Ioli—Ngaba Iya Kuze Iphele?
“Ngaphandle [kwamandla] belungayi kubakho ushishino . . . Bezingayi kwenziwa iinqwelo-mafutha, iilori, oololiwe, iinqanawa okanye iinqwelo-moya . . . Ngaphandle kwamandla, bekuya kusoloko kubanda yaye kumnyama ezindlwini, nabantu bebengayi kukwazi ukupheka. . . . Ngaphandle kwemithombo yamandla, besiya kuba ngathi siphila kwiXesha Langaphambi Kwempucuko.”—La mazwi acatshulwe kwi-“U.S. Geological Survey World Petroleum Assessment 2000.”
IINGCALI ngokuveliswa nokusetyenziswa kwamandla zithi ekugqibeleni iza kutsha iphele imithombo yeoli. Ezinye ziqikelela ukuba imithombo yeoli ekhoyo ehlabathini lonke, iza kuqhubeka ikho iminyaka engama-63 ukusa kwengama-95 kuphela. Okwangoku, kusetyenziswa amandla avela kwimithombo eyahlukahlukeneyo, yaye eminye yaloo mithombo ibikho kangangamashumi eminyaka. Phakathi kwemithombo yamandla enokuhlaziywa ngamandla avela elangeni, emoyeni, kumaza, kwihydroelectric naselwandle. Kodwa okwangoku, kusekho iingxaki ezinkulu ngokuphathelele ukuveliswa nokusetyenziswa kwale mithombo yamandla.
Asibobulumko ukugqiba amandla kwimithombo engenakuhlaziywa aze athi xa ephelile kubhenelwe kwimithombo enokuhlaziywa. Iinkampani zeoli zizimisele ukulisebenzisa ngokupheleleyo ithuba ekucingelwa ukuba lisele ngaphambi kokuba iphele ioli. Ngelishwa, iingxaki ezibangelwa kukusetyenziswa kweoli ziya kuqhubeka zikho lo gama nje isekho ioli. Kodwa lizicacele elokuba, ezi ngxaki azibangelwa yioli. Zibangelwa ngabantu abathanda imali nabafuna ukulawula abanye.
Okuvuyisayo kukuba, ikamva leoli—nelemithombo yamandla—alixhomekekanga ebantwini. Ekugqibeleni, lixhomekeke kuMdali noMgcini walo mhlaba, uYehova uThixo othembise ukuba kungekudala ziza kuphela iingxaki zemeko-bume neengxaki ezithwaxa abantu ezibangelwa kukusetyenziswa kakubi kobuncwane bomhlaba. (ISityhilelo 4:11) Njengoko iBhayibhile isitsho, sele kumbovu ukuba uThixo “onakalise abo bawonakalisayo umhlaba.” Xa kulawula uThixo ngobulungisa, kuya kubakho “izulu elitsha nomhlaba omtsha,” apho kungayi kubakho mntu uxhaphaza abanye bengayi kubakho nabantu abangengomalungisa, yaye ngelo xesha, imithombo ekhoyo emhlabeni iya kusetyenziswa ngendlela efanelekileyo ukuze kungenelwe bonke abantu abathobelayo.—ISityhilelo 11:18; 21:1-4.
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Amanye amandla avela elangeni nakumaphiko asebenza ngomoya