ULUTSHA LUYABUZA
Ndingawugqiba Njani Umsebenzi Wam Wesikolo?
“Kuyadinisa ukuvuka ngo-1:00 ebusuku ukuze ndenze umsebenzi wam wesikolo. Into endicinga ngayo ngelo xesha kukulala.”—UDavid.
“Ngamanye amaxesha ndandihlala kude kubethe u-4:30 ebusuku ndifunda, kube kufuneka ndivuke ngo-6:00 ekuseni ndiye esikolweni. Ndandingayithandi tuu lonto yokuba ndingalali!”—UTheresa.
Ngaba mninzi kakhulu umsebenzi wakho wesikolo? Ukuba uthi ewe, eli nqaku liza kukunceda ukwazi ukuwenza kakuhle.
Kutheni otitshala bekunika umsebenzi wesikolo wasekhaya?
Phakathi kwezinye izinto umsebenzi wesikolo wasekhaya ungakunceda . . .
Wandise ulwazi lwakho
Ukwazi ukuthenjwa
Ukwazi ukulisebenzisa kakuhle ixesha lakho
Ukwazi ukukhumbula izinto ebezifundiswa eklasinia
“Ootitshala baye banike abantwana besikolo umsebenzi wasekhaya ukuze baqiniseke ukuba izinto abazifundileyo bayazikhumbula.”—UMarie.
Imaths nesayensi zinokukunceda uqhelane nokulungisa iingxaki. Ibe ingcali zithi, lento inceda ingqondo yakho yakhe iseli ezintsha ezikunceda ukwazi ukucingisisa. Ngoko ukwenza umsebenzi wasekhaya owufumene esikolweni kuqeqesha ingqondo yakho!
Umsebenzi wasekhaya owunikwa esikolweni yinto ekunyanzelekileyo ukuba uyenze noba uyayiqonda indlela ekunceda ngayo okanye awuyiqondi. Into evuyisayo kukuba: Nangona ungenakukwazi ukulawula ukuba unikwa umsebenzi ongakanani, ukuba ufika ekhaya uwenze ungakwazi ukuwugqiba ungasebenzanga ixesha lininzi. Khawujonge ukuba unokuyenza njani loo nto.
Amacebiso okufunda
Ukuba kunzima kuwe ukuwenza umsebenzi wasekhaya owufumene esikolweni, khawuzame ukucinga ngendlela onokuwenza ngayo ukuze ungasebenzi nzima kangako. Zama ezi zinto zilandelayo.
Icebiso lokufunda 1: Ceba kakuhle. IBhayibhile ithi: “Amacebo omntu okhutheleyo aza kumenza aphumelele ngokuqinisekileyo.” (IMizekeliso 21:5) Khawuzame ukuqoqosha zonke izinto oza kuzisebenzisa xa ufunda ukuze kunganyanzeleki ukuba uphakame xa sele uqalile ukufunda.
Enye into, khetha indawo ongazukuphazamiseka kuyo. Abanye bayakwazi ukusebenzisa indawo ezisezindlini zabo ekuthulekileyo kuzo nezikhanyayo. Kanti abanye basebenzisa indawo ezingekho kwikhaya labo, njengelayibrari.
“Ukusebenzisa ikhalenda okanye incwadi apho uzobhala imisebenzi yesikolo nokuba ifuneka nini, kuza kukunceda ukwazi ukulisebenzisa kakuhle ixesha lakho. Xa ujonga le ncwadi okanye lekhalenda, uye ubone ukuba imisebenzi ethile ifuneka nini uze ungabinastres kakhulu.”—URichard.
Icebiso lokufunda 2: Wulungise kakuhle umsebenzi wakho. IBhayibhile ithi: ‘Zonke izinto mazenzeke ngocwangco.’ (1 Korinte 14:40) Ukuze ukwazi ukulisebenzisa eli cebiso, qala ugqibe ukuba zeziphi izinto ekufuneka uzenze nokuba uza kuqala ngeyiphi, ulandelise ngeyiphi.
Abanye bayakuthanda ukuqala ngokwenza imisebenzi yesikolo enzima. Kanti abanye bathanda ukuqala ngelula ukuze bakwazi ukuba semandleni okwenza naleyo inzima. Zikhethele ngokwakho eyona nto inokukusebenzela.
“Kuyanceda ukuzibhala phantsi izinto ekufuneka uzenze nokuba uza kuqala ngeyiphi ugqibelise ngeyiphi. Ngolo hlobo awuzukubanastres kangako ibe uzotsho ukwazi ukuyenza imisebenzi yakho yesikolo ngokulandelelana kwayo.”—UHeidi.
Icebiso lokufunda 3: Qalisa ukwenza umsebenzi. IBhayibhile ithi: “Khuthalani, ningabi ngamavila.” (Roma 12:11) Ungavumeli ezinye izinto zikutyele ixesha lokwenza umsebenzi wakho wesikolo, nokuba uzithanda kangakanani.
Abantu abathanda ukulibazisa badla ngokungawugqibi ngexesha umsebenzi wesikolo—okanye bawenze sele bengxamile de bangawenzi kakuhle. Into enokukunceda ungabinaxhala uze ukhathazeke kukuwenza umsebenzi wesikolo xa usando kuwufumana.
“Xa ndandikhawuleza ndiwenze umsebenzi wam wesikolo ndisasandokuphuma esikolweni okanye ndikhawuleze ndiyiqalise iprojekti ndisandoyifumana, loo nto yayindinceda ndingabinaxhala ize ingandityeli ixesha lezinye izinto.”—USerina.
ICEBISO: Yonke imihla yiba nexesha elifanayo lokwenza umsebenzi wesikolo. Loo nto iza kunceda ukwazi ukuzibamba uze ungatshintshatshintshi kwindlela ozenza ngayo izinto.
Icebiso lokufunda 4: Ungaphazamiseki. IBhayibhile ithi: “Amehlo akho mawajonge ngqo phambili.” (IMizekeliso 4:25) Ukuze ukwazi ukusebenzisa eli cebiso, xa ufunda zama ukuphepha izinto ezinokuphazamisa ezifana nezinto ze-elektroniki.
Ukujonga izinto kwi-intanethi nokubhalelana nabantu kunokongeza ixesha olichithayo kumsebenzi wakho wesikolo. Kodwa ukuba awuphazamiseki, awuzukubanastres kangako ibe uza kubanexesha lokuphumla elininzi.
“Kunzima ukungaphazamiseki njengokuba kukho ifowuni, ikhompyutha, iTV nemidlalo edlalwa kwiTV nakwikhompyutha. Eyona nto indincedayo kukuzicima.”—UJoel.
Icebiso lokufunda 5: Cinga kakuhle ngezinto. IBhayibhile ithi: “Bonke abantu mababone ukuba niyayekelela.” (Filipi 4:5, umbhalo osemazantsi) Xa uziva udiniwe ngumsebenzi wesikolo, khawukhe uzame ukuphumla. Mhlawumbi ungakhe uhambe uthi chuu, ukhwele ibhayisekile yakho okanye ubaleke.
Ukuba usaziva ngathi mninzi kakhulu umsebenzi wakho wesikolo, thetha nootitshala bakho. Ukuba bayakubona ukuba uzimisele ekwenzeni umsebenzi wesikolo, basenokwenza utshintsho.
“Ungavumeli umsebenzi wesikolo ukwenze ungonwabi uze ubenestres. Zimisele xa uwenza. Ezinye izinto azimelanga ziyitshintshe indlela oziva ngayo, ibe umsebenzi wesikolo yenye yezo zinto.”—UJulia.
Imibuzo ongazibuza yona:
Zeziphi izinto endiza kuzidinga xa ndisenza umsebenzi wam wesikolo?
Leliphi elona xesha endinokuwenza ngalo umsebenzi wam wesikolo?
Kuphi apho ndingazukuphazamiseka khona?
Ndingakuphepha njani ukuzibekela amangomso izinto?
Zintoni ezinokundilibazisa?
Ndingaziphepha njani izinto ezinokundilibazisa—njengeze-elektroniki okanye ezinye?
Ndingaqiniseka njani ukuba ndiwenza kakuhle umsebenzi wam wesikolo, ndingabinaxhala nestres kakhulu?
INTO EBALULEKILEYO OMELE UYIKHUMBULE: Qiniseka ukuba uyayazi into efunekayo kumsebenzi wakho wesikolo. Ukuba unemibuzo, buza utitshala ngaphambi kokuba uphume eklasini.
a Ezi zinto zithathwe kwincwadi ethi School Power, ebhalwe nguJeanne Schumm.