Kutheni Bebaninzi Kangaka Nje Abantu Abanehay Fever?
Ngumbhali kaVukani! eSpeyin
AMEHLO akho ayarhawuzela yaye uyantywizisa, uthimla into engapheliyo, iimpumlo ziyavuza ibe kunzima nokuphefumla. Konakele phi? Mhlawumbi unomkhuhlane. Kodwa ukuba oku kwenzeka xa ukufuphi nepollen kusenokwenzeka ukuba unehay fever. Ukuba kunjalo, akuwedwa baninzi abantu abanale ngxaki. Liya lisanda minyaka le inani labantu ababa nehay fever.
“Ihay fever yindlela osabela ngayo umzimba wethu kwizinto ovakalelwa ukuba ziyingozi,” itsho njalo ingxelo yephephancwadi iMujer de Hoy. “Inkqubo yomzimba yokuzikhusela yomntu onezinto angadibaniyo nazo ikhaba zonke izinto ezaliwa ngumzimba—kuquka ipollen yeentyatyambo—nangona ingeyongozi ngokwenene.” Yaye xa inkqubo yomzimba yokuzikhusela isabela ngokukhawuleza kangaka, ibangela ezi zinto ziphazamisayo zikhankanywe ekuqaleni.
Ngowe-1819, ugqirha oliNgesi uJohn Bostock wanikela ingcaciso ngehay fever. Waba ngowokuqala ukwenjenjalo. UBostock wachaza iinkcukacha zezinto ezazimphatha kakubi xa enehay fever. Wayekholelwa ukuba ezo zinto zazibangelwa yihay, esandul’ ukuchetywa, ngoko ke, kwathiwa yihay fever. Kamva kwafunyaniswa ukuba oku kuhlasimla komzimba kubangelwa ziintlobo ezahlukahlukeneyo zepollen. Ekuqaleni kwenkulungwane ye-19, uBostock wafumana abantu abambalwa abanayo kulo lonke elo laseNgilani.
Noko ke, kutheni bebaninzi kangaka nje abantu abanehay-fever namhlanje? UGqr. Javier Subiza, ongumalathisi kwiCenter for Asthma and Allergies eMadrid, eSpeyin, uchaza iingcamango ezimbini ekuphandwa ngazo ziingcali zophando. Kwenye kutyholwa iinjini ezisebenzisa idizili. Kucingelwa ukuba igesi ezithile ezibangelwa kukutsha kwedizili zinokubangela izinto ezaliwa ngumzimba. Ngokutsho kwengcali yezinto ezaliwa ngumzimba uGqr. Juan Kothny Pommer, “kumazwe ahambele phambili kwezoqoqosho ihay fever ihlasela abantu abafikelela kuma-20 ekhulwini yaye ixhaphake ezixekweni.”
Ingcamango yesibini yeyokuba oku kubangelwa kukucoceka ngokugqithiseleyo. ‘Sizalelwa kwigumbi elingenazo iintsholongwane esibhedlele, sitya ukutya okungenazintsholongwane, sigonyelwa izifo ezininzi, yaye sikhawuleza sidle amayeza okubulala iintsholongwane xa sigula. Ngaloo ndlela, kususela ebuntwaneni inkqubo yomzimba yokuzikhusela yethu yenziwa ilwe nezinto ezingafunwayo ngumzimba,’ ucacisa atsho uGqr. Subiza.
Ukuba ulixhoba loku kusabela ngokukhawuleza kwenkqubo yomzimba yokuzikhusela kwizinto ezaliwa ngumzimba, musa ukuphelelwa lithemba! Xa uye waxilongwa waza wanyangwa kakuhle, uya kukwazi ukulawula uze unciphise ukusoloko ukhathazwa yihay fever.