IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 3/8 iphe. 10
  • Ukufumana Umthombo Wamandla Onke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufumana Umthombo Wamandla Onke
  • Vukani!—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Iinkwenkwezi Zityhila Amandla KaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Indlela Esinokuwonga Ngayo Umbane
    Vukani!—2017
  • UYehova Unika Odiniweyo Amandla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ioli—Ngaba Iya Kuze Iphele?
    Vukani!—2003
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 3/8 iphe. 10

Ukufumana Umthombo Wamandla Onke

ILANGA ngowona mthombo wamandla omhlaba. Izazinzulu zikholelwa ukuba amalahle neoli ziphuma kwimithi nezityalo ezibolileyo zona ezazifumana amandla azo elangeni.a Amanzi akumadama ekuphehlwa kuwo umbane avela elwandle ngenxa yobushushu belanga aze ahambe esibhakabhakeni engamafu. Imitha eshushu yelanga ikwayiyo ebangela impepho yomoya ejikelezisa amaphiko okuphehla umbane. Ukanti kuqikelelwa ukuba sisiqingatha nje sewaka lezigidi kuphela kumandla elanga afikelela emhlabeni.

Nakuba linamandla ngendlela emangalisayo, inkwenkwezi esiyazi njengelanga ngomnye kumawaka ezigidi zemithombo yamandla akummandla wendalo. Avelaphi kanye kanye onke la mandla? Ebhekisela ezinkwenkwezini, umbhali weBhayibhile uIsaya uthi: “Phakamiselani amehlo enu phezulu nize nibone. Ngubani na odale ezi zinto? NguLowo uzisa umkhosi wazo kanye ngokwenani, uzibiza nangegama xa zizonke. Ngenxa yamandla amakhulu, kanjalo womelele ngamandla, akukho nanye esalayo.”—Isaya 40:26.

Xa sicinga ngobukhulu bamandla eenkwenkwezi, sinokumangaliswa—kodwa singamangaliswa nangakumbi xa sicinga ngoMdali wazo. Noko ke, iBhayibhile isikhuthaza isithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Ewe, uMdali womhlaba nayo yonke imithombo yamandla awo amaninzi, lowo kanye usinike ubomi, unokufunyanwa ngabo bamfunayo.—Genesis 2:7; INdumiso 36:9.

Xa bebona umhlaba nobuncwane bawo bungcoliswa yaye busetyenziswa kakubi, kusenokuba nzima kwabanye abantu ukukholelwa ukuba uThixo unomdla kumhlaba nabantu abaphila kuwo. Sekunjalo, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba kuza kubakho iinguqu kungekudala, isithembisa nangotshintsho olukhulu kwindlela obusetyenziswa ngayo ubuncwane bomhlaba nendlela olawulwa ngayo umhlaba. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10) Ngokumisela urhulumente omnye wasezulwini oza kulawula umhlaba wonke ngaphantsi koNyana wakhe, uKristu Yesu, uYehova uThixo uza kuqinisekisa ukuba wonk’ umntu ophilayo uyaxhamla kwintabalala yobuncwane obukhoyo. (Mika 4:2-4) Kwakhona uza ‘kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba,’ into ethetha ukuba, abo bonakalisa imekobume yomhlaba, enoba bayonakalisa ngokomoya okanye ngokwenyama.—ISityhilelo 11:18.

Ngelo xesha kuya kuzaliseka ngokomoya nangokwenyama ithemba elichazwe kuIsaya 40:29-31 elithi: “Unika odiniweyo amandla; nalowo ungenamandla makhulu umenza aphuphume ukomelela okupheleleyo. Amakhwenkwe aya kudinwa aze atyhafe, nabafana nakanjani na baya kukhubeka, kodwa abo bathembela kuYehova baya kufumana amandla kwakhona. Baya kunyuka ngamaphiko njengeenkozi. Baya kubaleka baze bangatyhafi; baya kuhamba bangadinwa.” Nawe unokufunda ngakumbi ngoMthombo wawo onke amandla nesicombululo seengxaki eziphathelele amandla omhlaba xa unokuzipha ixesha ufundisise iBhayibhile.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona ibhokisi ethi “Yayileka Njani I-Petroleum?” kuVukani! kaNovemba 8, 2003.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share