ukuba ziya kuba njani iimeko xa sele esebenzisa loo mandla ukuze alungise umonakalo emhlabeni nakwizinto eziphila kuwo. Isiqinisekisa ngelithi: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma. Isiqhamo sakhe siya kuba njengaseLebhanon, nabo baphuma esixekweni baya kutyatyamba njengotyani bomhlaba.” (INdumiso 72:16) Kwihlabathi elitsha elithenjisiweyo, abantu bakaThixo baya kufumana intabalala yesivuno ngendlela engaqhelekanga yaye abavuni baya kuzaliswa luvuyo olungathethekiyo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
“Isifundo ekufuneka asifunde amafama amaninzi kukuba ukusebenza nzima akusoloko kumenza aphumelele ubani”
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Ukuxhasa amalungu entsapho nokuwanyamekela ngokomoya kunokuwanceda akwazi ukuhlangabezana neengxaki
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ngaphantsi kolawulo lukaThixo, umhlaba uya kuvelisa intabalala yokutya
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 9]
Garo Nalbandian