IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 8/8 iphe. 18
  • Olona Hlobo Lwekati Lusesichengeni Emhlabeni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Olona Hlobo Lwekati Lusesichengeni Emhlabeni
  • Vukani!—2004
  • Amanqaku Afanayo
  • Ikhusi Lokugqibela Lezilwanyana Nezityalo Ezisengozini Yokuphela
    Vukani!—2009
  • Ukulondolozwa Nxamnye Nokupheliswa Kwazo
    Vukani!—1996
  • Izidalwa Ezisengozini Yokuphela—Ubungakanani Bale Ngxaki
    Vukani!—1996
  • Umanyano Oluntsonkothileyo Lobomi
    Vukani!—2001
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 8/8 iphe. 18

Olona Hlobo Lwekati Lusesichengeni Emhlabeni

NGUMBHALI KAVUKANI! ESPEYIN

Ingqawa ibisoloko isaziwa ngokuba namehlo abukhali nangokusabela ngokukhawuleza. Xa umntu ekhawuleza ukuziqonda izinto, abantu baseSpeyin badla ngokuthi “unamehlo engqawa.” Okubuhlungu kukuba ngoku, ingqawa yaseIberia (iLynx pardinus) idume ngenye into engenakuthanani nokuba bukhali kwamehlo ayo okanye ukulumka kwayo. Igqalwa “njengolona hlobo lwekati lusesichengeni emhlabeni.”a

Kwiminyaka eyadlulayo, ingqawa yaseIberia yayikho kulo lonke elasePortugal, eSpeyin mhlawumbi ukuya kuthi xhaxhe ngeePyrenees zaseFransi. Namhlanje, kusele nje ezimbalwa kummandla okumzantsi-ntshona kuSingasiqithi weIberia. Noko ke, zimbini kuphela iintlobo zezi kati ezinokukwazi ukuzala yaye inani leengqawa lincipha ngendlela eyothusayo.

Ngokutsho kolunye uhlolisiso, inani leengqawa zaseIberia ngoku lingaphantsi kwama-200. Yintoni ebangele ukuba lihle kangaka? Abanye bathi esona sizathu kukunqaba kwawona maxhoba azo aphambili, imivundla, eye yatshatyalaliswa sisifo esasulelayo nesibulalayo semivundla, esibetha sibuyelela. Ukongezelela, ezinye iingqawa ziye zangamaxhoba abantu abazingela ngokungekho mthethweni okanye ziye zatshayiswa zizithuthi koohola beendlela. Imbalwa kakhulu imimandla efanelekileyo ezinokuhlala kuyo iingqawa. Ingxelo yakutshanje yeWorld Wildlife Fund ibonisa ukuba ezi ngxaki ziye zabangela ukuba imbinana esaseleyo yeengqawa ifumaneke kwiindawo ezimbalwa.

Nangona kubekelwe bucala imali emalunga nama-230 ezigidi zeerandi ukuze kuhlangulwe iingqawa, kutshanje iqela leengcali liye lachaza imeko yazo “njengemaxongo.” Ngokutsho kukaNicolás Guzmán, ongumalathisi kwiNational Plan for the Conservation of the Iberian Lynx, kwezi ngqawa zingaphantsi kwama-200 zisaseleyo, ‘ziimazi eziphakathi kwama-22 nama-32 kuphela ezinokukwazi ukuzala.’ Wongezelela wathi, ‘Ukuze ke olu hlobo lwekati luqhubeke lukho luxhomekeke kwezi mazi.’ Into ebuhlungu kukuba, asizongqawa zaseIberia kuphela ezikule meko, nezinye izilwanyana ezininzi ezihle ezikhoyo kulo mhlaba zisengxakini efanayo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ingqawa yaseIberia, okanye yaseSpeyin yabekwa phantsi koluhlu “olusesichengeni kakhulu” kwiRed List, uluhlu lwezilwanyana ezisesichengeni sokupheliswa olwalubhalwe yi-International Union for Conservation of Nature and Natural Resources.

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 18]

Foto © Fernando Ortega

sos lynx

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share