IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 7/8 iphe. 25-26
  • Ukuyeka Ukuba Evenkileni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuyeka Ukuba Evenkileni
  • Vukani!—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Uncedo Lokulungisa Indlela Yokucinga
  • Ukupheliswa Kobusela
  • Ngokuba Evenkileni—Ngoobani Abalahlekelwayo?
    Vukani!—2005
  • Kutheni Abantu Besiba Ezivenkileni?
    Vukani!—2005
  • Ukuba—Kutheni Kungafanelekanga?
    Vukani!—1995
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 7/8 iphe. 25-26

Ukuyeka Ukuba Evenkileni

“Ukuyeka ukuba asiyongxaki nje yakho kuphela, kodwa yingxaki yabantu abaninzi; abantu bayazuza xa ubusela bungekho.”—“EVERY RETAILER’S GUIDE TO LOSS PREVENTION.”

UKUBA EVENKILENI, njengezinye izenzo ezibi, kuyayichaphazela indlela umntu acinga ngayo, kumbangela ukuba abe nesingxengxezo. Ngoko ke, njengomlimi oncothula ukhupha neengcambu, abo bafuna ukuyeka ukuba kufuneka bazishenxise ngokupheleleyo iingcinga ezimbi. IBhayibhile iyasiluleka kumaRoma 12:2 isithi: ‘Tshintshani ingqondo yenu.’ Kweyoku-1 kaPetros 1:14 isibongoza isithi: “Musani ukumilisa ngokweminqweno enaninayo ngaphambili.” Ezi ngongoma zintlanu zilandelayo zinokunceda lowo uba ezivenkileni atshintshe indlela acinga ngayo ngobusela.

Uncedo Lokulungisa Indlela Yokucinga

◼ Okokuqala, ukuba evenkileni kunxamnye nomthetho. Ubusela busenokuba yinto eqhelekileyo apho uhlala khona, yaye usenokungabhaqwa naxa ubile; kodwa xa ulisela wophula umthetho.—Roma 13:1.

Yintoni eyenzekayo xa abantu abaninzi besaphula umthetho? Ngokutsho kweBhayibhile, “umthetho undindisholo.” (Habhakuki 1:3, 4) Ngamanye amazwi, abantu bakufumanisa kunzima ukubambelela emthethweni, nto leyo ebangela ukuba kungabikho cwangco. Ngalo lonke ixesha kukho umntu oba evenkileni, uyenza buthathaka imigaqo yokuziphatha yabantu abathobelayo. Xa oku kusenzeka, bonke abantu bayabandezeleka.

◼ Okwesibini, ukuba evenkileni kwenza abantu bangathembani. Ukunganyaniseki okunjalo, kwenza buthathaka ubuhlobo bethu kwakunye nabanye, kwenza kube nzima ngabo ukuba baqondane baze baqhubane ngokungenamkhethe omnye nomnye.—IMizekeliso 16:28.

“Eyona ntsilelo yam kukubathemba kakhulu abantu.” La mazwi athethwa ngusomashishini wevenkile yempahla emva kokuba ishishini lakhe labhanga ngenxa yobusela. Wayebathembe kakhulu abantu abeze kuthenga nabasebenzi bakhe ukuba soze bambele. Ngoku uvakalelwa kukuba wayethembe abantu ababengafanele bathenjwe.

Omnye umntu usenokuthetha ubuxoki komnye yaye usenokuzenzela igama elibi. Kodwa abo beba evenkileni babangela ukuba oonovenkile bakrokrele nabani na ongena evenkileni yabo. Nabantu abanyanisekileyo baye bacingelwe ukuba bangamasela. Akukho mntu unelungelo lokuthi nje nabani na ulisela.

◼ Okwesithathu, ukuqhela ukuba evenkileni kusenokukukhokelela kolunye ulwaphulo-mthetho olunzulu. Ekuhambeni kwexesha, usenokuzibona sele ufuna ukuba izinto ezinkulu.—2 Timoti 3:13.

Ukupheliswa Kobusela

◼ Okwesine, nokona kubalulekileyo, umntu oba evenkileni umchasile uThixo uSomandla. ILizwi lakhe lixelela amasela ukuba “angabi seba,” yaye lilumkisa ngomgwebo kwabo bamgatyayo. (Efese 4:28; INdumiso 37:9, 17, 20) Kodwa uYehova uyawaxolela amasela aguqukayo. Anokuba seluxolweni noThixo.—IMizekeliso 1:33.

◼ Okwesihlanu, ukuba evenkileni, njengalo lonke olunye ulwaphulo-mthetho, kungekudala kuya kuba yinto yexesha elidluleyo. Xa uBukumkani bukaThixo bulawula ngokupheleleyo emhlabeni njengokuba kuthenjisiwe eBhayibhileni, abantu baya kuphathana ngokugqibeleleyo nangokunyanisekileyo. Siya kufumana isiqabu kumaxabiso aphakamileyo abangelwa bubusela.—IMizekeliso 2:21, 22; Mika 4:4.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 26]

IINDLELA ZOKUTHINTELA UBUSELA EZINGABIZI MALI INGAKO

Amanye amashishini amancinane asenokungakwazi ukuthenga izinto zokuthintela ubusela ezibiza imali eninzi. Kodwa oko akuthethi kuthi akakwazi kuzikhusela kumasela. Amaxesha amaninzi amashishini anokukhusela izinto ezisevenkileni ngokuthabatha amanyathelo alula.

Kwimpapasho abayibhala bobabini, uMichael Brough noDerek Brown abangabecuphi bathi xa begxininisa imfuneko yokujongwa kwabantu abaze kuthenga. “Bajonge bonke abantu. . . . Wena nabathengisi ningabona bafanele bakhusele ivenkile.” Bacebisa indlela onokumngena ngayo umntu omrhanela ukuba lisela, usenokuthi: “Ngaba sele uyifumene into oyifunayo? Ndicela uyibeke ngasematshinini, ukuze uyihlawule.” “Ndingakusongela loo nto?” “Ingaba loo jezi iyakulingana?” “Ndingakuphathela ibhaskithi?” Abecuphi bathi: “Oku kwenza abantu abaze kuthenga, kuquka namasela, baqonde ukuba abathengisi bayababona yaye banomdla kubo.”

Ngokuphathelele indlela yokubekwa kwezinto, bathi: “Gcina iishelufu zakho zizele yaye izinto mazibekwe kakuhle. Ukumana uzihlola iindawo ekubekwe kuzo izinto kuya kwenza ukuba uzazi, yaye xa zibekwe kakuhle, oko kuya kwenza ukuba kube lula ukubona xa kukho into ekhe yaphathwa okanye engekhoyo.”—Every Retailer’s Guide to Loss Prevention.

URussell Bintliff ongumcuphi ucebisa esithi: “Iipaseji ezithe gabalala neeshelufu ezizeleyo zenza abaqeshwa bakubone kakuhle oko kwenziwa ngabantu abeze kuthenga. Ngokuhamba epasejini umqeshwa usenokumbona umntu amrhanelayo, usenokuyifumanisa into elahlekileyo aze, ezenza ngathi ubala isitokhwe, ayibone into esetrolini okanye ebhaskithini yaloo mntu. . . . Amasela asenokuyiqonda into eyenzekayo; abantu abaze kuthenga abanyanisekileyo basenokungaboni nokuba bajongiwe.” Ngokuphathelele oku, uthi: “Indlela izinto ezibekwe ngayo ezishelufini ifanele yenze ukuba abantu abaze kuthenga babonakale kakuhle kubantu abathengiselayo [nakunovenkile].”—Crimeproofing Your Business—301 Low-Cost, No-Cost Ways to Protect Your Office, Store, or Business.

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Ukunyaniseka kukhuthaza ukuthembana yaye kwakha ubuhlobo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share