Ukuqonda Ingxaki Enzulu Yokungalali Ngokwaneleyo
MAXA WAMBI kubakho iimpawu ezithile ezibonisa ukuba umntu unengxaki enzulu yokungalali ngokwaneleyo. Ukuphuthelwa okudla ngokuthabatha isithuba esingaphezu kwenyanga kudla ngokubangelwa ziingxaki ezinzulu, kuquka udandatheko. Ukuphuthelwa kusenokuba luphawu lokuba umntu unesigulo esithile esinzulu.
Ukungakwazi Ukuphefumla Xa Ulele
UMario wayehlala esozela emini. Xa eqhuba inqwelo-mafutha ehamba nentsapho yakhe kwakufuneka inkosikazi yakhe imgade ngalo lonke ixesha, kuba zazikhe zimke iingqondo kuye okwexeshana yaye wayeye angakukhumbuli oko. Busuku ngabunye wayerhona ngamandla yaye maxa wambi wayeye axhume avuke ezama ukuphefumla.a
UMario wayeneempawu zokuvaleka angakwazi ukuphefumla xa elele. Oku kuvaleka kunokuqhubeka kangangemizuzwana elishumi, imizuzu emibini ukusa kwemithathu. Umntu onale ngxaki udla ngokumana ebhuqabhuqeka ukuze afumane umoya buphinde buhle ubuthongo kwakhona yaye le nto yenzeka izihlandlo ezingamakhulu busuku ngabunye. Iintlobo zale ngxaki zintathu.
I-“central apnea” yenzeka xa ingqondo isilela ukukhupha umyalelo wokuphefumla rhoqo. I-“obstructive apnea” kuxa uqhoqhoqho uvaleka uze umoya ungangeni. I-“mixed apnea” kuxa umntu enazo zombini ezi ngxaki yaye olu hlobo lulona luqhelekileyo. Umntu onayo nayiphi na kwezi ngxaki unokugqibela ngokufana nje nomntu ongalaliyo ebusuku!
Abantu abanengxaki yokuvaleka xa belele banokusoloko besesichengeni seengozi, kuba zinokusuka zimke iingqondo ngoxa besebenza okanye beqhuba inqwelo-mafutha. Banokuphathwa yi-high blood pressure, intliziyo yabo ibe nkulu, babe sesichengeni sokuba ne-stroke okanye isifo sentliziyo. UGqr. William Dement waseStanford University uthelekelela ukuba minyaka le, abantu baseMerika abangama-38 000 babulawa sisifo sentliziyo esibangelwa kukuvaleka xa belele baze bangakwazi ukuphefumla.
Ngoxa le ngxaki idla ngokuhlasela amadoda aneminyaka engaphezu kwama-40 ubudala atyebe ngokugqithiseleyo, nabantwana inokubahlasela. Ziliqela iindlela zokunyanga esi sifo—zonke ezi ndlela zonyango zifanele zenziwe phantsi kweliso lengcali yezonyango. Eyona ndlela iluncedo kakhulu yokunyanga i-obstructive apnea nengafuni tyando, kukusebenzisa isixhobo esenza ukuba uqhoqhoqho uhlale uvulekile. Ebusuku, umguli ufaka i-mask empumlweni, afake ne-pressure regulator (ugqirha ayenzele ukuba ilungele loo mntu uza kuyisebenzisa) ukuze ikhuphe umlinganiselo womoya ofunekayo ukwenzela ukuba umguli angavaleki. Xa le meko ingalungi, kukho iintlobo zotyando eziliqela ezinokwenziwa, kuquka ukusetyenziswa kwe-laser okanye i-radio-frequency waves, ukuze kuphungulwe izicwili ezisemqaleni.
I-narcolepsy
Esinye isifo esifuna ukunyangwa yi-narcolepsy—ingxaki eba kwimithambo-luvo ebangela umntu ozele ilanga lihlab’ umhlaba. Ngokomzekelo, uBuck wayehlala esozela. Wayesuka alale nje nokuba uphakathi kwiintlanganiso ezibalulekileyo. Wayesoloko ephethe izitshixo ukuze xa efikelwa bubuthongo avuswe kukuwa kwazo. Emva koko waba ne-cataplexy—eyayimbangela ukuba asuke atyhafe amadolo aze awe ukuba nje ukhe wanemincili. Wathi esajonge leyo waba ne-sleep paralysis yaye maxa wambi wayesiba nemibono ngaphambi nje kokuba alale.
I-narcolepsy idla ngokuqalisa xa umntu ephakathi kweminyaka eli-10 nengama-30 ubudala. Maxa wambi abantu abanesi sifo basuka benze izinto abangazimiselanga ukuzenza, babonakale besenza izinto eziqhelekileyo kodwa bengekho zingqondweni. Ingozi yesi sifo kukuba umntu uhlala iminyaka engaqondwa ukuba unaso, asuke agqalwe njengevila, njengomntu onengqondo ecothayo okanye onezimbo. Okwangoku sigqalwa njengesifo esingenakunyangeka, kodwa iingxaki esizibangelayo zinokunyangwa ngamayeza nangokwenza uhlengahlengiso kwindlela umntu aphila ngayo—yaye imiphumo yoku inokwahluka kubantu ngabantu.b
Ezinye Izifo Ezibangela Ukuphuthelwa
Ezinye izifo ezibini, maxa wambi ezidla ngokuphatha umntu ngaxeshanye, ziqoba amalungu yaye zibangela ukuba umntu aphuthelwe. Esinye sazo kukungcangcazela kwamalungu omzimba ngoxa umntu elele, kushukume imilenze maxa wambi neengalo. Khawucinge ngoMichael. Xa wayexilongwa kwaphawulwa ukuba wayemana ephaphama izihlandlo ezingama-350 busuku ngabunye ngenxa yokungcangcazela kwemilenze yakhe!
Esinye isifo kukungcangcazela kwemilenze,c kuye kushukume izihlunu zomlenze nedolo yaye ke abunakuhla ubuthongo kumntu onale ngxaki. Ngoxa le ngxaki idla ngokunxulunyaniswa nokungalolongi umzimba okanye ingxaki ethile ekujikelezeni kwegazi emzimbeni, kubonakala ngathi kwezinye iimeko le ngxaki ibangelwa yi-caffeine. Kuthiwa notywala budla ngokuyenza mandundu le meko.
Enye ingxaki kukutshixizisa amazinyo xa ulele. Ukuba oku kungumkhwa, amazinyo anokudleka aze umntu abe nengxaki yemihlathi kuze oko kumbangele ukuba aphuthelwe. Kuxhomekeka kubunzulu bale ngxaki, umntu unokunyangwa ngokwenziwa utyando emlonyeni okanye anikwe isixhobo sokufaka emlonyeni xa elele ukuze akhusele amazinyo.
Ukuxubusha ngezimbalwa kwezi zifo zininzi zingunozala wokuphuthelwa kusenze sabona ukuba ukungazikhathaleli kunokuba yingozi. Kusenokufuneka unyango nje olulula okanye iindlela zonyango ezinobugocigoci, kodwa kubalulekile ukuba umntu alufumane unyango. Ukuba wena okanye umntu omthandayo unengxaki yokuphuthelwa okanye uneempawu zokungalali ngokwaneleyo, kunokuba bubulumko ukuba ufumane uncedo ngokukhawuleza. Kwanokuba ayinakunyangeka iphele tu le ngxaki, unyango lunokuzinciphisa kakhulu iingozi zayo kuze kube lula ukuyinyamezela le meko. Kwixa elizayo, xa kuzaliseka izithembiso zeBhayibhile, “akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” Izigulo ziya kupheliswa zonke njengoko uThixo esenza ‘zonke izinto zibe ntsha.’—Isaya 33:24; ISityhilelo 21:3-5.
[Imibhalo esemazantsi]
a Abantu abarhona ngamandla ngamathub’ athile baze bavaleke bangakwazi ukuphefumla abamele babhidaniswe nabantu abarhona ngendlela eqhelekileyo xa belele—abaye baphazamise nje abanye abantu abalele nabo egumbini.
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi nge-narcolepsy, bona uVukani! wesiNgesi ka-Aprili 8, 1991, iphepha 19-21.
c Ukuze ufumane inkcazelo eyongezelelekileyo ngesi sifo, bona inkupho kaVukani! wesiNgesi kaNovemba 22, 2000.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Umntu onengxaki yokuphuthelwa ufanele anyangwe ngugqirha
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ukurhona kunokuba ngumqondiso wokuba umntu uyavaleka xa elele, umoya ungangeni
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Umntu one-“narcolepsy” kudla ngokucingwa ukuba uphethwe nje bubuvila
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Izixhobo ezingenisa umoya zinokuyinciphisa ingxaki yokuvaleka xa ulele