‘Kwenzeka Ntoni Kum?’
“Kwaba ngathi ngenye imini ndivuke yonk’ into itshintshile. Ndandingomnye umntu onomzimba owahlukileyo.”—USam.
YINTONI ukufikisa? Ngamafutshane, lixesha eliphakathi kobuntwana nobuntu obudala. Lixesha leenguqulelo eziphawulekayo—emzimbeni, kwiimvakalelo nakwindlela umntu aqhubana ngayo nabanye. Ngandlel’ ithile, ixesha lokufikisa libangel’ imincili. Ngapha koko, oko kubonisa ukuba uyakhula. Kwelinye icala, ngeli xesha uqalisa ukuvakalelwa ngendlela eyahlukileyo, maxa wambi le ndlela uvakalelwa ngayo inokukwenza udideke—ude woyike.
Noko ke, akuyomfuneko ukuba ukoyike ukufikisa. Liyinyaniso elokuba, ukufikisa kunokubangela unxunguphalo, ukusa kumlinganiselo othile. Kodwa kukuvulela ithuba elihle lokukhula. Makhe sibone indlela okwenzeka ngayo oku—okokuqala, ngokuhlolisisa ezinye zeengxaki abajamelana nazo abantu abafikisayo.
Ukuqalisa Ukufikisa
Ebudeni bexesha lokufikisa, kwenzeka iinguqulelo emzimbeni wakho ukuze ukwazi ukuvelisa inzala. Le nkqubo ibizwa ngokuba kukufikisa, ithabatha iminyaka yaye ayichaphazeli nje kuphela amalungu okuzala njengoko siza kubona.
Amantombazana adla ngokuqalisa ukufikisa xa emalunga neminyaka eli-10 neli-12 ubudala, ngoxa amakhwenkwe amaninzi eqalisa xa emalunga neminyaka eli-12 neli-14 ubudala. Noko ke, lo ngumlinganiselo nje. Ngokutsho kwencwadi ethi The New Teenage Body Book, “mntu ngamnye udalwe ngendlela ekhethekileyo yaye unexesha elahlukileyo lokufikisa.” Le ncwadi yongezelela ithi: “Kukho umahluko omkhulu kwixesha lokuqalisa ukufikisa.” Ngoko, akukho nto iphosakeleyo ngawe xa uqalisa ukufikisa ngaphambi—okanye ngemva—koontanga bakho.
Enoba uqalisa nini ukufikisa, inkangeleko yakho, indlela ovakalelwa ngayo nendlela olijonga ngayo ihlabathi elikungqongileyo, inokutshintsha. Phawula ezinye zeenkalo ezibangel’ umdla nezikwalucelomngeni ngeli xesha likhethekileyo ebomini.
‘Kwenzeka Ntoni Emzimbeni Wam?’
Xa umntu eqalisa ukufikisa, incindi yamadlala iyanda, ngokukodwa i-estrogen emantombazaneni ne-testosterone emakhwenkweni. Olu tshintsho lwamadlala lunento yokwenza nokutshintsha komzimba okubonakala kusenzeka ngokungummangaliso. Eneneni, wakuba nje uqalise ukufikisa, umzimba wakho ukhula ngokukhawuleza kunesantya owawukhula ngaso ebusaneni.
Ngeli xesha amalungu akho okuvelisa inzala ayakhula, kodwa le kuphela kwenkalo ebonakalayo ekukhuleni komzimba wakho. Usenokukhula ngokukhawuleza ube mde. Ngoxa kusenokwenzeka ukuba ngexesha lobuntwana bakho wawukhula kangangeesentimitha ezintlanu nyaka ngamnye, akuyi kuba yinto engaqhelekanga ukuba uphindaphindeke kabini loo mlinganiselo wokukhula xa ufikisa.
Ngalo lonke eli xesha, usenokuvakalelwa ngathi kukho into engahambi kakuhle emzimbeni wakho. Yinto eqhelekileyo leyo. Khumbula ukuba amalungu ahlukahlukeneyo omzimba wakho asenokukhula ngokwahlukileyo. Oku kunokubangela ukuba kubekho ukungalungelelani emzimbeni wakho. Kodwa yiba nomonde—akuyi kusoloko usenza iingozi ubomi bakho bonke. Ukungalungelelani okubangelwa kukufikisa kuza kudlula.
Ebudeni bexesha lokufikisa amantombazana aqalisa ukuya exesheni, ukuphuma kwegazi nokunye ukungcola okusesibelekweni nyanga nganye.a Xa umntu esexesheni udla ngokuba nesiluma yaye umlinganiselo wencindi ekhutshwa ngamadlala uyehla. Ngenxa yeentlungu zomzimba nokunxuba, xa umntu eqalisa ukuya exesheni usenokungaziva mnandi. UTeresa oneminyaka eli-17 ubudala ngoku, uthi: “Ndazibhaqa sele ndijamelene nengxaki enzima. Yandenza ndanxunguphala yaye kwakubuhlungu. Yaye oku kwakusenzeka nyanga nganye!”
Akukho mfuneko yokuba woyike xa uqalisa ukuya exesheni. Ngapha koko, oku kubonisa ukuba usempilweni. Ekuhambeni kwexesha, uya kufunda indlela yokuhlangabezana neengxaki oba nazo xa usexesheni. Ngokomzekelo, abanye bafumanisa ukuba ukusoloko ulolonga umzimba kwenza isiluma sibe bhetele. Kodwa mntu ngamnye wahlukile. Usenokufumanisa ukuba kufuneka ungasebenzi kakhulu xa usexesheni. Zifundise “ukuwuphulaphula” umzimba wakho uze uwunike oko ukufunayo.
Xa efikisa, amantombazana namakhwenkwe azikhathaza kakhulu ngenkangeleko yawo. UTeresa uthi: “Ndaqala ngeli xesha kanye ukuphawula—nokukhathazeka—ngoko abanye bakucingayo ngenkangeleko yam.” Uhlabela mgama athi: “Yaye ndifumanisa ukuba amaxesha amaninzi ndihlala ndikhathazeka ngenkangeleko yam. Iinwele zam azilungiseki ngendlela endiyifunayo, impahla yam ayindifaneli, yaye impahla endiyithandayo andiyifumani!”
Umzimba wakho usenokukuphoxa nangezinye iindlela. Ngokomzekelo, ngexesha lokufikisa amadlala akho akhupha umbilo asebenza ngamandla yaye loo nto inokukwenza ubile kakhulu. Ukuhlamba umzimba rhoqo nokuqinisekisa ukuba impahla yakho ihlanjwa rhoqo kunokukunceda ukuze umzimba wakho unganuki. Kanti nokusebenzisa iziqholo zomzimba okanye izinqanda-kubila kunokuba luncedo.
Kwakhona ngexesha lokufikisa, amadlala amafutha aseluswini lwakho asebenza ngamandla yaye oko kunokubangela ukuba ube namaqhakuva. Intwazana egama linguAnn ikhalaza yenjenje: “Amaqhakuva asuka athi bhedu xa kanye ndifuna ukukhangeleka mhle. Ngaba le yinto nje endiyicingayo okanye ngaba nyhani kukho into ewaxelelayo amaqhakuva ukuba makathi bhedu xa engafunwa?” NoTeresa unengxaki yamaqhakuva. Uthi: “Andenza ndizive ndimbi, ndingakhululeki naxa abanye abantu bendijongile, kuba xa abantu bendijonga ndiye ndicinge ukuba bajonge la maqhakuva!”
Kakade ke, namakhwenkwe anokuba neengxaki zolusu. Eneneni, ezinye iingcali zithi amakhwenkwe ngawona anengxaki ngaphezu kwamantombazana. Enoba ungumfana okanye ulibhinqa eliselula, unokungenelwa ngokuzihlamba rhoqo iindawo ezinamafutha emzimbeni wakho, kuquka ubuso, intamo, amagxa, umqolo nesifuba. Ukongezelela, ukuhlamba iinwele rhoqo kunokuthintela amafutha ukuba angadluleli kulusu lwakho. Kwakhona kukho izithambiso ezilungiselelwe ukuphelisa amaqhakuva. UTeresa uthi: “Abazali bam bandinceda ndafumana izinto zokucoca ulusu nezokuthambisa. Kwakhona bandinceda ukuba ndingatyi kakhulu ukutya okungenantswane. Xa ndingatyi ukutya okungenantswane ndize ndisele amanzi amaninzi, amaqhakuva ayaphela.”
Enye into etshintshayo emakhwenkweni lilizwi. Imiphimbo iba ngqingqisholo ize ibe mide xa ufikisa, nto leyo ibangela ukuba ilizwi lakho libe likhulu. KuBill oku kwenzeka engakunanzanga. Uthi: “Andizange ndiphawule ukuba ilizwi lam litshintshile ngaphandle nje kokuba abantu babengasadideki xa ndiphendula umnxeba bacinge ukuba ngumama okanye udade wethu ophendulayo.”
Maxa wambi xa ilizwi litshintsha lidla ngokusuka libe nemvakalo ephakamileyo. Xa ecinga ngexesha awayefikisa ngalo uTyrone uthi: “Le yeyona nto yayindibangela iintloni. Oku kwakusenzeka ngalo lonke ixesha ndisoyika okanye ndinemincili. Ndandizama ukuba ndingabi nemincili kakhulu, kodwa ndandiye ndingakwazi ukuzibamba.” Ehlabela mgama uTyrone uthi, “Emva konyaka okanye iminyaka emibini, yaphela yonke loo nto.” Ukuba oku kuyenzeka nakuwe, ungalahl’ ithemba! Kungekudala, nelakho ilizwi liya kuyeka ukutshintshatshintsha liya kuba likhulu.
‘Kutheni Ndivakalelwa Ngale Ndlela?’
Asinto ingaqhelekanga ukuba abo bafikisayo batyhubele kwizinto ezininzi ezibuhlungu. Ngokomzekelo, usenokufumanisa ukuba kuvuleka umsantsa phakathi kwakho nabona bahlobo bakho basondeleyo ukhule nabo. Oku kusenokwenzeka kungakhange kubekho ngxabano. Mhlawumbi anisenamdla kwizinto ezifanayo. Kwanabazali bakho—owawudla ngokuya kubo xa ufuna intuthuzelo nokhuseleko—basenokubonakala njengabantu abasadla ngendeb’ endala nekunzima ukuzityand’ igila kubo.
Yonke le nto inokubangela lowo ukwishumi elivisayo azive elilolo. Enye incwadi ithi: “Abanye abaphengululi bathi elona xesha umntu aziva elilolo kakhulu ngalo kuxa efikisa ngaphezu kwaxa engumntwana okanye engumntu omdala.” Ngenxa yokoyika ukuba abanye baya kukugqala njengomntu owahlukileyo, usenokukhetha ukungathethi ngezinto ozicingayo nangendlela ovakalelwa ngayo. Okanye usenokuba mathidala ukusondela kwabanye abantu, kuba uvakalelwa kukuba akukho mntu onokufuna ukuba ngumhlobo wakho.
Abaninzi kwabo bafikisayo badla ngokuba ngamalolo njengokuba kunjalo nangabantu abadala. Eyona nto ibalulekileyo ufanele uyikhumbule kukuba ekuhambeni kwexesha uza kuyeka ukuvakalelwa ngale ndlela.b Khumbula ukuba, ngenxa yokuba ufikisa phantse yonke into iza kutshintsha. Imbono yakho ngokuphathelele ubomi, abanye, kwanangawe isoloko itshintsha. Eneneni, maxa wambi lo mntu umbonayo esipilini usenokuba ngathi uyaqala ukumbona! Usenokuvakalelwa njengoSteve one-17 leminyaka ubudala, uthi: “Kunzima ukuba uthi uyazazi kuba utshintsha ngokukhawuleza.”
Enye indlela yokulwa nobulolo kukuba ungabi kude nabanye abantu. Oku kusenokuthetha ukuba kufuneka uzame ukwazi abanye abantu abangekho kwiqela loontanga bakho. Ngaba bakho abantu abadala obaziyo abangathanda ukutyelelwa? Ngaba ungabenzela imisetyenzana ethile, ngokukodwa ukuba bafuna uncedo? IBhayibhile isikhuthaza sonke—abatsha nabadala—ukuba ‘siphangalale’ ekuboniseni uthando kwabanye. (2 Korinte 6:11-13) Ngokwenjenjalo sinokuvulekelwa ngamathuba amahle.
Kwindinyana yeBhayibhile ecatshulwe ngasentla kufumaneka omnye wemigaqo emininzi eye yanceda ulutsha olungamaKristu ukuba lukwazi ukuhlangabezana nocelomngeni lokufikisa. Xa ufunda inqaku elilandelayo, phawula indlela iLizwi likaThixo elinokuba nempembelelo enamandla ngayo ebomini bakho njengoko ukhula.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ekuqaleni, umntu unokuba sexesheni izihlandlo eziliqela okanye angayi rhoqo ngenyanga. Nomlinganiselo eliphuma ngawo igazi unokwahluka kakhulu. Akukho nanye into kwezi emele ikothuse. Noko ke, xa ungayi kakuhle exesheni isithuba esingangonyaka okanye iminyaka emibini kusenokufuneka uye kwagqirha.
b Ukuba imvakalelo yobulolo ayipheli okanye usoloko ucinga ngokuzibulala, ufanele ufune uncedo. Ngokukhawuleza, thetha nabazali bakho okanye nomnye umntu omdala oqolileyo onokukwazi ukuphalaza imbilini yakho kuye.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Abazali Abafezekanga
“Ngoxa ndandisengumntwana, ndandicinga ukuba abazali bam bafezekile. Ndathi ndakuba kwishumi elivisayo, babonakala bengekho krelekrele kangako. Nditheth’ ukuthi ndaphawula ukuba abazali bam abafezekanga yaye oko kwandenza ndadideka. Okubuhlungu kukuba, oku kwandenza ndayithandabuza indlela abacinga ngayo. Noko ke, emva kokutyhubela kumava abuhlungu ndiphinde ndabahlonela ngokupheleleyo. Abafezekanga bona, kodwa amaxesh’ amaninzi basoloko bechanile. Yaye enoba abachananga, basengabazali bam. Ubuhlobo phakathi kwam nabo buyakhula ngokuthe ngcembe, yaye ndicinga ukuba kumele kube njalo ngabantwana nabazali babo.”—UTeresa, oneminyaka eli-17 ubudala.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ulutsha oluninzi luye lwakha ubuhlobo obusenyongweni nabantu abadala