Ngokuba Evenkileni—Ngoobani Abalahlekelwayo?
UNOVENKILE waseJapan wabhaqa inkwenkwana isiba waza wabiza amapolisa. Athi akufika amapolisa, le nkwenkwana yabaleka. Amapolisa aleqisa. Njengokuba le nkwenkwe yayinqumla esiporweni sikaloliwe, yatshayiswa nguloliwe laza itshoba lalal’ umbethe.
Ngenxa yokuba oku kwakungundaba-mlonyeni, abanye abantu bagxeka unovenkile ngokubiza kwakhe amapolisa. Walivala ishishini lakhe de yadamba loo nto. Emva kokuba elivulile, wabelwa gqitha. Ngoko ke, ekhumbula oko bekusandul’ ukwenzeka, woyika ukuwabamba amasela. Evenkileni yakhe kwakuyinto elula nje ukuba. Kungabanga thuba lide, kwafuneka eyivalile ngokupheleleyo ivenkile yakhe.
Kuyavunywa ukuba, le yayiyimeko enzima kakhulu kunezinye, kodwa ibonisa inyaniso ebalulekileyo. Ubusela bubangela ilahleko enkulu—ngeendlela ezininzi nakubantu abaninzi. Makhe siqwalasele ilahleko enkulu ebangelwa koku.
Indlela Iivenkile Ezizihlawula Ngayo Iindleko
Ilahleko ebangelwa bubusela, ehlabathini lonke ixabisa amawaka ezigidi zeedola nyaka ngamnye. Abanye abantu baqikelela ukuba eUnited States kuphela ilahleko ixabisa ngaphezu kwee-R240 zamawaka ezigidi. Mangaphi amashishini afuna ukulahlekelwa yimali engako? Iivenkile ezininzi azikwazi ukumelana nale ngxaki. Xa abantu besiba ezivenkileni, ukusebenza nzima koonovenkile kangangexesha elide kusenokuba lilize.
ULuke, usomashishini wesiXeko saseNew York uthi: “Ukongezelela kukhuphiswano lweevenkile, ubusela yenye yezinto ezindixhalabisayo. Andazi nokuba siza kuhlala ixesha elingakanani sineshishini.” Akanamali yokuthenga izinto zokubhaqa amasela ze-elektroniki. Ethetha ngamasela uthi: “Nabani na unokuba lisela, nkqu nabona bantu bathenga kakhulu evenkileni yam.”
Abanye bakholelwa ukuba ingxaki kaLuke ayinzulu kangako. Bathi: “Iivenkile zenza imali eninzi, ubusela abenzi mahluko ungako.” Kodwa ngaba ngokwenene kukho ingeniso engako kwezi venkile?
Kwezinye iindawo iivenkile zongeza ama-30, ama-40, okanye ama-50 ekhulwini kwixabiso abalihlawulayo lento nganye, kodwa oko akuyongeniso ipheleleyo. Oonovenkile basebenzisa ingeniso ukuhlawula iindleko, njengerente, irhafu, ukuhlawula abasebenzi namanye amalungelo abasebenzi, ukunyamekela isakhiwo, imali yokulungisa izinto ezisetyenziswa evenkileni, i-inshorensi, umbane, amanzi, amafutha okubasa, ifowuni, nezinto zokuthintela amasela. Emva kokuba ezihlawule zonke ezi ndleko, ingeniso yakhe isenokuba sisi-2 okanye isi-3 ekhulwini. Ngoko ke, xa umntu othile esiba evenkileni, unovenkile ulahlekelwa yinxalenye yengeniso yakhe.
Kuthekani Ngokuba Izinto Ezincinane?
Ngoxa inkwenkwana yayisevenkileni kunye nonina, yaziyela kwindawo apho kubekwe khona iilekese. Apho yaqhaqha ipakethi yeetshokolethi yathatha enye yayithi tshwa epokothweni. Ngaba ukuba izinto ezingaxabisi imali engako kuyayichaphazela ivenkile?
Kwincwadana yayo ethi Curtailing Crime—Inside and Out, iU.S. Small Business Administration ithi: “Ukuba izinto ezincinane kusenokungabonakali kululwaphulo-mthetho olungako kwisela eliba usiba lokubhala apha, lize libe umatshini oncinane wokubala phayaa. Kodwa oko kusenokuwabulala amashishini asazamayo.” Ngenxa yokungafumani ngeniso ingako, ukuze akwazi ukubuyisela ilahleko engangee-R6 000 ebangelwa bubusela ngonyaka, unovenkile umele athengise ezinye iitshokolethi ezingama-900 okanye iitoti zesuphu ezingama-380 suku ngalunye. Ilahleko eshishinini isenokuba nkulu ukuba amakhwenkwana amaninzi eba iitshokolethi. Xa bebaninzi abantu abebayo oko kubangela ingxaki.
Amashumi ezigidi abantu, abaselula nabakhulileyo, izityebi namahlwempu, abantu bezizwe ngezizwe nabaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo, bayeba ezivenkileni. Oku kube nayiphi imiphumo? IU.S. National Crime Prevention Council ithi phantse ishishini elinye kwamathathu eUnited States kunyanzelekile ukuba livale ngenxa yobusela. Alithandabuzeki elokuba nakwamanye amazwe amashishini anengxaki efanayo.
Umthengi Uyalahlekelwa Ngenxa Yobusela
Amaxabiso ayenyuka xa abantu besiba ezivenkileni. Ngenxa yoko, kwezinye iindawo, umthengi uhlawula ii-R1 800 ngonyaka, ixabiso elithe kratya ngenxa yobusela. Oku kuthetha ukuba, ukuba usebenza intsuku ezintlanu ngeveki uze wamkela ii-R360 ngosuku, nyaka ngamnye uhlawula oko kubiwa ngabanye. Ngaba unayo imali engako? Kubantu abadla umhlala-phantsi nabaphila ngenkamnkam okanye oomama abakhulisa abantwana bebodwa, ukulahlekelwa ngumvuzo weveki yonke ngaloo ndlela kusenokubacinezela. Le asikuphela kwelahleko ebangelwa bubusela.
Abantu bendawo ohlala kuyo banokutsala nzima xa ivenkile ekufuphi nabo ivalwa. Ngokutsho kwengxelo, kutshanje ubusela bubangele ikhemisti ethile eMerika ivale. Ukuze bafumane amayeza abo, abantu abaninzi abakhulileyo nabagulayo bamele bahambe iikhilomitha ezimbini ezinesiqingatha besiya kwenye ikhemisti. Elinye igosa lathi: “abanye bekuye kufuneke basebenzise isitulo esinamavili sabaguli yaye oko bekusenza uhambo lwabo lube nzima.”
Abazali Bayachaphazeleka
UBruce yindoda enyanisekileyo yaye ufundisa nabantwana bakhe ukunyaniseka. Ngenye imini intombi yakhe yabhaqwa isiba. Uthi: “Ndandikhathazeke kakhulu. Khawufan’ ucinge nje ufowunelwa uxelelwa ukuba intombi yakho ibhaqwe isiba. Sichithe iminyaka sikhulisa intombi yethu ukuba ibe ngumntu olungileyo, yaye ngoku kwenzeka le nto. Asizange siyicinge into yokuba ingavukela ngale ndlela.”
UBruce wayekhathazekile yintombi yakhe yaye wayecinga ngekamva layo. Ukongezelela, warhoxa kwisikhundla sakhe sokuba ngumfundisi wezonqulo olitsha-ntliziyo. “Bendinokulijonga njani ibandla xa ndimi eqongeni? Bekungayi kuba lula ukubafundisa ngendlela yokukhulisa abantwana. Ndazibona ukuba andifaneleki.” Intombi yakhe yayingacingi nokucinga ukuba oko yakwenzayo kwakumchaphazela.
Indlela Amasela Alahlekelwa Ngayo
Kwixesha elidluleyo, xa abaphathi bevenkile bebhaqe amasela, babewatyityimbisela umnwe baze emva koko bawayeke ahambe. Namhlanje uthi uqala nje ukuba ube usiya kuvalelwa. Andula ke amasela aqonde ukuba ukwaphula umthetho kuba nemiphumo ebuhlungu. Kwenzeka loo nto kwibhinqa eliselula elinguNatalie.
UNatalie wathi: “Okukhona ndisiba, kokukhona ndizithemba ngakumbi. Nokuba ndiye ndabhaqwa ndiye ndicinge ukuba, ukuhlawula iindleko zegqwetha nezenkundla kungaphantsi kwimali yokuthenga iimpahla ezixabisa intywenka yemali.” UNatalie wayephazama.
Wabhaqwa esiba ilokhwe, waza wabanjwa ngamapolisa. Kwisikhululo samapolisa, kwathatyathwa iimpawu zeminwe waza wavalelwa esiseleni nezinye izaphuli-mthetho. Apho wahlala ixesha elide elindile ngoxa abazali bakhe babelungiselela ukuba akhululwe ngebheyile.
UNatalie uthi kuye nabani na ocinga ngokuba: “Ndikucebisa ukuba kunokuba uyibe suka nje uyithenge loo lokhwe okanye ibhulukhwe.” Ukuba ukhetha ukuba, uya “kuzisola ixesha elide.”
Ukuba nengxelo yolwaphulo-mthetho kubangela ukuba uzisole. Abo bakhe babanjwa ngenxa yokuba kwabo evenkileni, baziva bephoxekile kuba kusoloko kubathe mbende, kunjengebala eliselokhweni okanye ehempeni. Ukuze afumane imvume yokufunda eyunivesithi lowo uba ezivenkileni kufuneka aluchaze ulwaphulo-mthetho awalwenzayo. Kusenokuba nzima ukuba afundele ubugqirha, ukuba ngugqirha wamazinyo, okanye ukuzoba iiplani zezakhiwo. Iinkampani zisenokuba mathidala ukumqesha. Yaye ezi ngxaki zisenokubakho nakubeni usenokuba ulihlawule ityala lakhe yaye khange aphinde abe.
Ukuba evenkileni kusenokulichaphazela isela enoba alibanjwanga. UHector, ebekukhe kwathethwa ngaye kolu ngcelele, wakufumanisa oku. Uthi: “Akazange abhaqwe esiba.” Kodwa kwafuneka ejamelene nemiphumo yezenzo zakhe. Uthi: “Ndicinga ukuba abantu abaselula bafanele baqonde into enye: Uvuna oko ubukuhlwayele. Kwanokuba amapolisa akazange akubamba, uya kujamelana nemiphumo yezenzo zakho.”
Ukuba evenkileni lulwaphulo-mthetho oluchaphazela bonke abantu, yaye amasela aya kuhlawula ngezinto azibileyo. Nabani na oba evenkileni ufanele awushiye lo mkhwa ngokupheleleyo. Kodwa isela linokuwafumana njani amandla okuyeka ukuba ngokupheleleyo? Ngaba olu lwaphulo-mthetho lunokuze luphele?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ukuba ezivenkileni kuyawabhangisa amashishini
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Wonke umntu uyahlawula ngenxa yokuba evenkileni
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
Ukuba evenkileni kuyalichaphazela ikamva lakho
[Inkcazelo]
Fingerprints: © Morocco Flowers/ Index Stock Imagery