IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 4/8 iphe. 28-30
  • Kutheni Ndifanele Ndenze Umsebenzi Ofuna Amandla?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ndifanele Ndenze Umsebenzi Ofuna Amandla?
  • Vukani!—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokukuxhobisela Ixesha Elizayo
  • Kunokuvelisa Iimpawu Ezintle Kuwe
  • Inkonzo Engcwele
  • Indlela Yokufunda
  • Indlela Yokonwabela Ukusebenza Nzima
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Yintoni Endinokuyenza Ukuzilungiselela Ukuphangela?
    Vukani!—1992
  • Bona Okulungileyo Kumsebenzi Wakho Onzima
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Ukuzibhokoxa Emsebenzini—Xa Kuyinto Elunge Ngokwenene
    Vukani!—1993
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 4/8 iphe. 28-30

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Kutheni Ndifanele Ndenze Umsebenzi Ofuna Amandla?

“Andizange ndiyicinge into yokuba ndingaze ndenze umsebenzi ofuna amandla. Eyona nto ndiyithandayo mna kukudlala ngekhompyutha.”—UNathan.

“Abanye abantwana babesijongela phantsi thina benza umsebenzi ofuna amandla, ngokungathi sithatha kade.”—USarah.

UMSEBENZI OFUNA AMANDLA—abaninzi bawujonga njengendinisa, into engcolisayo nengathandekiyo. Omnye unjingalwazi ngezoqoqosho uthi xa ethetha ngemisebenzi efuna amandla: “Loo misebenzi igqalwa njengengaphucukanga kweli hlabathi lithanda izinto ezibhetele.” Akumangalisi ke ukuba ulutsha oluninzi lunqik’ iimpumlo xa kuthethwa ngokwenza umsebenzi ofuna amandla.

Noko ke, iBhayibhile, ikhuthaza imbono eyahlukileyo ngokuphathelele ukusebenza nzima. UKumkani uSolomon wathi: “Akukho nto elunge ngakumbi emntwini kunokuba adle, asele aze enze umphefumlo wakhe ubone okulungileyo ngenxa yokusebenza kwakhe nzima.” (INtshumayeli 2:24) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, kwakulinywa kwaSirayeli. Ukulima, ukuvuna nokubhula kwakufuna amandla amaninzi. Kodwa uSolomon wathi ukusebenza nzima kunokuba nomvuzo omkhulu.

Kwiinkulungwane emva koko, umpostile uPawulos wathi: “Lowo ubayo makangabi seba, kunoko makasebenze nzima, esenza umsebenzi olungileyo ngezandla zakhe.” (Efese 4:28) UPawulos wayewazi umsebenzi ofuna amandla. Nakuba wayesisifundiswa, maxa wambi wayezixhasa ngokwenza iintente.—IZenzo 18:1-3.

Wena ukujonga njani ukusebenza ngezandla zakho? Uyiqonda ungayiqondi loo nto, umsebenzi wezandla ungakuzisela iingenelo ezininzi.

Unokukuxhobisela Ixesha Elizayo

Ukwenza umsebenzi ofuna amandla ngokuzimisela—enoba kukubethelela izikhonkwane okanye kukucheba ingca—kunokukugcina usempilweni. Unokufumana nezinye iingenelo ngaphandle kokuba sempilweni. Ngaba uyakwazi ukutshintsha itayara eligqabhukileyo okanye ukutshintsha ioyile emotweni? Ngaba uyakwazi ukufakela ifestile eyaphukileyo okanye ukulungisa umsele ovalekileyo wamanzi? Ngaba uyakwazi ukupheka? Ngaba uyakwazi ukucoca indlu yangasese, uyishiye ibeth’ umoya? Obu buchule bubalulekile kwiinzwana namaqobokazana, kuba bunokuzinceda zikwazi ukuziphilela ngenye imini.

Kubangel’ umdla ukuba, noYesu Kristu wafunda umsebenzi ofuna amandla ngoxa wayelapha emhlabeni. Wafunda ukuchwela—ngaphandle kwamathandabuzo efunda kuyise wasemhlabeni, uYosefu—kuba wayebizwa ngokuba ngumchweli. (Mateyu 13:55; Marko 6:3) Nawe unokufunda ubuchule obahlukahlukeneyo ngokusebenza ngezandla zakho.

Kunokuvelisa Iimpawu Ezintle Kuwe

Ukusebenza nzima kunokuba negalelo kwindlela ozijonga ngayo. Ebhalela iNational Mental Health and Education Center yaseUnited States, uGqr. Fred Provenzano uthi ukufunda umsebenzi ofuna amandla kunokukwenza “uyeke ukuxhomekeka kodwa uzithembe” kanti “kunokukunceda ube ngumntu ochubekileyo nolungeleleneyo, zinto ezo ezisisiseko sokuphumelela emsebenzini.” Omnye umfana ogama linguJohn uthi: “Umsebenzi ofuna amandla ukufundisa ukuba nomonde. Ufunda indlela yokucombulula iingxaki.”

USarah, ocatshulwe ngaphambilana uthi: “Ukwenza umsebenzi ofuna amandla kundifundise ukukhuthala. Kwandomeleza ingqondo nomzimba.” Ngaba kunyanzelekile ukuba umsebenzi onzima ube yindinisa? UNathan uthi: “Ndifunde ukukuvuyela ukusebenza ngezandla zam. Njengoko ndiphucula ubuchule bam, nomsebenzi wam uya usiba kumgangatho ophezulu. Loo nto indenze ndazithemba ngakumbi.”

Umsebenzi ofuna amandla unokukunika uvuyo lokufeza okuthile. Umfana ogama linguJames uthi yena: “Ndiyakuthanda ukuchwela. Nangona kudina maxa wambi, xa ndijonga into endiyenzileyo ndiziva ndiphumeze lukhulu. Kwanelisa ngokwenene oko.” NoBrian uvakalelwa ngaloo ndlela. “Ndiyakuthanda ukulungisa iimoto. Ukwazi ukuba ndinobuchule bokulungisa into eyonakeleyo de ibe ngathi intsha, kundanelisa gqitha.”

Inkonzo Engcwele

Kulutsha olungamaKristu, ukukwazi ukusebenza nzima kunokubanceda kwinkonzo abayinikela kuThixo. Xa uKumkani uSolomon wanikwa isabelo sokwakhela uYehova itempile entle, waqonda ukuba lo ngumsebenzi omkhulu ofuna amandla nobuchule. IBhayibhile ithi: “UKumkani uSolomon wathumela ukuba kuphuthunywe uHiram eTire. Wayengunyana womfazi ongumhlolokazi wesizwe sakwaNafetali, kwaye uyise wayeyindoda yaseTire, esebenza ngobhedu; yaye wayezele bubulumko nokuqonda ekwazi nokwenza lonke uhlobo lomsebenzi wobhedu. Ngako oko weza kuKumkani uSolomon waza waqalisa ukwenza wonke umsebenzi wakhe.”—1 Kumkani 7:13, 14.

UHiram waba nelungelo elibalaseleyo lokusebenzisa ubuchule bakhe ukuze axhase unqulo lukaYehova! Amava kaHiram abethelela ukuba yinyaniso kwamazwi eBhayibhile akwiMizekeliso 22:29 athi: “Uyambona na umntu onobuchule emsebenzini wakhe? Uya kuma phambi kookumkani; akayi kuma phambi kwabantu abaqhelekileyo.”

Namhlanje, nolutsha olunomnconwana wobuchule bokwakha, kwanolo lungenabo luye lwafumana ilungelo lokuncedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani. Ngenxa yokuba negalelo kwimisebenzi enjalo, abanye bafunda ubuchule obunjengokufakela umbane, ukufakela imibhobho yamanzi, ukwakha nokuchwela. Mhlawumbi ungathetha nabadala bebandla okulo ngendlela onokuncedisa ngayo ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani.

UJames, oye wancedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani eziliqela uthi: “Abaninzi kwamanye amabandla basenokungabi naxesha okanye ubuchule bokuncedisa. Ngoko xa uncedisa, uncedisa ibandla lonke.” UNathan, owafunda ukusebenza ngekonkile, wafumanisa ukuba obu buchule bumvulela enye indlela yokukhonza uThixo. Uthi: “Ndaya eZimbabwe ndaza ndasebenzisa ubuchule endinabo ekwakhiweni kweofisi yesebe yamaNgqina kaYehova. Ndasebenza apho kangangeenyanga ezintathu yaye andisayi kuze ndililibale elo xesha ebomini bam.” Kolunye ulutsha, ukuzimisela ukusebenza nzima kuye kwalushukumisela ukuba lufake izicelo zokukhonza njengamatsha-ntliziyo kwiiofisi zamasebe zamaNgqina kaYehova.

Ukuba nobuchule kumsebenzi ofuna amandla kunokukunceda ukwazi ukuzixhasa. Ulutsha oluninzi phakathi kwamaNgqina kaYehova lungoovulindlela, okanye abavangeli bexesha elizeleyo. Ukufunda ubuchule obuthile kuye kwabanceda abathile bakwazi ukuzixhasa kunokuba bachithe ixesha nemali eninzi kwimfundo yehlabathi.

Indlela Yokufunda

Lizicacele elokuba, enoba unomdla wokuxhasa ngobuchule obuthile okanye ufuna nje ukukwazi ukulungisa izinto ezonakeleyo phakathi kwekhaya, ukufunda ukwenza umsebenzi ofuna amandla kuneengenelo. Kusenokwenzeka ukuba sikho isikolo kwindawo ohlala kuyo nesinokukufundisa ubuchule obuthile. Mhlawumbi, usenokufunda ubuchule obuthile ekhaya. Njani? Ngokufunda ukusebenza ekhaya. UGqr. Provenzano, ocatshulwe ngaphambilana ubhala athi: “Imisebenzi yasekhaya ibaluleke gqitha kulutsha kuba ilufundisa ‘ubuchule obusisiseko bokuphila’ obunokulunceda lukwazi ukuzimela ngenkqay’ elangeni ngaphandle kwabazali xa elo xesha lifika.” Ngoko zimisele ukusebenza ekhaya. Ngaba ingca ifuna ukuchetywa okanye kukho ishelufu efuna ukulungiswa?

Kunokuba ukuthob’ isidima, umsebenzi ofuna amandla unokukuzisela iingenelo ezininzi. Musa ukuwubaleka! Kodwa ‘bona okulungileyo’ kumsebenzi wakho onzima, kuba INtshumayeli 3:13 ithi, “sisipho sikaThixo eso.”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]

Ukufunda ubuchule obuthile kuye kwanceda ulutsha oluninzi lwandisa inkonzo oluyinikela kuThixo

[Imifanekiso ekwiphepha 30]

Abazali banokukufundisa ubuchule obuyimfuneko

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share