‘Ndinomsebenzi Omninzi!’
ABAPHAKAMISI beentsimbi kwimidlalo yeeOlimpiki abazenzeli usukelo lokuphakamisa iintsimbi ezingakumbi suku ngalunye. Basebenzisa iintsimbi ezincinane rhoqo xa bezilolonga ukuze bakwazi ukuba namandla okuphakamisa iintsimbi ezinzima. Xa benokuphakamisa iintsimbi ezinzima gqitha, banokwenzakala kuze kufuneke bayeke ukuphakamisa iintsimbi.
Ngokufanayo, kusenokwenzeka ukuba nawe uyazibhokoxa esikolweni. Yaye xa ufumana umsebenzi onzima okanye ulungiselela iimviwo, ufuna ukuzibhokoxa nangakumbi.a Kodwa kuthekani ukuba uchitha ixesha lakho elininzi suku ngalunye usenza umsebenzi wesikolo? Usenokufumanisa kunzima ukutya kakuhle okanye ukulala ngokwaneleyo. Usenokude ugule ngenxa yokusoloko uxinezelekile. Mhlawumbi uvakalelwa ngolo hlobo kanye ngoku.b
Umsebenzi Wesikolo Ongapheliyo
Umfundi waseJapan oneminyaka eli-15 ubudala, ogama linguHirokoc uthi: “Njengoko ndisiya kumabanga aphezulu, umsebenzi wam wesikolo uyanda yaye uba nzima nangakumbi. Ndiwugqiba kade. Zininzi ezinye izinto endifuna ukuzenza, kodwa lo msebenzi wesikolo uyafunwa ngomso. Maxa wambi oku kundenza ndingonwabi.” USvetlana waseRashiya oneminyaka eli-14 ubudala, uthi xa ethetha ngomsebenzi wakhe wesikolo owenzelwa ekhaya: “Kunzima ngoku ukuwugqiba umsebenzi wam wesikolo owenzelwa ekhaya. Nyaka ngamnye izifundo ziyongezeleleka yaye ootitshala basinika umsebenzi omninzi. Ngaphezu koko, titshala ngamnye ugqala isifundo sakhe njengesibalulekileyo kunezinye. Kunzima gqitha ukunikel’ ingqalelo kuzo zonke.”
Kutheni abafundi benikwa umsebenzi wesikolo omninzi kangaka? UGilberto waseBrazil oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Ootitshala bathi basixhobisela impangelo.” Enoba kunjalo, usenokuziva uxinezeleke kakhulu ngumsebenzi omninzi onawo. Mhlawumbi unokunciphisa uxinezeleko ngokutshintsha imbono yakho ngomsebenzi wesikolo uze wenze utshintsho olufanelekileyo ukuze ulungelelane.
Umsebenzi wesikolo ongakumbi wujonge njengoya kukunceda uphumelele xa sele umdala. Nangona kusenokubonakala ngathi umsebenzi wesikolo awusokuze uphele, uza kugqiba esikolweni kungekudala. Xa sele uqalise ukuphangela, uya kuvuya kuba umsebenzi onzima wesikolo wawenza wawugqiba. Uya ‘kubona okulungileyo ngenxa yokusebenza kwakho nzima’ esikolweni.—INtshumayeli 2:24.
Unokulunciphisa uxinezeleko xa unocwangco yaye ulungelelene. (Funda ibhokisi ethi “Iindlela Zokunciphisa Uxinezeleko.”) Xa uziqhelisa ukwenza umsebenzi wesikolo kwangethuba yaye uwenze kakuhle, ootitshala baza kukuthemba baze bafune ukukunceda. Masithi omnye wootitshala bakho uyakuthemba. Ukuba kuvela into obungayilindelanga uze umxelele utitshala ukuba akukwazanga kuwugqiba kwangethuba umsebenzi wesikolo, ucinga ukuba ebengayi kukwenzela umnyinyiva? Omnye wabakhonzi bakaThixo ogama linguDaniyeli ‘wayethembekile,’ yaye ‘akuzange kufunyanwe ukunganyaniseki nokungakhathali kuye.’ UDaniyeli wanconywa ngukumkani yaye wayemthembile kuba wayekhuthele. (Daniyeli 6:4) Ukuba uxelisa uDaniyeli xa usenza umsebenzi wakho wesikolo, ootitshala bakho baya kubonisa ulwazelelelo xa unengxaki.
Ngaba xa unikela ingqalelo eklasini, usenza umsebenzi wakho wesikolo owenzelwa ekhaya yaye uwugqiba kwangethuba kuya kuphela tu ukuxinezeleka esikolweni? Akunjalo, kodwa mhlawumbi uya kuxinezeleka kuba nje unomnqweno wokuphumelela esikolweni. Kunokuba ufune ukuyeka isikolo, unokukhuthala uze ungenelwe nangakumbi eklasini.
Kuhle ukuvakalelwa ngaloo ndlela. Kodwa ke, usenokuba noxinezeleko oluyingozi nolungeyomfuneko.
Ukuxakekiswa Zizinto Ezenziwa Ukuphuma Kwesikolo
Yiba nomfanekiso-ngqondweni womntu othanda ukundlandlathekisa imoto yakhe. Uqhuba ngesantya esiphezulu naxa sele esondele kwindawo afanele amise kuyo, xa emisa kutshitshiliz’ amavili. Xa esuka apho, unyathel’ amafutha aze ayiphaphathekise loo moto. Yintoni eza kwenzeka emotweni yalo mqhubi? Iya kwaphukelwa yinjini nazezinye izinto. Nangaphambi kokuba yaphuke loo moto usenokubandakanyeka kwingozi emanyumnyezi.
Ngokufanayo, abafundi abaninzi bazilahla nofele eklasini nakwezinye izinto ezenziwa ukuphuma kwesikolo. Kwincwadi yakhe ethi Doing School, uDenise Clark Pope wabhala oku kulandelayo ngabafundi abaliqela awadibana nabo: “Babevuka ekuseni kakhulu, iyure okanye iiyure ezimbini ngaphambi kokuba abantu abaninzi abadala baqalise ukusebenza, baze balale ebusuku kakhulu, emva kokudlala ibhola, ukudanisa, ukuya kwiintlanganiso zabafundi, ukwenza umsebenzi wesingxungxo nomsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya.”
Ukuba abafundi basoloko bexakeke gqitha yonke imihla, banokuzifaka engxakini. Ngenxa yokuxinezeleka kakhulu, basenokulunywa sisisu baphathwe nayintloko. Xa bedinwe ngokugqithiseleyo, kulula ukuba bagule. Emva koko banokuphelelwa ngamandla yaye kusenokuba nzima ukuphinda babe namandla ebebenawo. Ngaba nawe uye wehlelwa yinto efanayo?
Akukho nto iphosakeleyo ngokuzibhokoxa xa ufuna ukufikelela usukelo oluthile, kodwa enoba womelele kangakanani na, akumele usebenzele ukuzibulala. IBhayibhile inikela eli cebiso: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” (Filipi 4:5) Ibinzana elithi “nengqiqo” lineentsingiselo ezimbini, lithetha “ukungazibaxi izinto” nokuba “nengqondo elungeleleneyo.” Umntu onengqiqo wenza izigqibo ezingayi kumfaka engxakini okanye ezingayi kubangela ingxaki kwabanye. Loo nto ibonakalisa ukuba uqolile, nto leyo ebaluleke kakhulu kweli hlabathi lingazinzanga. Ngoko, ukuze uhlale usempilweni, yiba nengqiqo—zibekele ecaleni ezinye zezinto ezingabalulekanga obuceba ukuzenza.
Ukusukelana Nobutyebi
Abanye abantu abaselula bavakalelwa kukuba, ukuba nengqiqo kuyabaphazamisa ekufikeleleni usukelo lwabo. Abafundi abanjalo bakholelwa ukuba, ukuze uphumelele kufuneka ufumane umsebenzi ohlawula izityhwentywe zemali, nonokukubangela ufumane nobunye ubunewunewu. UPope wafumanisa ukuba abantu abaninzi abaselula awathetha nabo bacinga ngaloo ndlela. Uthi: “Aba bafundi bayakunqwenela ukufumana ixesha elingakumbi lokulala ukuze babe sempilweni kodwa abanakukwazi kuba bexakeke gqitha, ekubeni kufuneka benze umsebenzi wesikolo, bachithe ixesha neentsapho zabo, baphumeze nezinye iimbopheleleko. Bayabawela nokuchitha ixesha elingakumbi nabahlobo babo, benze ezinye izinto, okanye bafumane ithuba lokuphumla, kodwa abaninzi bavakalelwa kukuba xa benokwenza ezo zinto, abasayi kuqhuba kakuhle esikolweni. Bayaqonda ukuba kufuneka benze ukhetho, yaye bathi eyona nto ibalulekileyo asikokuba bonwabe ngoku kodwa kukuzilungiselela ikamva eliqaqambileyo.”
Abo bafundi bazindlandlathekisayo bafanele bacinge ngamazwi awathethwa yenye indoda esisilumko athi: “Kuba koba nayiphi na ingenelo ngomntu ukuzuza ihlabathi liphela kodwa aphulukane nomphefumlo wakhe? Okanye anganikela ngantoni na umntu esikhundleni somphefumlo wakhe?” (Mateyu 16:26) Ngaloo mazwi, uYesu Kristu wayebonisa ukuba ukuzibhokoxa kusukelo lwehlabathi kunokuba yingozi kuba kunokusikhoboza yaye kunokusenza siphulukane nolwalamano lwethu noThixo.
Kwincwadi yakhe ethi The Price of Privilege, ugqirha wengqondo, uMadeline Levine uthi, “imali, imfundo, igunya, udumo nezinto eziphathekayo aziloncedo xa ungonwabanga okanye udandathekile.” UPope, ocatshulwe ngaphambilana, uthi: “Abantwana abaninzi nabazali bayazibhokoxa kuba befuna ukwenza izinto ngendlela egqibeleleyo—besithi oko kuyimfuneko ukuze baphumelele.” Wongezelela esithi: “Eyona nto sifanele sixakeke kuyo kukuphila—engqondweni, emzimbeni nangokomoya.”
Ezinye izinto zibaluleke ngaphezu kwemali. Ezinye zazo kukuba sempilweni, ukuba nesazela esicocekileyo nolwalamano noMdali wethu. Ezi zizipho ezixabisekileyo ezivela kuThixo. Ukuba uye waphulukana nazo kuba uye wazixakekisa ngenxa yokufuna udumo nobutyebi, usenokungaze uphinde uzifumane. Cingisisa ngala mazwi athethwa nguYesu: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, kuba ubukumkani bamazulu bobabo.”—Mateyu 5:3.
Abantu abaninzi abaselula baye baphawula ukuba le yinyaniso engenakuphikiswa. Nangona besenza konke okusemandleni ukuze baphumelele esikolweni, bayazi ukuba ulonwabo lukanaphakade alufumaneki ngokuba ngumfundi onkqenkqeza phambili esikolweni nokuba sisityebi. Bayaqonda ukuba ukuzixakekisa ngokusukelana nezo zinto kubangela uxinezeleko olungeyomfuneko. Abo bafundi baye bafumanisa ukuba eyona nto inokubenza babe nekamva eliqaqambileyo nenokubonwabisa, kukwanelisa “intswelo yabo yokomoya.” Abapapashi beli phephancwadi okanye amaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo aya kukuvuyela ukukubonisa indlela onokonwaba ngayo njengoko usanelisa intswelo yakho yokomoya.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufunde ngabantwana abangaqhubi kakuhle esikolweni, funda inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ngaba Bendimele Ukuba Ndiqhuba Kakuhle Ngakumbi Esikolweni?” kuVukani! ka-Aprili 8, 1998, iphepha 18-20.
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngalo mbandela, funda inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ndinokwenza Ntoni Ngomsebenzi Wesikolo Owenzelwa Ekhaya Omninzi Kangaka?” kuVukani! ka-Aprili 8, 1993, kwiphepha 12-14.
c Amanye amagama atshintshiwe.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
Enoba womelele kangakanani na, akumele usebenzele ukuzibulala
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
Eyona mfundo isemagqabini kukufunda ngoMdali wakho
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 5]
IINDLELA ZOKUNCIPHISA UXINEZELEKO
❑ Ngaba uchitha ixesha elininzi ulungelelanisa inqwaba yamaphepha neencwadi, kuba ukhangela into ethile? Abanye abantu kuye kufuneke bancediswe ukuze babe nocwangco. Ungabi nantloni zokucela amacebiso kwabanye.
❑ Ngaba izinto uzibekel’ amangomso? Zama ukugqiba umsebenzi wakho wesikolo ngaphambi kwexesha olibekelweyo. Uya kuziva wanelisekile yaye oko kuya kukwenza uyeke ukuwubekel’ amangomso umsebenzi wakho wesikolo.
❑ Ngaba ingqondo yakho iyathanda ukubhadula xa useklasini? Khawuzame oku isithuba esingangenyanga: Phulaphula ngenyameko eklasini, ubhale amanqaku uze uwasebenzise xa uzifundela. Akunakuyikholelwa indlela oya kuba lula ngayo umsebenzi wakho wesikolo owenzelwa ekhaya. Oko kuya kulunciphisa uxinezeleko esikolweni.
❑ Ngaba ukhethe izifundo eziya kukunceda ukuba ukhawuleze ugqibe esikolweni kodwa ezifuna ukuba uchithe ixesha elininzi yaye uzibhokoxe? Ngaba kubalulekile ukuba uzenze? Khawuthethe nabazali bakho. Cela icebiso komnye umntu onembono elungeleleneyo ngemfundo. Mhlawumbi uya kufumanisa ukuba ezo zifundo aziyi kukunceda nganto ukuze uphumelele esikolweni.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
UDONGA OLUKHUSELAYO LWENKOHLISO
“Izinto zexabiso zesityebi ziyidolophu yaso eyomeleleyo, yaye zinjengodonga olukhuselayo kwingcamango yaso.” (IMizekeliso 18:11) Mandulo, kwakusakhiwa iindonga eziphakamileyo ukuze abantu bakhuseleke kubahlaseli. Kodwa khawube nomfanekiso-ngqondweni wakho uhlala kwisixeko esingenalo olo donga kodwa wena uzixelele ukuba lukho. Enoba wena ungazikhohlisa kangakanani na, loo nto ayinakukubangela ukuba ukhuseleke.
Ngokufanayo nabantu abahlala kwindawo engakhuselekanga, abantu abaselula abasukela ubutyebi bayaphoxeka. Ngaba ungumzali? Nceda umntwana wakho aphephe umgibe wokuthanda izinto eziphathekayo onokumkhokelela ekubeni ahlale kwisixeko azikhohlisa ngelithi sinodonga kodwa sibe singenalo.
Ezi ndinyana zilandelayo zeBhayibhile zinokukunceda uqiqe nonyana okanye intombi yakho:
◼ Ubutyebi budla ngokuba ngunozala weengxaki kunokuba bube luncedo. “Indyebo yesityebi ayisivumeli ukuba silale.”—INtshumayeli 5:12; 1 Timoti 6:9, 10.
◼ Xa umntu eceba izinto zakhe kakuhle, uyonwaba enoba akasosityebi. “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.”—IMizekeliso 21:5; Luka 14:28.
◼ Umvuzo owanele ukuba umntu akwazi ukuzixhasa ubangela ulwaneliseko. “Musa ukundinika ubuhlwempu okanye ubutyebi.”—IMizekeliso 30:8.d
[Umbhalo osemazantsi]
d Inkcazelo engakumbi ngokuphathelele umgibe wokuthanda izinto eziphathekayo, ifumaneka kuVukani! ka-Aprili 8, 2003, iphepha 18-19.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Ukuzama ukwenza izinto ezininzi gqitha kunokukwenza ungalufikeleli usukelo lwakho
[Umfanekiso okwiphepha 7]
MUSA ukuwujonga njengoxanduva umsebenzi wakho wesikolo owenzelwa ekhaya, kunoko wujonge njengoqeqesho oluya kukunceda xa sele uphangela