IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 2/8 iphe. 17-18
  • Oogqirha Kwihlabathi Elitshintshayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oogqirha Kwihlabathi Elitshintshayo
  • Vukani!—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukutshintsha Kolwalamano
  • Kwenzeka Ntoni Ngokutyelela Izigulana Emakhaya?
  • Ukutshintsha Kweemeko
  • Oogqirha Baxinezelekile
    Vukani!—2005
  • Izibhedlele—Xa Ungumguli
    Vukani!—1991
  • Ibioethics Notyando Ngaphandle Kokusetyenziswa Kwegazi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Ukuvala Umsantsa Phakathi Koogqirha Nabaguli AbangamaNgqina
    Vukani!—1990
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 2/8 iphe. 17-18

Oogqirha Kwihlabathi Elitshintshayo

Ngowe-1174, uMaimonides wamiselwa waba ngugqirha wentsapho yabalawuli baseYiputa ibe wayechitha ixesha elininzi esebenza ebhotwe. Ebhala ngoko wayekwenza mihla le xa efika ekhaya wathi: “Ndikha nje amacephe abe mabini abe mathathu ibe kukutya kwemini yonke. Emva koko kufuneka ndileqe kwizigulana zam, ndibhale amayeza afunekayo nendlela eziza kuwasebenzisa ngayo. Izigulana zingena ziphuma de kube sebusuku, maxa wambi . . . ndidinwa kube nzima nokuthetha.”

UKUBA ngugqirha bekusoloko kufuna umntu oza kuzincama. Kodwa namhlanje zitshintsha ngokukhawuleza iimeko abaxelenga phantsi kwazo. Umsebenzi wabo usabenza izinxadanxada njengoMaimonides. Kodwa, ngaba basahlonelwa njengakuqala? Ezi meko zintsha zibuchaphazela njani ubomi babo? Khona iinguqu zakutshanje zize naluphi utshintsho kulwalamano lwabo nezigulana?

Ukutshintsha Kolwalamano

Bambi basakhumbula xa ugqirha wayedla ngokuxwaya onke amayeza akhe ngebhegi emnyama. Zazibethabethana izimvo zabantu ngokuphathelele oogqirha ngezo mini, kanye njengokuba kunjalo namhlanje. Abaninzi babehlonelwa ngemisebenzi yabo, iwonga ekuhlaleni nendlela abaziphatha ngayo. Kwangaxeshanye babehlatyw’ amadlala ngokubiza inkuntyula yemali, ngeentsilelo zabo yaye bengafunwa xa kubonakala ngathi abanavelwano.

Sekunjalo, oogqirha abaninzi babesaneliseka kukunceda intsapho enye beqala kwisizukulwana sayo esithile ukusa kwesinye. Babedla ngokutyelela izigulana kumakhaya azo yaye emaphandleni babehlala bafumane isidlo okanye bade balale xa beza kuncedisa ekuzalweni kosana. Oogqirha abaninzi babewalungisa ngokwabo amayeza ezigulana zabo. Abangazingciyo babezinyanga ngesisa izigulana ezisweleyo yaye befumaneka nangaliphi na ixesha yonk’ imihla.

Kakade ke, basekho oogqirha abasebenza ngaloo ndlela, kodwa kwiindawo ezininzi luye lwatshintsha ulwalamano loogqirha nezigulana kula mashumi eminyaka adluleyo kunokuba kwakunjalo kwiinkulungwane ezidluleyo. Zenzeke njani ezi nguqu? Makhe siqale ngokuqwalasela umbandela wokutyelela izigulana emakhaya.

Kwenzeka Ntoni Ngokutyelela Izigulana Emakhaya?

Ukutyelela izigulana kumakhaya azo kwakukade kuyeyona ndlela isetyenziswa ngoogqirha, ibe kusenjalo kwamanye amazwe. Noko ke, kwihlabathi lonke iyaphela loo nto. IThe Times of India yathi: “Into yogqirha wentsapho owakwazi ukuthetha nezigulana, ezazi kakuhle njengamalungu entsapho ezityelela nanini na efuna, iya iphela njengoko besanda oogqirha abaziingcali zezifo ezithile ngokukhethekileyo.”

Ngenxa yokwanda kolwazi kwezonyango, oogqirha abaninzi banyanga izifo ezithile ngokukhethekileyo baze basebenze ngokwamaqela, nto leyo eyenza izigulana ziye koogqirha abahlukahlukeneyo sihlandlo ngasinye zigula. Ngenxa yoko, oogqirha abaninzi abasakwazi kuba nolwalamano ixesha elide neentsapho njengokuba kwakunjalo.

Ukuyeka koogqirha ukutyelela izigulana emakhaya kwaqala kwinkulungwane edluleyo, xa oogqirha baqala ukusebenzisa ngakumbi izixhobo zokuxilonga zaselaboratory. Kwezinye iindawo abezempilo babona ukutyelela izigulana emakhaya njengokudlala ngexesha loogqirha. Namhlanje izigulana ezininzi zinokukhwela ziye kwagqirha. Yaye, namhlanje kukho iiambulensi ezenza loo msebenzi wawusenziwa ngoogqirha.

Ukutshintsha Kweemeko

Namhlanje bambalwa oogqirha abazimeleyo. Iinkonzo zonyango ezininzi zidla ngokulungiselelwa ngurhulumente neenkampani zonyango eziqesha oogqirha. Noko ke, oogqirha abaninzi abayithandi le nto yokubakho kwamaziko onyango phakathi kwabo nezigulana. La maziko adla ngokufuna baxilonge izigulana ezininzi kwixeshana nje elincinane. UGqr. Sheila Perkins waseBritani uthi: “Kufuneka ndibone isigulana rhoqo emva kwemizuzu esixhenxe ukusa kwelishumi. Ukanti, kwelo xesha elininzi ndilichitha ndifaka inkcazelo yesigulana eso kwikhompyutha. Alibikho ixesha lokwakha ubuhlobo nesigulana. Kuphazamisa ngokwenene oku.”

Ukutshintsha kweemeko zokusebenza koogqirha kwenze izigulana zanegunya elingakumbi. Ngaxa lithile “imiyalelo kagqirha” yayingaphikiswa. Kodwa kumazwe amaninzi namhlanje, oogqirha banyanzelekile ukuba bachazele isigulana ngonyango esinokulukhetha yaye ukuba kunokwenzeka nemiphumo yalo ukuze isigulana sibe nolwazi ngolo nyango. Luye lwatshintsha ulwalamano lukagqirha nesigulana. Kwabanye abantu, oogqirha sele befana nje namagcisa.

Kwezi nguqu zenzeka ngokukhawuleza, inkoliso yoogqirha ngamabhinqa. Oogqirha abangamabhinqa basoloko bethandwa kuba bagqalwa njengabantu abakwaziyo ukuphulaphula. Ngempembelelo yabo kulo msebenzi kubakho uvelwano ngakumbi.

Inkoliso yabantu isamxabisa ugqirha oziqondayo iimvakalelo noxinezeleko lwezigulana zakhe. Kodwa kufanelekile nokuzibuza oku, Zingaphi izigulana eziziqondayo iimvakalelo noxinezeleko abajamelana nalo oogqirha? Ngokuqinisekileyo ukwenjenjalo kunokuluphucula ulwalamano lukagqirha nezigulana zakhe. Inqaku elilandelayo linokunceda kule nkalo.

[Umfanekiso okwiphepha 17]

UMaimonides

[Inkcazelo]

Brown Brothers

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

Ngaphambili, oogqirha babedla ngokutyelela izigulana emakhaya

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share