Liyintoni Ikamva Loogqirha?
UKUBUZA ngekamva loogqirha kusoloko kusenza abantu bafunisele ngenxa yenkqubela kubugcisa kuze kuphakame nombuzo wokuba ubugcisa buya kubanceda na oogqirha babe nexesha elingakumbi abaza kulichitha nezigulana. Enyanisweni, ikamva loogqirha linxibelelene gqitha nombandela wekamva labantu ngokubanzi. EBhayibhileni kukho iincwadi ezimbini ezibalisa ngoYesu nabapostile bakhe yaye zisithela thsuphe ngeli kamva. Zombini zabhalwa ngugqirha.
Kutheni ibangela umdla okhethekileyo nje into yokuva imbono kagqirha ngala mabali? Anakuthanani nekamva loogqirha nezigulana? Kutheni kukho oogqirha abakhangele phambili kwixesha xa uya kube ungasafuneki nganto umsebenzi wabo?
Oogqirha abaninzi baneliso elibukhali. ULuka, obizwa ngokuba ‘ngugqirha oyintanda,’ wayengumbhali weencwadi ezimbini zeBhayibhile, ibe wabachaza ngeenkcukacha abanye abantu abaphiliswa nguYesu nangabapostile. (Kolose 4:14) Ngoko uLuka usinceda sikwazi ukuqwalasela imibuzo efana nale: Ngaba ezi zinto zenzeka ngokwenene? Ukuba zenzeka, kuthetha ntoni oko koogqirha nezigulana namhlanje?
Ubungqina Bokuzibonela
ULuka waba nethuba lokuqinisekisa ukwenzeka kwaloo mimangaliso yokuphiliswa ngokudlan’ indlebe namangqina okuzibonela. Ukongezelela, walityhutyha ehamba nompostile uPawulos. Kubonakala ukuba baninzi abantu abaphiliswa nguPawulos ngoxa wayekho uLuka. Njengoko siqwalasela iingxelo ezimbini zokuphiliswa kwabantu, phawula indlela azichaza ngeenkcukacha ngayo.
ULuka uchaza ixesha, umhla nendawo esenzeka kuyo esi siganeko: Kwakusezinzulwini zobusuku ngosuku lokuqala lweveki, yaye iqela lamaKristu lalikwigumbi eliphezulu kumgangatho wesithathu eTrowa, kwiphondo laseRoma eAsiya. (IZenzo 20:4-8) Sifunda ezi nkcukacha: “Umfana othile ogama linguYutiko wafikelwa bubuthongo obunzulu ngoxa uPawulos wayeqhubeka ethetha, yaye, elele yoyi, wawa ukusuka kumgangatho wesithathu waza wacholwa efile.” Emva koko ngamandla kaThixo, uPawulos wamphilisa lo mfana ekonzakaleni kwakhe wambuyisela ebomini. Emva kwesidlo, “bemka nayo inkwenkwe iphila yaye bathuthuzeleka ngaphaya komlinganiselo.”—IZenzo 20:9-12.
Kwakhona uLuka usichazela ukuba wayekunye noPawulos eMalta. Bamkelwa ngomoya wokubuk’ iindwendwe nguPubliyo, “indoda eyintloko” yesiqithi, xa uPawulos wenza omnye ummangaliso. Wona uphathelele indoda eyayigula sisifo esasibabulala abantu ngezo mini, zingekabikho izibulala-zintsholongwane. ULuka uthi: “Uyise kaPubliyo wayelele phantsi ebandezelekile ngumkhuhlane nasisisu segazi, yaye uPawulos waya kuye, wathandaza, wambeka izandla waza wamphilisa. Emva kokuba oku kwenzekile, kwanabanye abantu besiqithi ababenezifo beza kuye ukuze baphiliswe.”—IZenzo 28:7-9.
Yintoni Eyaqinisekisa Lo Gqirha?
ULuka wabhala ezo ngxelo kwincwadi yeZenzo ngoxa abafundi bakhe babesenethuba lokuziqinisekisa ngokubuza abantu ezenzeka kubo ezo zinto. Malunga noko akubhale kwincwadi yeBhayibhile ebizwa ngegama lakhe, uLuka wathi: “Ndiye ndazilanda zonke izinto ukususela kwasekuqaleni ngokuchanileyo . . . ukuze ukwazi ngokupheleleyo ukuqiniseka kwezinto.” (Luka 1:3, 4) Oko wakubonayo waza wakuphanda lo gqirha, kwamqinisekisa ukuba ziyinyaniso iimfundiso zikaYesu. Imimangaliso yokuphilisa yaba yinxalenye yezo mfundiso, inikela isiseko sokukholelwa kwisiprofeto seBhayibhile sokuba ekugqibeleni uThixo uya kuziphelisa izifo. (Isaya 35:5, 6) Njengogqirha oqhelene nezinto ezibuhlungu, uLuka umele ukuba wachukunyiswa gqitha kukucamngca ngexesha xa umsebenzi wakhe uya kube ungafuneki nganto. Ngaba libangela umdla nakuwe elo themba?
Okubangel’ umdla kukuba, koko kanye kuthethwa likamva kwabo bathanda uThixo, ingakhathaliseki indawo abahlala kuyo emhlabeni. IBhayibhile ithembisa ukuba xa kulawula uBukumkani bukaThixo, “akakho ummi . . . oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24) Oogqirha abaninzi namhlanje bakufumanisa kusengqiqweni ukukholelwa kwizithembiso zeBhayibhile.
‘Lalibangel’ Umdla Gqitha’
UGqr. Jon Schiller, ugqirha onyamekela intsapho eMntla Merika uthi: “Njengenkoliso yabantu, ndafundela ubugqirha ngenjongo yokunceda abagulayo. Ithemba lokuphila kwihlabathi elingenazifo lalibangel’ umdla gqitha. Ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova emva kokufunda kwanokholeji ngempucuko yaseNtshona. Loo mfundo yabonisa ukuba iicawa zingunobangela weengxaki ezininzi yaye ndabona ngathi ziyahanahanisa kwindlela eziyisebenzisa ngayo iBhayibhile. Ngoko ndandifuna ukwazi ukuba, ‘Ithini yona iBhayibhile?’
“KwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova, kuqala ndatsalwa bububele babantu, ekwaba mnandi ukuba nabo ngokwahlukileyo kubantu abaninzi endibaqhelileyo. Kweza elinye iNgqina lacela ukundityelela ukuze sixubushe ngeBhayibhile. Into eyandichukumisayo kukuba lasebenzisa iBhayibhile ukuphendula yonk’ imibuzo yam.
“Njengoko ndikhula, kwaba kukhona ndiyixabisa into yokuba liNgqina likaYehova. Xa ube ngugqirha uselula, uba nethemba lokuphumeza okuthile okuxabisekileyo. Kodwa ndisoloko ndibona abantu abanxungupheleyo abavakalelwa kukuba abananto ingako baye bayiphumeza ebomini. Ndicinga ukuba eyona nto ibalulekileyo ngokuba liNgqina likaYehova kukuba sinethemba ngekamva nobomi obunenjongo. Enoba singoogqirha, abakhandi boomatshini neemoto, okanye sinyamekela izakhiwo, siyazi ukuba oko sikwenzayo ukuze sikhonze uThixo kubalulekile; senzela uYehova. Yiloo nto esishiya sanelisekile.”
“Ukusebenzisa Imigaqo YeBhayibhile Kwabuphucula Ubomi Bentsapho Yethu”
UGqr. Krister Renvall ngugqirha waseFinland yaye uthanda ukuncokola nabantwana. Uthi: “Ngeny’ imini ndancokola nentombazana eneminyaka eli-12 ubudala eyayinesifo esinganyangekiyo somhlaza. Yandinika incwadi ethi Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Luphuma Kuwuphi Umthombo?a Indlela eyavakalisa ngayo ukholo lwayo ngoxa yayigula yandichukumisa, kodwa andizange ndibe nathuba lakuyifunda loo ncwadi. Enyanisweni, ngelo xesha ndandixakeke gqitha ndisebenza kwikliniki yaseHelsinki into kanye eyayiphazamisa intsapho yam.
“Noko ke, kamva inkosikazi yam yayothula kwithala yaza yayifunda. Kwangoko yeyiseka ukuba yinyaniso leyo iyifundayo. Elinye iNgqina likaYehova layityelela laqalisa ukufunda nayo iBhayibhile. Ekuqaleni umfazi wam wayesoyika ukundixelela ngeso sifundo. Kodwa akundixelela ndathi, ‘Nantoni na eza kunceda intsapho yethu ilungile.’ Ndaqala ukuba nenxaxheba kweso sifundo. Ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kwabuphucula ubomi bentsapho yethu satsho sabujonga ngendlela eyahlukileyo ubomi. Ndavuyiswa gqitha kukuva ngethemba lehlabathi ekungekho zigulo kulo; yaba sengqiqweni into yokuba uThixo abe nezo njongo ngoluntu. Kungekudala sinenkosikazi, ibe ekugqibeleni yonke intsapho yethu sabhaptizwa. Laa ntombazanana yaqala ukuthetha nam yasweleka, kodwa inyaniso kukuba ukholo lwayo lusaphila.”
Kweli hlabathi litshintsha ngokukhawuleza, ubomi buya busizisa uxinezeleko olungakumbi koogqirha nto leyo ebenza bakufanelekele ukuqhwatyelw’ izandla ngokunceda abantu abagulayo. Kodwa ngokukhawuleza kuza kufika ezona nguqu zinkulu zichaphazela uluntu. Oogqirha abaninzi namhlanje bakhangele phambili ngengqiniseko kwikamva elithenjiswe liLizwi likaThixo—ihlabathi elingenazifo! (ISityhilelo 21:1-4) Lo ngumbandela ofanele uzenzele uphando ngawo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
“NDAQONDA UKUBA UBOMI BUNAYO INJONGO”
“Ngoxa ndandisebenza nabantwana besikolo abaneziphene, ndaphawula indlela ababahluke ngayo abanye abazali abangamaNgqina kaYehova. Babekwazi bhetele ukunyamekela umntwana wabo onesiphene kunabanye abazali abanabantwana abanjalo. Ndafumanisa nokuba bafunde bhetele kunokuba unokucinga xa usazi umsebenzi wabo. Ndaluhlonela ukholo lwabo. Phantse lonke olwam ukholo lwavuthululwa ngootitshala ababefundisa ngendaleko. Sekunjalo, izifundo zobugqirha zandishiya ndizibuza imibuzo ngobomi.
“Ngelo xesha, ndandiqala ukubona ukuba andikwazi kukhulisa abantwana bam. Ndandingayazi into endimele ndibanqande kuyo. Ndingayazi nendimele ndibakhuthaze kuyo. Yintoni endandiza kubachazela yona njengenjongo yobomi? Ubomi bam basuka ababi nanjongo. Ndathandazela uncedo.
“Ngelo xesha kanye amaNgqina kaYehova andinika iphephancwadi elithetha ngokululeka nokohlwaya abantwana ngothando. Ndayifumanisa iluncedo ngokwenene imigaqo yeBhayibhile elaliyicacisa, ngoko ndasamkela isifundo seBhayibhile. Njengoko ndifunda isizathu sokudala kukaYehova ubomi nesizathu sokufa kukaYesu, ndatsho ndaqonda ukuba ubomi bunayo injongo. (Yohane 3:16; Roma 5:12, 18, 19) Indaleko yayiyigqwethile indlela yam yokucinga. Kwatsho kweqabu unoqolomba efile nje emva kokuva ukuba izifo nokufa zazingeyonjongo kaThixo yantlandlolo! Namhlanje ndivuyiswa ngokwenene kukufundisa abantu abanyanisekileyo ngendlela uThixo aza kunyanga ngayo zonke izifo.”
[Imifanekiso]
UHelena Bouwhuis wayengugqirha kwisikolo sabantwana eNetherlands
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ugqirha nombhali weBhayibhile uLuka wayehamba noPawulos xa lo mpostile waphilisa uyise kaPubliyo naxa wavusa uYutiko ekufeni
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
UGqr. Jon Schiller, eUnited States
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
UGqr. Krister Renvall, eFinland