Ukuba Evenkileni—Ngaba Kuyinto Nje Yokuzonwabisa Okanye Lulwaphulo-mthetho Olunzulu?
KHAWUBE nalo mbono. Emva kokuba kuvulwe umnyango wevenkile, kungena amantombazana amabini akwishumi elivisayo nanxibe impahla esefashonini. Angena aye ngakwicala lezinto zokuthambisa. Unogada uyawalandela aze eme kumgama omalunga neemitha ezili-10 ukusuka kuwo ebeke izandla ngasemva. Uwajongile njengoko la mantombazana ebuka iilipstick neemascara.
Amthi krwaqu nje, kodwa yena uqhubeka ewathe ntsho. Aqalisa ukuthi phatsha. Enye yala mantombazana iya kubuka into yokuqaba iinzipho yaye ijonga iibhotile eziliqela. Izenza ngathi ayiqinisekanga, ijonga iibhotile ezimbini ezibomvu zento yokuqaba iinzipho. Ibeka enye ibhotile ize ithabathe enye ebomvu kakhulu.
Unogada ujonga phantsi aze ajike ajonge kwelinye icala. Ngokukhawuleza ngokungathi axelelene, la mantombazana afaka iilipstick nezinto zokuqaba iinzipho ezibhegini zawo. Akhangeleka engakhange enze nto, kodwa aziva othukile. Ema epasejini kangangemizuzu embalwa, enye ijonga into yokulola iinzipho ngoxa enye ijonge ipensile yokuqaba iintshiyi.
La mantombazana ayajongana, anqwala iintloko, aze ahambe aye ngasemnyango. Unogada uwavulela indlela, yaye ayancuma xa edlula kuye. Aya kwicandelo leecellphones kufutshane nomntu othengiselayo, ajonga izinto ezilapho. Esebeza athetha ngesingxobo secellphone esenziwe ngesikhumba. Emva koko, aphuma ngomnyango.
Njengokuba ehamba uvalo luyangongoza. Xa kanye ephuma emnyango, ngathi angakhwaza kakhulu, kodwa ayazibamba. Akuba engaphandle, athe phatsha kukothuka. Uvalo olungaphakathi kuwo luya ludamba, kutsho kuthi qabu noko ngoku. Emka apho ekhawulezile, kodwa engakwazi ukuzibamba, ayagigitheka. Anento enye engqondweni: Sibile kodwa asibhaqwanga!
Siyazekelisa nje ngala mantombazana mabini, kodwa oko akwenzayo kuyinto yokwenene. Kuqikelelwa ukuba eUnited States suku ngalunye kubiwa kangangezihlandlo ezisisigidi, kodwa le yingxaki esehlabathini lonke. Njengoko siza kubona, ibangela umonakalo omkhulu. Phofu ke, inkoliso yala masela, ayinikeli ngqalelo ingako kumonakalo omkhulu ewubangelayo. Kwanabaninzi abakwaziyo ukuhlawula bakhetha ukuba. Kutheni?